Inkcazelo yamaphupha

IPHUPHA: Molo tata, ndicela undicacisele. Ndiphupha ngathi ubhuti wam undipha imali. Le mali yiR250. Andiphe iR50 yenyama. Ungumntu olukhuni qha ndimangalisekile.

IMPENDULO: Camagu. Okubalulekileyo kwiphupha elikumila kunje kukufumana iinkcukacha ezigcweleyo. Kodwa ke uninzi lwabahlalutyi bamaphupha luyavumelana ukuba ukuphupha imali engamaphepha kuchaza ukuguquka kwezinto kuwe okufana nokufumana ingqesho ukunyuselwa emsebenzini njalo njalo. Ngoko ke kumele ube nethemba lokuba kuzakuba ngcono kuwe ingakumbi kulo nyaka.

IPHUPHA: Camagu. Ndicela uchazelwa amaphupha nentombi yam: Uphupha kwakhayakhulu kwindlu engasebuhlanti kukho bonke abantu bekhaya ababhubhayo kwidrawers. Wahamba yena nabanye abantwana bayokulanda utamkhulu wabo eMonti apho angcwatywe khona bamzisa kwabanye. Xa bephuma kule ndlu betshixa, wabona amagqirha. Elesibini: Uphupha kwa kwakhayakhulu kukho amatanki amanzi amabini, kubotshelelwe iinkomo ezimbini kuwo. Uthe xa edlula lawa elinye itanki yaphuncuka inkomo yamleqa yamtya ingalo.

IMPENDULO: Iphupha elo licace gcaa kufuneka kuhlanganiswe, kubuywe kulandwe imimoya yabantu abusuka kweli khaya ethe qelele ngokuhamba kwabo emhlabeni. Lo msebenzi uzakufuna igqirha ngenxa yobuzaza bawo. Omabini ke la maphupha achaza umsebenzi wakwa khayakhulu lowo.

IPHUPHA: Molo mhlekazi, mna ndiphuphe kukho itavern yayikho kwakudala, ingathi mna ndilele endlini xa ndiyovala iminyango gqi utatomkhulu wam engena njengesiqhelo apha endlini ezokulala, wabulisa, nam ndambulisa, wongena egumbini lakhe….kodwa akasekho, samenzela inkomo yombuyisa, enkosi. Nangoku, kwiveki ezintathu ezigqithileyo, safikelwa ziinyosi kuba bekungevanwa efemelini, sawenza kodwa umsebenzi.

IMPENDULO: Kuhle ukwazi ukuba niyikhathelele imisebenzi yesintu. Kodwa ke ngokwephupha kuyacaca ukuba isekhona le ndawana incinci enisayiphosayo ekufuneka yenziwe. Khanithabathe iintonga niyokusabela lo mba. Chosi!

IPHUPHA: Andisafundi, kodwa ndiphupha ndisesikolweni. Ngemini elandela leyo ndiphupha ndikunye namagqirha, ndinxibe umbhaco omhlophe kunye nentsimbi egcwele isifuba emhlophe, elinye lamagqirha landithutha ngesiduko sam. Kodwa ndiye ndoyiswa kukuxhentsa kwiqonga bekuxhentswa kulo ngawo wonke amagqirha ebelapho. Ndicela inkcazelo.

IMPENDULO: Iphupha lakho lichaza intwaso. Hlala nabantu bekhaya ukuze nibonisane ngomkhomba-ndlela.

IPHUPHA: Ndicela inkcazelo ukuba ikhona kodwa, ndiphuphe ngenkomo izala kwaye lindihleli eli phupha yonke le mini liyandithukuthezela. Ndiyabulela.

IMPENDULO: Liphupha elingelibi elo kuba lichaza inkqubela kuwe, kukho into ezayo kuwe. Kodwa nawe zama ukungasivali isandla sakho.

IPHUPHA: Molweni Mphilisi. Ndihlala ndiphupha kulo mama wam ndenze indlu entle okanye ndifake ipaint okanye ndithenge ifenitshala khona, ingaba ithetha ukuthini le nto? Ngoba izinto azindihambeli kakuhle, andisebenzi, ndiphila ngamabona-ndenzile, yaye elam ikhaya lidlaka-dlaka?

IMPENDULO: Camagu. Kuyacaca ukuba kufuneka wenze umsebenzi wezihlwele ukucela kuzo amathamsanqa. Lo msebenzi funeka uyowenza kanye kulo nyoko nokuba ligogogo okanye ibhekile emveni koko kuzokuvuleka. Chosi!

IPHUPHA: Ndiyazibulisela kuMphilisi. Bendicela ukubuza ukuba xa uphupha amashe angabelungu lithetha ukuthini? Nelokuba uphuphe itshomi yakho ephilayo isisiporho, abantu bakuxelele ukuba ungadluli phakathi kwayo ngoba uzakushiyekela kuwe?

IMPENDULO: Amaphupha akho aqulathe isilumkiso kuwe malunga nento embi enothi ikwehlele. Zama ukuhluza izihlobo zakho okanye uvule amehlo kuba kuwe asinguye wonke umntu othi mhlobo kuwe ongumhlobo wenene.

IPHUPHA: Molo Tata. Kunephupha endike ndavuka nalo endicelwa ukulichazelwa. Ndiphuphe umam’omntwana wam endohlukana naye ngo2012. Ndimphupha ekhulelwe kwaye kweli phupha ndibe ndisithi ebantwini basekhaya ayindim omenze nzima ngoba ndamgqibela kudala. Ndingabulela kakhulu uchazelwa eli phupha.

IMPENDULO: Kungenzeka ukuba kukho ingxaki akuyo umama womntwana lowo kuzoxhomekeka kuwe ukuba uyafuna na ukuqhagamshelana naye ukuva ngemeko leyo. Into ilele kuwe.

IPHUPHA: Camagu mhlekazi. Ndiphuphe ndinxibe iimfele zenyamakazi ngentla nangezantsi, ndiphethe umkhonto umde nomfutshane inesingxobo esenziwe kwangezi mfele, ndithwele nezidlokolo esifana nezi mfele, umbala wazo umdaka. Mabudede ubumnyama kuvele ukukhanya.

IMPENDULO: Camagu Gqirha. Ewe kaloku bubugqirha obo obugqibeleleyo nobusulungekileyo. Zama ke ukufuna umkhomba-ndlela kwizanuse ezinolwazi. Chosi

UMphilisi uyafumaneka nakuFacebook, khangela uMphilisi The Healer okanye usithumelele iphupha

lakho kumnxeba

kaWhatsapp wethu:

063 743 9538