Inkcazelo yamaphupha

IPHUPHA: Camagu! ndiphuphe umfana wasekhaya esesibhedlele egula kakhulu.

IMPENDULO: Chosi. Amaxesha amaninzi ukuphupha umntu esesibhedlele xa engaphilanga sukube lichaza ukuthi uzophila. Ngelinye ixesha uyakwazi ukuphuphela omnye umntu ongenguye lo umbona ephupheni.

IPHUPHA: Camagu mhlekazi wam omhle. Ndithe ndilele phezolo, ndaphupha ngathi kunecawa yaseZion engenele kwaronta omkhulu wodaka, kule cawa kukho nabantu abangakholelwayo kwicawa zomoya, ingathi ke lo mama ungumfundisi wale cawa ukwaligqirhakazi uyakhala, kwaye ukhalela phezulu, ingoma nesigubhu azimanga ziyatsho, ngathi kubekho mama uthile wezi cawa zosindiso amngxolise ukuba makayeke le nto ayenzayo uyabangxolela, ingathi akhale umama umfundisi, nako ke mna ndisondela kuye ndimgone, ndithethe naye endlebeni ndimxelele ukuba ‘sukhala mama kaloku, abanye abantu abakholelwa kule nkolo yobugqirha,’ ingathi avuye umama umfundisi kukubona ukuba ukhona umntu omsekelayo, asuke kum encumile ayokuxelela utata umfundisi athi, ‘tata sendimfumene umntu endizosebenzisana naye,’ into eye yalandela siye saphinda sangena icawa kwakhona, kulapho ke ndizibone sendijikeleza ndodwa esiguqweni ixesha elide ndothuka. Ngoku ndiphethwe ngumbilini ndiyazama uwudungudelisa kodwa uphinde ubuye, ingaba lithetha ukuthini elo phupha mhlekazi, camagu.

IMPENDULO: Camagu, kuyacaca ukuthi njengoba nivana nje ephupheni nomama lowo kungenxa yomshologu onawo nawe. Zama ke ukufuna iindlela zokukunceda kweso simo.

IPHUPHA: Ndandigula yintloko, xa seyindiphethe yayibangathi iyabila ndiphume iinyembezi kodwa andikhali. Ndanephupha elinye iveki yonke. Ndinikwa intsimbi emhlophe yentloko neyomqala neyesihlahla, ndimana ndingalihoyi eli phupha. Kodwa ndagqibela ndiyifaka kuba kwavela umakhulu endingamaziyo, endingxolisa esithi ufuna ude ufe na uzube uyayifaka le ntsimbi, ndayifaka ndaphila kwintloko. Ndicela ukubuza ke mhlonitshwa ukuba ayindisi entwasweni na?

IMPENDULO: Camagu. Ikusa nqo khona. Okulandelayo kukuba uvume qha wena.

IPHUPHA: Camagu tata, ndivuka nephupha ngoku, ndingumntu ophangela ebusuku, ndibona ndisendlwini enkulu yakudala ngathi umalumekazi uyangqusha umbona, ungumntu ongaboniyo ngenxa yempilo, apha phandle kunegoqo leenkuni zomnga omdala eziqoqiweyo kakuhle ngulo mntu ebezitheza, ngathi ndingena kule ndlu inkulu ingeyoyasekhaya kodwa ndifike ndibenentliziyo ebuhlungu ngumalumekazi, ndimange sangane, ndikhale futhi kakhulu, ndothuke ndikhala, ndicela isisombululo seli phupha. NguThina kuKomani. Enkosi!

IMPENDULO: Ngumsebenzi lowo ofunekayo ekhayeni nohlanganisa izilo zonke zekhaya.

IPHUPHA: Ndiphuphe ndibona abelungu emlanjeni endingazange ndawubona mna. Suke ndatsalelwa ngaphakathi libhinqa elinemehlo ngathi elitiki ndaphela ndithandana naye qha iwari yam zimpahla endisandula kuzithenga zokunxiba kuba ndicinga baza kundililela emva ekhaya ndiphele ndisifa. Ingaba lichaza ntoni eli phupha ? NdinguBongani umXesibe wakuGatyana eNtlabane ilali, kodwa ndiseKapa okwangoku.

