Inkcazelo yamaphupha

IPHUPHA: Camagu tata, ndicela undilawulele eli phupha. Ndiphupha kusenziwa umsebenzi ekhaya, indlela endigula ngayo ngoku kwenziwa lo msebenzi. Xa kufikelela ixesha lokuba kuyiwe kwinkundla yasekhaya, mna andikwazanga ukuya kuba ndigula. Ndiye ndayothathwa ngaphakathi endlwini kusithiwa mandize ndithethe notata wam. Ndaya, xa ndifika utata wam ndimbona engaphakathi ebhokisini ezibhijabhija kuyo. Ndizamile ukuthetha naye kodwa andakwazi ndalila, lasuka laphela ilizwi lam, uye wazolula kule bhokisi wanaba, wandibuza ndililiswa yintoni, andikwazanga kumphendula , wandibuza ndiya gula nyani na, ndothuka emva koko.

IMPENDULO: Kuyacaca ukuba imeko yakho ayintlanga ncam. Umsebenzi lowo ubuwubona ewe ngowakho kwaye uza kulungisa into eninzi engakuhambeli kakuhle, zama ukudibana nabantu bakulo yihlo ukuze bakucebise ngekumele ukwenza kuba kuyacaca ukuba ininzi into engahambi kakuhle kwicala likayihlo.

IPHUPHA: Ndibulisile, ndicela ukuncedwa ngokucaciselwa ngamaphupha am. Elokuqala iphupha endivuke nalo phezolo ngunonkala omncinci ongathi ungasiso nesigcawu, xa usondezwa kum ndiyawuphepha. Kwelesibini ndiphupha ndime nomninawa wam sinyukwa yinyoka engankulwanga kakhulu, iyakhanya ngokwebala, imthubi le nyoka kuthwa yeyefemeli kodwa ndothuke isanyuka le nyoka.

IMPENDULO: Camagu, amaphupha akho omabini abonisa ukundwendwelwa zizihlwele zakowenu. Xa zifikile ke kufuneka zenzelwe umsebenzi ngokwesintu, lo msebenzi ke uxhomekeke kuwe. Kwaye ezo zihlwele zizisa amathamsanqa kuwe.

IPHUPHA: Itshomi kadade wethu iphuphe mna senditshatile kodwa akandazi, waxelela udade wethu ze udade wethu ngengomso waphupha mna nditshata ngokwesintu. Lithetha ukuthini?

IMPENDULO: Ukhona umntu omaziyo oza kutshaba.

IPHUPHA: Ndiphupha kufika itshomi kodwa ayiseyotshomi ngoku, ifike ndivasa izitya ihlale ebhedini yam, ndizixelele kum ngaphakathi ukuba uzawuthi uphakama kwakhe ndiyitshize ibhedi, ndigqibe ukuvasa izitya, athi ungachophi ebhedini nje awudinwanga, ndizulise ndimbone sedlala nomntanam ngebhola yeplastiki, qha ndingayiqondi le bhola ngoku isekumnikazi ngoba ingathi inayo into eshukumayo, ndisondele ayifihle kuye esiswini abize umntakwabo, athi makaye egalini lakhe afike abeke le nto efrijini, ndiqonde mandimlandele lo mntana, ndifike seyibekile le nto, ndimthibaze umntwana, ndikhuphe le nto efrijini, ndive nanku esiza umnikazi ndizimele ndimkrobe, ndibone uyakhangela ndivele ndithi nantsi, ndiyityhile ngumpha wombona ubethelelwe nkqi isikhonkwane sibotshelelwe itshobana nje leenwele kwancuntswa neentsiba ezimbalwa. Ndathi yintoni le? Yhoo! wanditsibela ndambetha ngela cala linesikhonkwane watyhafa, wawa phantsi. Ingaba lithetha ntoni?

IMPENDULO: Iphupha eli likuvula amehlo ngobungozi bomntu osondeleyo kuwe nokuba sisizalwane okanye isalamane. Hlala uvule amehlo ukuze ungagaxeleki ezintweni ezimbi.

IPHUPHA: Molweni. Ndicela ukuncedwa kweli phupha, ndingumntu oko ezama umntwana. Ndacetyiswa kuba ngamaxesha odibana nomyeni wam kodwa rhoqo ndiziphupha ndihlamba (menstruate) ngala maxesha. Ingaba lithetha ukuthini eli phupha? Camagu.

IMPENDULO: Camagu. Khumbula ukuba nangona thina singabantu sineminqweno yethu ngokuphila, nabo bazizihlwele zethu banezabo iinjongo ngathi. Wena usenokuba uyamfuna umntwana naphantsi kweziphi iimeko de ulibale noko kufanelekileyo ekumele ukwenze. Khumbula ukuba ngamanye amaxesha ukungafumani bantwana kubangelwa zizikhalazo izinyanya zethu ezinazo ngakuthi. Kuba nawe kule meko yakho kukhangeleka njalo kuba kaloku igazi elo ngumfuziselo wento ekufuneka ixheliwe ukuvulela wena indlela kwiimeko zobomi. Hlangana ke nabantu bakowenu kulungiswe ezo ziphene wenzelwe oko kufanelekileyo ngokwesiko lakowenu. Le isenokuba yintambo yekhaya okanye isiko lembeleko.

IPHUPHA: Camagu bawo. Ndicela ukucaciselwa ngephupha elike landifikela. Ndiphuphe ingathi le ndlu endihlala kuyo nosapho lwam iwile bhu phantsi kwaye ndishiyeke ndedwa ndimile, ndibangajonga andiboni mntu, ndim ndedwa kuphela ndothuka.

IMPENDULO: Ngumbono ombi lowo, kuba kaloku ithetha ngokubhanga kwekhaya elo. Oku kusenokubangelwa yimimoya emdaka okanye ukutshikilela kwenu amasiko nezithethe zenu.

IPHUPHA: Molo. Ndicela ukubuza eli phupha. Ndiphuphe ndisekhaya, ndibone umama endlini enkulu ephethe inyoka engathi ungumntu ogqibo yibetha qha ayikafi, ndoyijonga ndiyithathe ndiyibethe ife, ndiyitshise, liphele kanjalo.

IMPENDULO: Kuyacaca ukuba kufuneka nikhucule ikhaya elo kuba zininzi izinto okanye imimoya engendawo ejikeleze ikhaya elo lenu.

UMphilisi uyafumaneka nakuFacebook, khangela uMphilisi The Healer apho okanye usithumelele iphupha lakho kuWhatsapp: 063 743 9538

*www.umphilisi.co.za