Inkcazelo yamaphupha

IPHUPHA: Camagu, ndikhathazwa liphupha, kweli phupha ndihamba ngeenyawo andinxibanga zihlangu kwaye kwale ndawo ndikuyo kumanzi phantsi, amaxesha amaninzi ingathi ziithoyilethi le ndawo ndikuyo, ingathi ndiyaleqwa ndibalekele khona apho. Akhona nameva kodwa awandihlabi liyandizungeza eli phupha.

IMPENDULO: Camagu. Iphupha lakho lizama ukubonisa ukuba izinto zakho azihambi kakuhle okwakaloku nje, kodwa lo nto asinto idaliweyo yimeko yangabom. Xa kuvela iphupha elinje sube lizama ukukhuthaza wena ekubeni uyiphakamele loo meko ukuyo khona ukuze kuzokulunga izinto zakho.

IPHUPHA: Xa uphuphe indoda le uthandana nayo ingathi ifake intombazana kwiprofile picture yayo, xa ujonga le ntombi inomsesane, xa usethuka umbuza ngomsesane ase acele amaxolo kuwe. Ingaba ithetha ukuthini lo nto?

IMPENDULO: Camagu. Iphupha lakho lizama ukutyhilela ngokunganyaniseki kumlingane lowo wakho, ikhona imfihlelo ayigushileyo.

IPHUPHA: Molo tata, ndinengxaki yephupha elindifikela mpela, kufika umakhulu wam ethi mandimkhulule impahla emnyama yezila owasweleka eyinxibile, xa ndibalisa ekhaya bathi ngesikhathi behlamba umzi bathetha batsho uba bayamkhulula kodwa xa efika kum uthi mandimkhulule, indiphethe kakubi tata le nto, ndicela uncedo!

IMPENDULO: Camagu. Kuyacaca ukuba oko kwenziwayo akuzange kuhambe ngendlela okanye loo mcimbi wenziwa ngokungahambisaniyo nesiko okanye isithethe sekhaya, umakhulu wakho ke ngoku uzama ukuveza loo meko. Ukhumbule kweminye imizi kubuye kubekho nento exhelwayo ukukhulula umoya walowo uhambileyo, ukanti xa lo nto ingenziwanga ngendlela kubuye kubekho imivuka efana nale ivezwa liphupha lakho.

IPHUPHA: Camagu. Xa uphupha kokwenu kukho ibrandy kuthwa qala usele wena kuze kulandele abantu bekhaya, kubekho nemali eyisilivere ecaleni kwebrandy leyo kuchaza ntoni?

IMPENDULO: Camagu. Iphupha lichaza ukuba kufanele wena ukhe usile wenze utywala, uphe izinyanya zakho.

IPHUPHA: Ndinephupha elindihluphayo. Phambi kwendlu ekhaya kukho inyoka enkulu, siyilinde ide iyokutshonela kube xa siphumayo, kuthi kusenjalo ingathi siyabaleka ndim nosisi nabatshana bam, kulo mbaleko wethu simane siphepha iinyoka ezincinci, sithe kunjalo sidibane nomfula ekunyanzelekileyo uba nawo siwuwele, sithe sisajonge ukuwela kuthi vumbu inyoka enkulu iphethuke nje ingasenzi nto, liphele apho.

IMPENDULO: Camagu. Lungisani iimeko zamasiko ekhayeni lenu kuba iphupha eli lenu lichaza ukuba kunesikhalo malunga nemicimbi yekhaya engenziwa ngendlela.

IPHUPHA: Xa uphupha uxabana nomntu ongasekhoyo, ingaba lithetha ntoni elo phupha?

IMPENDULO: Camagu. Ikhona le nto uyenzayo ingaxolisi izinyanya zakho, ngamaxesha amaninzi iqhele ukuba kukudelela imiyalelo yabo bakwelemimoya.

IPHUPHA: Molo tata, bendicela ukubuza xa uphupha injana eneentwala uyityoba ezo ntwala lithetha ukuthini?

IMPENDULO: Camagu. Inja sisinyanya. Iphupha lakho libonisa ukuba kwizinyanya zakho kukho lowo ungaxolanga, oku kunokubangelwa kukuba nenzele abanye abantu imisebenzi waze yena lowo namshiya ngasemva. Hamba ke ukhe uthabathe iintonga uyokuwusabela kabanzi lo mba.

IPHUPHA: Camagu Tata, ndiphuphe amaphupha amabini ngotata womntwana wam endihlala naye, elokuqala ndiphuphe kungena amadoda amathathu apho sihlala khona acele yena, ingathi athi yena ucela ndimkhaphe aphume nala madoda, uthe engapha kwegate la madoda amhlaba amshiya phaya. Xa ndimjonga andiboni gazi. Elesibini ndimphupha ehamba ngebhayisekile adibane nam endleleni andimise, ndithi kuye ndileyithi emsebenzini kuye kwamoshakala le bhayisekile endleleni, esayijonga kwathi gqi amadoda amhlophe ngathi ngabebala, athi kuye makakhuphe yonke into anayo, nawo la madoda amhlaba.

IMPENDULO: Camagu. Umlingane wakho kuyacaca ukuba kukho izinto ezimlandelayo ngoko ke makalungise ukuhlala.

IPHUPHA: Molo tata, xa uphupha usitya inyama ebomvu endaweni enabantu abaninzi kukho necawe lithetha ukuthini elo phupha?

IMPENDULO: Camagu. Kukufa oko kufunjiwe kwaye lo nto ikwalapha ekhayeni lakho.

UMphilisi uyafumaneka nakuFacebook, khangela uMphilisi The Healer apho okanye usithumelele iphupha lakho kuWhatsapp: 063 743 9538

*www.umphilisi.co.za