Inkcazelo yamaphupha

IPHUPHA: Ndinephupha endicela ukulamlelwa lona, ndiphupha ndibulala uxam, okwesibini ndinephupha elimana lindifikela minyaka le ukuxhakamfulwa yinja apha esandleni iqinise, ndiyibethe ide indiyeke, eli kudala lindifikela.

IMPENDULO: La maphupha akho omabini abonisa ingqumbo enkulu kwizinyanya zakho ngenxa yokungathobeli imiyalelo yazo. Lumka ke uza kulimala kuba emveni kwawo kuza ubhubhane.

IPHUPHA: Camagu! Ndiphupha sithuthela kwenye indlu mna nomama wam nabantakwethu, kodwa le ndlu yindlu eyakhiwe ngamatye, ineyadi enkulu, xa singena apha ngaphakathi kuyo, indala le ndlu kwaye nempahla elapha phakathi kuyo nayo indala, ingathi ndiyacwangcisa ukuba ndiza kulungisa ntoni apha kuyo.

IMPENDULO: Kuyacaca ukuba ngokomnombo wenu kunokhayakhulu okanye uZwedala apho nonke niphuma khona. Ingxaki nje kukuba imimoya yezihlwele zenu yasala apho, ngoku ifuna ukulandwa. Zamani ke ukufuna igqirha elinakho ukuninceda ngalo mcimbi.

IPHUPHA: Molweni! Xa uphupha ulele ngomqolo, uphupha ingathi uyakhala, ingathi kuxhelwa inkomo yomngcwabo ngoku ndiyakhala ndithi kwaba bantu ‘niyixhelela ntoni le nkabi kuba utatomkhulu wam akaxhelelwa inkomo yasemveni kwemini ngokuba nantsiya eny’inkomo niyiwisile, ingathi ndithi yini mani!

IMPENDULO: Camagwini. Lungisani kaloku apho konakele khona nenzele uyihlomkhulu lowo kuba kuyacaca ukuba uyifuna ngenene le nkomo kwaye ukungayenzi kuza kuphuma nodlolwazana.

IPHUPHA: Camagu, ndicela ukubuza xa usoloko uphupha usecaweni okanye kwindlu enomphanga ucula kakhulu. Ingaba lithetha ntoni elo phupha?

IMPENDULO: Camagu. Iphupha lakho lingachaza izinto eziliqela kodwa eyona iba phambili yinkqubelaphambili kubomi bakho.

IPHUPHA: Ndicela ukwazi xa uphupha usegadini ukhelelwa umbona, ingaba ithetha ukuthini lo nto?

IMPENDULO: Camagu. Ukuphupha uvuna umbona okanye uwuphiwa kuchaza indyebo ezayo kuwe. Ngoko ke eli liphupha emalikuchulumancise.

IPHUPHA: Camagu! Ndiphupha ndikwindlu elapha ekuhlaleni siphandle, kukho nentombi yakhona, ndimangaliswa kukuba bekukuhle kukho iintlobo zeentyatyambo ezintle nengca eluhlaza, kukho kuyo nofudo nento engathi yintlanzi enkulu enoboya.

IMPENDULO: Camagu. Abantu belo khaya bakwenkulu yona ingxaki kuba ukhona oza kubhubha kwaye lo bhubhane ubangelwa kukungathobeli kwabo imiyalelo yezinyanya zabo kwanokuvumela imimoya engendawo kwikhaya elo.

IPHUPHA: Ndiphupha ndisekhaya ngathi sihlala kurontawuli omnye, wavele wadlalwa yiNkosi watsha waphela. Lithetha ntoni tata?

IMPENDULO: Camagu. Ukhona undonakele ekhayeni, kukho isikhalo kwizinyanya zenu.

IPHUPHA: Ngicela ukubuza. Uphuphe uye kubo kumuntu eseninenyanga nihlukene kodwa uma ubheka indlu kagogo wami. Uphinde uphuphe ingane yalo sisi ebenithandana naye ithi thula baba kuzolunga.

IMPENDULO: Camagu. Kutsho ukuthi ingxaki ekhoyo phakathi kwenu kusekho ithemba lokuba ingalungiseka kodwa xa uthi wena uthathe uxanduva ngomonakalo owenzileyo.

IPHUPHA: Camagu, ndiphuphe ingathi bendibaleka intombazana ehamba iqhwaba abantu bamkelwe ziingqondo, apha ekubalekeni ndikhangela indlela egodukayo phofu kuyanetha, ndihlatywa naziiglasi, ingathi ndiyopha kwaye ndiyalahleka ngathi ndihamba endleleni enye, ndisuke ndithi kusenjalo ndikhwazwe kulo mzi ngabantu endibaziyo bathi ‘kunini dadewenuu (ongasekhoyo) ekufuna’ abe sele endivezela yena apha efowunini endishawuta, esithi kunini endifuna, atsho athi nantsi le mali kudala uyikhangela akhuphe iR1 esihlangwini sakhe ndibe sendisothuka . Ingaba lithetha ukuthini eli phupha?

IMPENDULO: Camagu. Ndiyakucebisa ukuba ukhawuleze udibane nomnyangi wesintu oza kulungiselela kule ngxaki ukuyo kuba kuyacaca ukuba usecicini lokulandela udadewenu ukuba awuzikhuseli kule nto ikufunayo.

IPHUPHA: Camagu Mhlekazi. Ndiphuphe ingathi abazala bam ababini bazokubika umama wam ukuba uswelekile utshayiswe yimoto. Elesibini ndiphinde ndiphuphe umama esemotweni nomzala lo kwakunye nomakazi, ingathi umakazi lo ukhwaza igama likamama kodwa umama ulapha emotweni naye, ndiphume ndithi akekho qha ndiqaphele ba umama upha nje kule moto, ibe seyihamba. Ingaba ikhona into ayichazayo la maphupha?

IMPENDULO: Camagu. Ukuba umama wakho ukhathazwa yimpilo iphupha eli lichaza ukuba uza kululama kwaye useza kuphila ixesha elide.

UMphilisi uyafumaneka nakuFacebook, khangela uMphilisi The Healer apho okanye usithumelele iphupha lakho kuWhatsapp: 063 743 9538

*www.umphilisi.co.za