Inkcazelo yamaphupha

IPHUPHA: Amen! Ndiphupha ndikuloMakhulu wam ngathi kukho umcimbi onenyama etyelwa emlanjeni. Mna apho khange ndikwazi ukufikelela ndoyiswe kukunyuka kwindlela ethile. Ngathi baye bagoduka bonke abantu kulo mlambo siwuweleyo xa sisiya kuloMakhulu. Kulo mlambo kuye kwaphuma into ebuHagu ebonakala ukuba iyancancisa. Uthe umntu endimbone enguMakazi wam. Yinyoka le siyibonayo kwaye abantu ibagqibile kule lali sisaya kuyo njengokuba besishiyekele. Siye sabaleka ke apho siphethe amapheyile. Sisiya kulo mzi. Ihagu izijikile xa ifika emasimini. Yasibiyela yayinyoka. Kulapho ndibize igama likaYesu. Ixesha elide. Ndiyibone le nyoka seyizisongile edishini. Ngathi ndiyayitshisa ngomlilo ndibase ingxowa neeplasitiki, igama likaYesu oko ndilibiza. De yafela kulo masimi ibisibiyele kuwo.

IMPENDULO: Camagu. Iphupha lakho lifuna ukuba wena ukhe uhlale phantsi uzigocagoce. Zama ke ukufumana ithuba uhlale phantsi nomntu onesiphiwo sokubona ukuze ukwazi ukufumana umkhomba ndlela.

IPHUPHA: Molo mhlekazi, ndicela undilamlele eli phupha, ndisoloko ndinephupha elithe gqolo ukuvela, ndiphupha ndisiya eskolweni, xa ndiphakathi emagumbini okufunda ndiqaphele ba ndihamba ngeenyawo kodwa abanye banxibe izihlangu ngathi ezam ndizilibele. Elinye, ndiyathanda ukuphupha uxam kunye namantshontsho akhe engena endlini aye kum, afike andikhothe ngelo lwimi lirhabaxa, ndicela undicacisele mhlekazi, enkosi!

IMPENDULO: Iphupha lakho libonisa ukuba wena unohlobo oluthile lwesiphiwo elibangela ukuba ube ngumnyangi wesintu. Uxam lowo umele izihlwele zakho kwakunye nomsebenzi ekufuneka uwenzile.

IPHUPHA: Bhota mhlekazi, ndinephupha eliye landoyikisa kakhulu apho ndiphuphe usana oluncinci lufakwe kwibhokisi yomngcwabo lungekafi yaze yavalwa ibhokisi leyo lusashukuma lunjalo kwabe sekuqala isingcwabo salo; abantu becula ecaleni kwebhokisi yalo. Ndicela undicacisele, enkosi!

IMPENDULO: Zama ukufumana uncedo ngokukhawuleza kuba iphupha elo alilihlanga ncam kwaye linganomthelela ombi kwimeko yakho yokuphila.

IPHUPHA: Camagu/Tata, ndiphuphe ngathi kungena i-sms kwifowuni yam. Ndithe ndakuyijonga le sms ndafika kukho imali engenileyo ebhankini yam. Ibibhalwe ngolu hlobo “19000000” ndithe ndisakhuza wasuka * “1” waluzizi kwashiyeka * “9000000” ndiye ndothuka. Ingaba lithetha ukuthini eli phupha.

IMPENDULO: Camagu. Kukho into entle ezayo nezakushiya uchulumancile.

IPHUPHA: Tata ndinguSbongiseni, eKapa. Kudala ndihlutshwa ngamaphupha kwasebuntwaneni bam kodwa noko ndimdala ngoku. Oko ndifikelwa ngabantu ebusuku kanti naxa kusayo bandibambe bandibophe ezandleni nasezinyaweni, bathi mandithi camagu oko xa besenza lo msebenzi de bagqibe ndibone sebemkile. Ngoku ndibona inyoka eziloko zindijikelezile, kanti ingozi endiloko ndisinda kuzo zimbi. Ingaba kulungile ndisabele olu bizo?

IMPENDULO: Camagu. Wena unobizo lobugqirha kwaye kufuneka uthwasile, zama ukuhlangana nabantu bakowenu nibonisane ngomkhombandlela.

IPHUPHA: Sawubona! Ndicela ukubuza bandla ukuba kuthetha ukuthini ukuphupha ugeza endishini kodwa usemgaqweni, kudlula abantu neemoto.

IMPENDULO: Kutsho ukuthi wena kunemimoya emdaka ekuzungezileyo ngoko kufuneka uzihlambulule.

IPHUPHA: Camagu! Ndiphuphe ndityiwa zizinja, xa ndiziqaphela kwabe kukho netshomi yam, ndavele ndanombilini.

IMPENDULO: Camagu. Izinja ephupheni zizinyanya zakho, xa zikuluma sube zikulumkisa entweni. Kuyacaca futhi ngokwephupha eli ukuba lo nto ihlangene nabahlobo bakho.

IPHUPHA: Ndiphuphe ingonyama ime endleleni ijonge ngakum, yasuka inja yam yaya kuyo yayikhonkotha iyitya, ndothuke xa isitya le ngonyama.

IMPENDULO: Camagu, kubonakala ukuba kukho ungquzulwano nobangiswano ngawe kwizihlwele zakho. Zama ke ukhe uyokuwusabela lo mba.

IPHUPHA: Camagu! bendicela undicacisele eli phupha: ndiligqirha, ndiphuphe ndiya ehlathini, ndithe xa ndizongena kweli hlathi kwavele kwabuya inkungu kwamnyama ndajika ndayolinda kufutshane ndaphaphama ndingangenanga kobo bumnyama.

IMPENDULO: Camagu. Kukho umsebenzi okanye isigaba esilandelayo oza kungena kuso ngokobizo olo lwakho. Ngoko uyalunyukiswa ukuba indlela leyo ayamkelekanga oku kusenobangelwa kukungakholiseki kwezihlwele zakho ngumntu lowo uza kuphatha umsebenzi okanye enye nje into. Chosi.

IPHUPHA: Camagu mhlekazi, ndinengxaki lephupha elimana lindiphindaphinda, ndiphupha ndikhumka amazinyo am ngathi ayawa.

IMPENDULO: Camagu. Iphupha elinjalo sukuba lichaza umntu othwasayo.

Umphilisi uyafumaneka kuFacebook, khangela uMphilisi The Healer apho okanye usithumelele iphupha lakho kuWhatsapp: 063 743 9538