Inkcazelo yamaphupha

IPHUPHA: Ndiphupha ndihleli ekhaya, ngoku ndizihlelele ndive igubu lisitsho phandle xa ndiphuma ndibona la magqirha emile enze isangqa omnye wabo wathi kum mandidanise nabo.

IMPENDULO: Camagu. Iphupha licace gca kuba libonisa ukuba wena ungomnye walo magqirha ngoko ke kufuneka wamnkele isipho eso.

IPHUPHA: Molweni, ndiyaphila! Ndiphuphe ndigajelwa ngumtana wam ongasekhoyo ebusweni izihlandlo ezithathu.

IMPENDULO: Camagu. Iphupha lakho libonisa ukungaxoli kwalowo ulele ukuthula oko ke kusenokubangelwa zizinto eziliqela kuquka nemisebenzi afuna ukuyenzelwa okanye into awayashiya engayigqibanga nawe. Ukuze ufumane iinkcukacha ezigcweleyo kuza kufuneka ukuba ukhe uyowusabela kooSiyazi lo mba.

IPHUPHA: Molo tata ndinamaphupha amabi ehleli ndiwaphupha; izolo ndiphuphe utatam ongasekoyo ngathi uyandinxamela, undibuza ukuba ndakokha nini? Iphi imoto yam? Phofu moto zange ndibenayo, nomzi andizange ndibenawo. Ndicela ukwazi kuthethukuthini oku?

IMPENDULO: Camagu. Umbuzo lowo wephupha ungqale ngqo kuwe. Enene ke khawutsho ukuba nawe usingise phi; kuba uyihlo uyakubona ukuba izinto ozenzayo azinantsingiselo uzilibazisa ngeziyolo zobomi endaweni yokwakha ikhaya lakowenu kuba olo xanduva lujonge wena.

IPHUPHA: Camagu! Ndinephupha leindihluphayo, ndiphupha ndiqhuba imoto kwaye eli phupha liyandihlupha. Kuthe kusenjalo ndaphupha ndisitya ikeyiki.

IMPENDULO: Iphupha lakho lichaza ibhokisi yomngcwabo; kukhona umntu omaziyo osondeleyo kuwe ozakutshaba.

IPHUPHA: Camagu tata ndiphupha ndimane ndizunguzwa liphupha lokwabelane ngesondo nenyoka. Ngoku kule veki siphuma kuyo ndiphupha ndisabelana ngesondo nenja endala eseyiguge kakhulu ndicel’ubuza ngaba libhekise phi eli phupha?

IMPENDULO: Kukho ingxaki phakathi kwakho nezinyanya zakho, oku kusenokuba kukuba uzibiza ngesiduko esingesosakho okanye umbulo owenzeka ekhayeni. Le meko ke ifuna ukulungiswa ngesintu.

IPHUPHA: Camagu tata, ndiphupha ngathi umama wam ongasekhoyo uyagula, ngathi ke ngoku mna notata wabantwana bam endahlukana naye kudala simbalekisela esibhedlele; umama wam unxibe impahla zolala ndibaleke ndingene endlini ndiyomthathela iimpahla zonxiba kodwa sithe xa sesisemotweni sesikhwele nomfana endingamaziyo, umama wam andisamazi ukuba utshonephi, ngathi sihambe ke singene komnye umzi. Xa sifika kuwo kukho usapho labelungu; bonke bathetha isiXhosa. Kukho usisi ongumXhosa ekucaca ukuba usebenza kulo mzi, wonke umntu okulo mzi ulele phantsi. Kukho umfana ongumXhosa, andimazi noba uligqirha na, kodwa umfana lo uye wandenzela umxube wamayeza osebhekileni wathi mandisele kunjanjoku ebendimele uba ndisele ndiye ndasela ke ndisela ngebhekile qobo lwayo kodwa khange ndiphehle ndisele qha yonke loo bhekile ndayigqiba! Camagu!

IMPENDULO: Eli phupha lingempilo yakho nexhomekeke ekubeni ulungise izinto zikamama wakho ongasekhoyo umenzele zonke imfanelo zakhe khona ukuze uzokufumana amathamsanqa. Kuyacaca kanjalo ukuba wena ungumntu omhlophe, zama ke ukhe ufune isilawu sakowenu usiphehle khona ukuze uzofumana umkhombandlela.

IPHUPHA: Kusho ukuthini ukuphupha unikezwa imali engamaphepha; unikezwa umyeni wakho esenahlukana naye?

IMPENDULO: Yintlahla leyo. Kukho okuhle okuzayo kuwe kwaye kuzovela ngakwelicala lakulo myeni okanye ngabantwana bakhe. Oku isenokuba yimali ebingalindelekanga okanye nayiphi enye into ezakonwabisa.

IPHUPHA: Ndiphuphe kusitsha indlu yasekhaya ingathi siyayicima kodwa ayicimeki.

IMPENDULO: Lungisani ikhaya elo lenu kuba lisegcakasini kwaye lisisigqubu semimoya engendawo. Emveni koko nenze amasiko enu ngendlela elungileyo.

IPHUPHA: Molo tata ndicela undilawlele eli phupha, ndiphupha ndigcwele iimbovane ezincinci apha esihlahleni sam, ingaba lithetha ukuthini eli phupha tata?

IMPENDULO: Camagu. Kukufa oko.

IPHUPHA: Molweni ndicela ukubuza xa uphupha umlambo omkhula xa uthi uzongena amanzi maninzi asuke aze kuwe okukwamaza kude kube kathathu inoba lithetha ukuthini? Elesibini, ndiphupha ndidutyulwa ngaba bandidubula entloko bamnke bandishiye beqinisekile ukuba ndifile suke ndiphume amaphiko ndibhabhe ndothuke ndisoyika! Ndiliphuphe kabini eli iphupha!

IMPENDULO: Camagu umkhulu wena. Kuyacaca ukuba amanyange akunye nawe kwaye wena ungumntu omhlophe nekufanele ukuba abe ligqirha. Kuyafuneka ke ubamnkele ubugqirha obo ukuze ukhuseleke nangakumbi.

Umphilisi uyafumaneka nakuFacebook, khangela uMphilisi The Healer apho okanye usithumelele iphupha lakho kuWhatsapp: 063 743 9538

*www.umphilisi.co.za