Inkcazelo yamaphupha

Iphupha: Ndiphupha ubhuti wam owasweleka esekhaya, ephandle nam, kukho iibhokhwe ezimbini ezineentloko ezibomvana, kuthethe mna yena uthule.

Impendulo: Camagu. Iphupha elo lakho lichaza malunga nomsebenzi ekufuneka niwenzile nilikhaya kodwa ukuze nifumane iinkcukacha kufuneka nikhe niyowusabela lo mba.

Iphupha: Ndiphuphe ndirhida endlini ngodaka, andilazi ndifuna ukulazi ukuba lithini.

Impendulo: Camagu. Iphupha lakho lizisa kuwe indlela yokuphila esele ifuna ukulibaleka kuninzi ngenxa yemeko yokuguquka kwamaxesha. Ngoko ke usengalithatha njengomfuziselo wokundwendwelwa zizinyanya zakho ezingasekhoyo. Ngoko ke ndicebisa ukhe wenze nokuba yibhekile khona ukuze uzokufumana esona sizathu solo tyelelo.

Iphupha: Molweni, ngiphuphe ngiyothenga ibhokisi, mangifika lapho ngafica kukhona India lase lithi mangikhethe engilithandayo, ithe ngisakhetha kwakhona umuntu ongenayo wabe ephethe imali eninzi emveni ngangambona ukuthi uphi, ngasengithatha ibhokisi ngiya nalo emateksini, mangifika banqaba kwabe kuphela kanjalo.

Impendulo: Camagu. Ukuphupha ibhokisi yomngcwabo kuchaza umtshato, ingaba nguwe oza kucelwa okanye umntu osondeleyo kuwe.

Iphupha: Molweni tata, bendicela ukucaciselwa iphupha: ndiphupha ngathi ndikha ispinatshi, sihle sifresh netswele eliluhlaza lwesixhosa, ingathi ndiphumile ke ngoku kwesi sitiya sincinci ndakha nombona.

Impendulo: Camagu. Iphupha elinjalo lichaza ukuzithwala, ukumitha okanye ukukhulelwa. Oku kungabhekisela kuwe, umntwana wakho okanye isihlobo nesizalwane.

Iphupha: Mna Mhlekazi ndithanda ukuphupha ndiselwandle qha into endibhidayo amanzi wona awafani nawolwandle ndiye ndiwabone eluhlaza la manzi ndisube ndisesizibeni kodwa anditshoni, elesibini ndiphupha ndilalwa ngulo mntu ndincuma naye.

Impendulo: Camagu. Iphupha lakho lokuqala lisenokuchaza into eninzi kodwa amaxesha amaninzi livelela abo banobizo. Elesibini liyaxhalabisa kakhulu kuba lithetha ngemeko apho uza kohlukana khona neqabane elo lakho ngezizathu eziliqela.

Iphupha: Molweni, ndiphupha ndigabha iimpuku ezininzi, ezinye zincinci, ezinye zinkulu kwaye zihleli, ndicela undincede undixelele ukuba lithetha ukuthini elibi kanje.

Impendulo: Camagu. Imeko yakho imaxongo kakhulu, zama indlela yokudibana nabanyangi besintu ngokukhawuleza ingade ibe nobuzaza le meko.

Iphupha: Camagu tata, ndinephupha apha elindihluphayo, izolo ebusuku ndiphuphe ingathi kukho umntu ondinyhala into emlonyeni, ndithi xa ndikhwaza abantu ndingakwazi, xa ndizama ukuhamba akuhambeki. Bendicela undincede tata.

Impendulo: Camagu. Nangona iliphupha nje kodwa yinto leyo ibisenzeka kwaye yimisebenzi yobumnyama, zama ke ukuba udibane nonyango lwesintu. Emayikuchulumancise yeyokuba elo linge liphanzile, kodwa ingaphinde ibuye kwakho xa inganakwa.

Iphupha: Xa uphupha usecaweni ingathi umfundisi yakuthandazela ogqiba akuprofete?

Impendulo: Iphupha elinje lingathetha izinto ezimbini kodwa kuxhomekeke ekubeni lenzeka phi. Ingaba icawe leyo iphi okanye umfundisi lowo ngubani? Okokuqala isenokuba kukufa okuzayo kodwa oku kuxa wena apha ephupheni ubonakalisa ukungayamkeli lo nto yenziwayo. Ze ukuba nawe uyonwabele le meko kutsho ukuba kukho isaziso esiza kuchulumancisa. Ngoko ke akukho ndlela enye yokucalula iphupha eli lakho, ungadibanisa ngokwale ngcaciso ndikunika yona.

Camagu.

Iphupha: Molo tata, ndiphupha ndihleli ekhaya, kukho noomakhelwane bam, omnye ongutata unabile, uchuba umbona, omnye, ongumama sele egqibile ukuchuba. Ngumbona owomileyo, obomvu. Ndicela ukucaciselwa kule ndawo yombona.

Impendulo: Camagu. Butywala besintu obo khawuzame wenze ibhekile ukupha izinyanya zakho.

Iphupha: Ndicela uncedo ukulamlelwa la maphupha. Ndiphuphe ndichophe ngasese ndizikhulula. Ndiphinde ndiphuphe ndiselwandle kodwa anditshoni ndingqengqile elunxwemeni. Kwelinye ndandiphuphe utata wam ongasekhoyo ehleli estopini engathi sesebhasi esithi uyagodola. Kwelokugqibela ndaphupha utata wam ongasekhoyo ezama ukophula iifestile apha ekhaya efuna ukungena.

Impendulo: Camagu. Utata wakho unomsindo kakhulu kuba ningazange nimenzele umsebenzi oselungelweni lakhe ngokwesiko lesiduko sakho xa kuthe kwanduluka umntu. Izinto zakho ziza kuma ke de ube kanti uyilungisile le meko.

Iphupha: Camagu Mhlekazi, ndiphupha ngathi ndibizwa ngutata katata osaphilayo; uthi kum mandizobulisa abantu. Xa ndifika kuhleli abantu abangamaxhego, nomama omdala, ndibulise ndime kude. Aqumbe athi ababuliswa njalo abantu. Ndibone nabo abaxolanga. Ithetha ntoni lo nto?

Impendulo: Camagu. Ewe kaloku xa kukho abantu endlini kuhlalwa ngethunga lomqombothi, iphupha lakho ke lichaza ukuba kufuneka ukhe wenze into nokuba ayiphelelanga khona ukuze uzovuzwa zizihlwele zakho. Chosi!

UMphilisi uyafumaneka nakuFacebook, khangela uMphilisi The Healer apho okanye usithumelele iphupha lakho kuWhatsapp: 063 743 9538

*www.umphilisi.co.za