Inkcazelo yamaphupha

IPHUPHA: Ndinephupha elindimangazayo. Ndiphupha intokazi endivana nayo. Yena usemakhaya, mna ndilapha eKapa, ndiphupha endifowunela esithi ebeye esibhedlele eyokubeleka kodwa akabelekanga. Ndothuke lo nto, xa ndibuza kuye ba umithi na zange andiphendule. Ndabe sendisothuka ebuthongweni.

IMPENDULO: Kuyacaca ukuba kukhona okungahambi kakuhle ngomhlobo wakho. Kukho ibholo eliza kuqhaqheka kungekudala.

IPHUPHA: Ndicela ukubuza xa uphupa umakhelwane wakho ekhulelwe ade abeleke kuthetha ukuthini?

IMPENDULO: Kukhona iintsikelelo okanye amathamsanqa azayo kuwe. Oku kusenokuba ngumsebenzi okanye ishishini.

IPHUPHA: Camagu tata. Ndicela undilawulele eli phupha. Ndiphupha ndigqiba kuhlamba umzimba, sele ndiphumile emanzini, ndibone kusehla intambo yesigcawo. Ndisaqwalasele njalo ndibone sele kungena eza zigcawu zinemilenze emide kula manzi bendivasa kuwo, ndithi ndisabukele ndibone la manzi ingathi kukho into ewazamisayo, kodwa indlela azamiseka ngayo ibe ngathi kungene into enkulu engaphezu kwesi sigcawu. Mna ndisibone singena kodwa akukhonto ndiyibonayo ngamehlo qha amanzi wona ayazamiseka. Ndithe ndisoyika ndinjalo kungene udade wethu azame ukukhupha le nto ikula manzi. Uthe akuyikhupha ndibuze yintoni le ? Athi yinkawu le, ibe ilintshontsho elincinci lenkawu libulungana nentshontsho lekati. Ndicela undilawulele.

IMPENDULO: Iphupha lakho lizama ukubonisa ukuba inkqubela ayikho kuwe kwaye lo nto ibumise ngxi ubomi bakho. Kuyacaca kanjalo ukuthi wena ungumntu onengulo emhlophe. Zama ke ukhe uyowusabela lo mba ngokukhawuleza ukuze uzokufumana isisombululo.

IPHUPHA: Camagu tata. Ndicela ulawule nali iphupha, ndiphupha ingathi ndisesikolweni sinikwe itest engumqulu wencwadi sibhale, kuthiwe masimeni sime nyhani ukubhala, ajikeleze lo mntu usibhalisayo andilungise, athi ndibhale rongo, ndikrazule ndiqalele wonke umntu wenza njalo, ndabhala ndikhuphela kwala nto ngoba ndibona iright, kuwrongo le yakhe umntu ubhala ase agoduke lilahleke elam, caba lithathwe ngosecalen kwam, sishiyeke sibabini ngoku ndiyakhangela, athi lo ushiyeke nam, liyeke sulikhangela uza wunyusa umoya wakho, ndithi kaloku ndiza wushiyeka ndedwa, ngoku apha ngoba ndiyaxakwa nawe uza wundishiya andiyazi ngoku le test ela phepha beliryt ndothuke. Ingaba lithetha ntoni?

IMPENDULO: Yintwaso leyo kaloku kube ibonisa isiqalo esitsha ebomini bakho.

IPHUPHA: Ndingumntu osokoliswa ke yimpilo kodwa andingeke ndikuxelele ukuba ndinantoni kuba andiyazi okanye andisayazi, ndihambile abantu bebona ke izinto ezahlukeneyo bambi bathi ndinabantu abadala bambi bathi ndinesihlwele samanzi, bambi bathi ndinedliso, bambi bathi ndinentwaso, kodwa apha ezintsukwini ndibona endlini endilala kuyo ephupheni ngaphakathi kukho itephu, le tepu ndithe xa ndingena endlini omnye wabafana ndifike belapha wayivulela amanzi agcwala indlu, la manzi mahle acwengile, ngoku okundihlukumezayo kokokuba ingaba le nto inento yokwenza nale nto yentwaso okanye esi sihlwele samanzi?

IMPENDULO: Ingathi ngowukhe ulandelele la mazwi aba bantu bathi unabantu abadala wenze omele kukwenza kuba silapho isisombululo. Nephupha eli lakho lingqina lo nto.

IPHUPHA: Ndinephupha elinye endisoloko ndiliphupha, ndiphupha ndinyuka endaweni enyukayo okanye ndicangcatha ethambekeni, ndisokole ndizama ukunyuka kodwa ekugqibeleni ndide ndiphumele. Ukuba ndingakhe ndifumane intsingiselo ndingavuya kuba liyaphindaphinda.

IMPENDULO: Camagu. Kumele ze liphindaphinde de nawe ube kanti wenza into ngalo. Eli phupha lizama ukufaka uxinzelelo kuwe isizathu isenokungananzi izinto zesintu nemisebenzi ekumele uyayenza ekhayeni lakho. Ngoku kuza izibetho eziza kubumisa ngxi ubomi bakho, de ube kanti wenza le nto ifunekayo.

IPHUPHA: Ndiphupha ifowuni yam isiwa phantsi yazingceba. Xa ndizama ukuyidibanisa akhange idibane ivele yashiyeka izingceba. Lithetha ukuthini?

IMPENDULO: Nangona kubalulekile ke nje ukuba siziqhelanise nobuxhakaxhaka bala maxesha bukwayingxaki kwindlela yethu yokwenza izinto ingakumbi amasiko nezithethe zethu. Sinokulibala izinto eziluncedo kuthi neziza kusiphathela impilo. Ngoko ke izihlwele zakho zitsala umdla wakho kuzo kuba wena awunalo ixesha lazo. Khawuzame ke uphucule unxibelelwano lwakho nabantu bakho abaphantsi.

Umphilisi uyafumaneka nakuFacebook, khangela uMphilisi The Healer apho okanye usithumelele iphupha lakho kuWhatsapp: 063 743 9538

*www.umphilisi.co.za