Inkcazelo yamaphupha

IPHUPHA: Ndiyazibulisela, ndineliphupha ndili phuphe izolo. Ndiphuphe ndincokola nenye intombi endandifunda nayo, kweli phupha kukho usisi wakhe endingamaziyo. Sime sobathathu usisi wakhe unamawele apha ephupheni, asesebeleni elinye iwele lifunqulwe ngulo ndandifunda naye, elinye lihleliswe ebhafini kunye nolunye usana olungaphambili apha kula mawele ngozalwa.N dicela uyazi yithini eli phuph?. Enkosi.

IMPENDULO: Camagu. Iphupha eli kukho apho liya khona kodwa lizak ufuna ukuba ube nomonde kuba alikapheleli liza kubuya livele kwakho.

IPHUPHA: Camagu ndiphuphe ngathi kukho bantu banxibe impahla emhlophe oku kwasePostile badlule xa ndisehla ngendlela; nanku umlambo amanzi engathi bekunetha kuvele omama baseZiyoni benxibe iilokhwe zimhlophe nebhanti ezimthubi namhlophe neqhiya zikwanjalo ndajika xa ndibona lo mlambo ndothuka. Camagu.

IMPENDULO: Sabela uyabizwa. Iphupha lakho libonisa kanye indlela ekufuneka wena uhambe ngayo.

IPHUPHA: Camagu! Ndisokoliswa liphupha qho xa ndisebenza ndiphupha ndisilwa nenyoka okokuqala ndayiphupha ndiyibetha yabaleka ndadunjelwa zinyawo kwinyanga ephelileyo ndaphinda ndayiphupha kukho umntu ongumama endijula ngayo yandinqola ngomsindo ndaphakama ndayinyathel entloko yafa emva kweentsuku ezimbini ndophuka eqatheni kwakelanyawo ndandityumza ngalo.

IMPENDULO: Camagu. Lungisa ukuhlala zama ukufuna uncedo ngokukhawuleza ukuze uzokulwisana nalomoya umdaka.

IPHUPHA: Camagu tata, kuthetha ntoni ukuphupha umpathi wam endinika into engathi likhadi encumile? Ndiphinde ndiphuphe umama wam ophilayo endinika iR10.

IMPENDULO: Camagu. Mawakuvuyise kaloku omabini la maphupha kuba kutsho into entle ezayo kwelakho icala. Iindaba ezimnandi zezokuba nasemsebenzini kukhona okuncumisayo okuza kuvela.

IPHUPHA: Camagu ndiphuphe kukho umsebenzi webhokhwe kwafika ithuba lokuphaka zitshile zombini ithini lonto apha ekhaya esituphini kuhlume isithole sempepho esamenteni ithini lo nto.

IMPENDULO: Iphupha lisisikhumbuzo ngomsebenzi oquka abantu bekhaya abanentsimbi emhlophe. Kukho kumnombo wakho umntu owabe eligqirha nekungazange kwenziwe msebenzi esakuba etshabile.

IPHUPHA: Molo tata ndinephupha elinditahndayo ndiphupha ndithengela umyeni izihlangu kodwa andide ndiyifumane isayizi yakhe.

IMPENDULO: Camagu. Kukho nto izakukhwanqisa nozakuyiva ngokunxulumene nomyeni wakho, uze ke usebenzisa ubunono nobugcisa ukusombulula eso sizekabani.

IPHUPHA: Xa uphupha uqhuba iinkomo uziyeke entlakwakowenu wethuke lithetha ukuthini?

IMPENDULO: Camagu. Eli phupha lichaza umsebenzi ofunekayo ekhayeni.

IPHUPHA: Baba, Ngiphuphe umfowethu omncane epheka amabhodwe esiZulu ebaleni ekhaya, phansi.

IMPENDULO: Camagu. Umfowenu kumele enze umsebenzi wesiNtu.

IPHUPHA: Camagu mhlekazi…ndiphupha ubhuti wam elipolisa sele wasweleka kodwa kwaye zange abelilo polisa…ndicela undicacisele.

IMPENDULO: Iphupha lakho libonisa ukuba ubhuti wakho ucinga ukuba namlibala kuba kungazange kubekho kwanto ayenzelwayo esakutshaba khanidibane ke nilikhaya ukuze nivumelane ngekumele kwenziwe.

IPHUPHA: Tata ndicela ukubuza xa uphupha utyiwa yinyoka ithetha ukuthini lo nto. Kwaphinda kwangobuku bunye umfazi wam uphupha ndilenqwa ngompu yena umeza wam uthi undiphuphe ndifuna ukumdubula.

IMPENDULO: Kukhona umoya omdaka okuchwechwelayo nozakuzisa inkxwaleko kuwe funa uncedo ngokukhawuleza.

IPHUPHA: Ndicela ukubuza ndiphupha imali engamaphepha neenkukhu ezinamantshontsho amaninzi.

IMPENDULO: Iphupha lakho alichazi nto intle kwaphela ndicebisa ukuba ukhe ufumane uncedo kuba okulandelayo emveni kweliphupha kokubi kodwa.

IPHUPHA: Camagu, Kusho ukuthini ukuphupha udla ikhekhe ulinikwa umuntu osebenza naye oyiNdiya. Mese kuvela umngani wami ngimuphe naye.

IMPENDULO: Ukuba wena ungumntu wesifazane oku kutsho ukukhulelwa kodwa xa ungumntu oyindoda kutsho ukuphuncukana nento ebisele isemehlweni akho.

IIPHUPHA: NdinguMagaba ophupha zonke iintsuku ndingakubalela nje ambalwa endicela undilawulele wona. a) kukho lo mfana ndimphupha eyolobola okanye ndimazisa ekhaya okanye siyatshata ingabe ngumyeni wam ngoba anditshatanga? b) ndikhe ndaphupha umlungu ngasentla yintlanzi ngezantsi andibize ndoyike de ndizincame andibambe isandla abe sendikhomba kumatshini wemali (atm) ndiye ndifike nje ibe ithululeka imali engamaphepha. c) ndikhe ndaphupha ndinomzi omkhulu omhle kukho iimoto ezinkulu iiRange Rover ndinesana elihle ndihleli no sisi omgcinayo. d) Ndiphupha ngathi ndihamba endaweni engenamizi esikwe amanxiwa ngathi ndiyokhomba elam.

IMPENDULO: a). Kukho into ekuhlanganisayo nomfana lowo ingenguwo umtshato. b) no c). Lithamsanqa elo. d). Kukho isivumelwano soshishino ozakusifumana okanye into ezakungenisa imali eninzi.

Umphilisi uyafumaneka nakuFacebook, khangela uMphilisi The Healer apho okanye usithumelele iphupha lakho kuWhatsapp: 063 743 9538

*www.umphilisi.co.za