IMPENDULO: Khawukhe uthabathe iintonga uyokuwusabela lomba kuba unobuzaza nanjengoko uza kuchaphazela ikamva lakho. Chosi!

IPHUPHA: Camagu tata. Ndiphupha ndihamba nabantu ababini endihlala nabo siwela umlambo endingawaziyo, ndibeleke usana endingalwaziyo. Bawele aba ndihamba nabo bandilinde ngaphesheya, kunzima kum ndoyika ukumka namanzi. De ngelingeni kuqhamke umfana endingamaziyo andiweze, ndiphaphame ebuthongweni. Camagu! NdiseMbizana.

IMPENDULO: Wena amatyeli amaninzi abantu bakowenu bayavela emathongweni bekubizela ubugqirha wena uyala. Lungisa ke kungekonakali.

IPHUPHA: NdinguMaNxasane eMthatha, ndinengxaki yephupha, ndiphupha nditshone emlanjeni, mhlawumbi ndihambe endaweni enodaka, ndithi ndisahamba njalo ndivaleleke kube neendonga ezinde ndingakwazi kuphuma kweliny’ icala kube nomlambo.

IMPENDULO: Eli phupha libonisa imeko okuyo ngoku nebangela izinto zingahambi ngendlela ukuba loo meko ayidalwanga. Kwaye isisombululo sayo sikumanyage akowenu ngokuthi wamkele lo nto uyiphathisiweyo. Camagu!

IPHUPHA: Camagu mntomdala, ndicela ukucaciselwa eli phupha, ndiphupha ngathi ndisekhaya endlini enkulu, ingathi kuvele kuwe inyoka apha phezulu ize phantsi ibaleke iphume, ingathi ndiyileqe ndiyithela ngetyiwa ndithandaza ivele ijike ibengathi yizebra umbala wayo, ibe nkulu, ndiyileqe ndithandaza, ivele ibeyingwe emhlophe qhwaaa, ingathi ndiyihlangabeze ndithandaza ndingayekanga, ibe iza kum ndothuka. Ndicela ukucaciselwa. Enkosi!

IMPENDULO: Camagu. Asinyoka imbi leyo okanye yakugalelwa ityuwa kuba zizihlwele zakho ezo. Wena zamkele ngendlela ekwenziwa ngayo ekhayeni lakho ukuze uzofumana impilo namathamsanqa.

IPHUPHA: Kosi lam, ndinephupha, ndiphupha ngathi ndiwela umlambo omkhulu, xa ndiwela umlambo agcwale ndiphakathi naphakathi kulo mlambo ndimke namanzi kodwa ndizibone sendihlangulekile kulo mlambo. Kwakhona iphupha elilandelayo, ndiphupha ngabantu abasweleka kudala omnye wabo kubo ngu makazi wam endakhulela kuye kunye nokanina wam ongasekhoyo naye, ngathi ndincokola nabo kumnandi kungekho nto bayifunayo oko ndisoloko ndithetha nabo emaphupheni, ndicela nindicacisele la maphupha andiwazi ukuba athetha ukuthini, enkosi.

IMPENDULO: Wena unesiphiwo sobugqirha. Zama ke uhlanganise abantu bekhaya lakho ukuze nibonisane ngomkhomba-ndlela.

IPHUPHA: Kobu busuku ndivuke neli phupha, ndibanjwa yintombazana ifuna ukulala nam. Ndathabatha ubhutshu ndiyibulala. Ndagqiba ndaqonda emapoliseni. Ndiyozinikezela. Ndaleqwa lulutsha lwasehaya kuthiwa mabandibulale. Kodwa oqale wafika kum undinike i-okapi. Wathi mandizilwele yena akazondenza nto. Lithetha ntoni? Andifikanga kodwa emapoliseni.

IMPENDULO: Lungisa izinto zamasiko akowenu kungekonakali, kuba kuyacaca ngokwephupha eli ukuba kuzoba kubi xa ezi zinto zifunekayo zingenzeki.

Umphilisi uyafumaneka nakuFacebook, khangela uMphilisi The Healer apho okanye usithumelele iphupha lakho kuWhatsapp: 063 743 9538