Inkcazelo yamaphupha

IPHUPHA: Ndicela ukubuza xa uphupha inyoka izulazula ifuna wena, yinyoka edweni, emnyama, ibiqale yancinci ngoku yakhula yande, xa ndiyokuthi kumzala makayibulale wabe seyibulele eshiye ufele.

IMPENDULO: Camagu. Ukuphupha inyoka kungatsho izinto eziliqela, kodwa endingathanda ukucacisa kukuba nangona nje inyoka ithathwa njengento emdaka ephupheni iyakwazi ukuvela njengesilo sakowenu. Kweli ityeli kwiphupha lakho ichaza into emdaka nokungahlambuluki kwendawo le uhlala kuyo, kufuneka licocwe ikhaya khona ukuze izihlwele zekhaya zingameli kude.

IPHUPHA: Ndiphuphe ndiphezu kweliwa, apha phantsi kunomfula omkhulukazi ndifuna ukuxhumela phezu kweli dwala elikuwo, ndibone ntwana ethile evele phantsi kwalo mlambo emhlotshana ndiziphe ukuba lidwala ndiziphose kuyo, ndithe apho ndisemoyeni ndive ukuba kunale force endidontsayo indidontsela kulo mlambo, ndikhumbule ukuthi apha kulo mlambo kunenyoka, into ebendithi lidwala, izike phantsi kwalo mlambo, ndiye ndidontseleke phakathi emanzini, ndijule, ndifice inyoka enkulu ikhamisile indiginye, ndingene kuyo esiswini sayo ndiphila, ndizibone sendisemzini ongaphesheya komlambo ebendisiya kuwo, lo mzi ubulikhaya lami ngokweli phupha.

IMPENDULO: Camagu. Wena kuyacaca ukuba unengulo emhlophe okanye uyathwasa. Iphupha elikumila kunje lizama ukutsala umdla wakho kuloo meko yakho yentwaso, ngoko ke yilandelele le meko khona ukuze uzokunyangeka kwingulo leyo onayo.

IPHUPHA: Camagu, ndiphupha kusithiwa mandifuthe ngempepho.

IMPENDULO: Camagu. Kengoku ulinde ntoni? Yenza le nto kuthwa yenze ubone ukuba uyakuzuza ntoni emva koko.

IPHUPHA: Ndiphuphe ndilele nomuntu wesifazane. Ingalitsho ukuthini eli phupha.

IMPENDULO: Lungisa ukuhlala, imeko yakho ayintlanga konke-konke kuba iphupha elo lichaza ngesizathu sokungahambi kakuhle kwezinto ebomini bakho.

IPHUPHA: Ndicela ukubuza, xa uphupha umakhulu wakho ekubuza ukuba yingubo yani leyo uyithethayo ndithi akukho ngubo. Xa ndingena endlini ndifike kukho oomheza behleli nomakhulu, abuze lo sisi usazifaka na iicv, ndithi hayi ndidiniwe ngoku kwaye ndincamile, akukho mpendulo. Emva kwaloko kuvele kududume kutsho umbane ndihlale phantsi kuba ngisoyika.

IMPENDULO: Kuyacaca ukuba impumelelo yakho okanye ukuze uwufumane umsebenzi lowo uwufunayo kufuneka uthethe okanye uzithobe kumanyange ekhaya. Iinkcukacha ngoko zikwindlela ekwenziwa ngayo amasiko akowenu okanye ezintlantini zakowenu.

IPHUPHA: Molo tata, ndicela undicacisele ngeli phupha, ndiphuphe ingathi ndilele ebhedini emzini wam. Apha ebhedini kukho ubuxhwangu kunye neentubi ziyahamba apha kuthi, qha azisilumi. Ndiyacela uncedo kuwe Tata.

IMPENDULO: Sila utywala khona ukuze uzokufumana iintsikelelo kwizihlwele zakho.

IPHUPHA: Camagu! Ndikubone kwiphephandaba leSolezwe ukuba uyawahlalutya amaphupha. Apha ndiphupha ndisecaweni kwaye ndiyaqala nokuya ecaweni. Emnyango kungenwa ngemali, nam ke ndakhupha iR10 ndadlulisa yona kulo mfo usemnyango, wandinika itshintshi yeR5 waphinda wayithatha, wathi mna ndiyaqala ukuza ecaweni, ke ingathi ngoku wandibuyisela iR6. Ngoku apha ngaphakathi iicawe zintathu, umntu nomntu uya kweyakhe, nam ke ndaya kweyam yezi ze keyboard (uPastor unayo netoliki yakhe). Ndlela ebekugcwele ngayo ndiye ndahlala apha emva (ukuba uyabona ngelinye ixesha eholweni kubakho ispace after udlule emain door iveranda) ndithe ndisahleli khona ke ndimamele inkonzo kwathi gqi amapolisa amathathu, elinye lavela laza kum landihlaba ngemibuzo uba bendiphi izolo. Kuthe kusenjalo, lo mfana uhleli ecaleni kwam wathi kum undiphuphile ndileli pha kula ice ( ndiswelekile) ndamphendula kemna ngelithi lo nto inokuba izokwenzeka kwisizalwane sakho okanye komnye umntu omaziyo.

IMPENDULO: Iphupha linezinto ezininzi ekunzima ukuzihlanganisa ukuba ingaba zisingiselele phi na. Kodwa apha ekugqibeleni linika nje ulwazana malunga nokuba wena ungumntu onjani kanye kufanele ulandela eyiphi indlela apha ebomini bakho, kodwa ke ukuze ufumane iinkcukacha ezigcweleyo kuza kufuneka ukuba ukhe uyokusabela emntwini.

IPHUPHA: Molweni tata, ndiphuphe ndiphethe amaqanda enkukhu amane.

IMPENDULO: Ukuphupha amaqanda kuchaza ukukhulelwa kulowo wasetyhini, unkosikazi wakho, umntwana wakho okanye nabani na osondeleyo kuwe. Ngamanye amaxesha (xa kungekho mntu ukhulelweyo) kuye kuchaze intlahla ezayo.

UMphilisi uyafumaneka nakuFacebook, khangela uMphilisi The Healer apho okanye usithumelele iphupha lakho kuWhatsapp: 063 743 9538

*www.umphilisi.co.za