Inkcazelo yamaphupha

IPHUPHA: Ndinephupha elithanda ukundifikela, ndiphupha ndisecaweni okanye ndiphuphe uBishop welinye ibandla, okokuqala ndaphupha efake inkonzo apha ekhaya sithandaza kakhulu kweli phupha, ndithandaza ndilila ndithandaza nangezilwimi, oko xa ndiphupha ndithandaza ukhona lo Bishop kwaye sithandaza silila sikhwaza ngathi nje umoya oyingcwele uhleli phezu kwethu. Ayipheli inyanga ndingaliphuphanga eli phupha.

IMPENDULO: Camagu, Ndiyakucebisa ukhe utyelele unyawontle lowo mhlawumbi kukho apho aza kunceda khona, ingakumbi xa iphupha eli liquqa libuyelela.

IPHUPHA: Ndingumfana oneminyaka eyi25, ndihleli ndinephupha apho ndisoloko ndiphupha ndisiwa amazinyo, iba zinyangana nje ezimbalwa liphinde libuye, liphupha linye oko ndiwa amazinyo, ingaba lithetha ukuthini?

IMPENDULO: Camagu. Iphupha lakho lichaza ukuba unobizo lobugqirha okanye uyathwasa. Hamba ke nosapho lwakho nikhe niyokuwusabela lo mba.

IPHUPHA: Ndiphupha kusembiwa ingcwaba phaya ekhaya, ingaba lithetha ukuthini?

IMPENDULO: Kukho isikhalo esiphuma kwabo balele ukuthula. Mhlawumbi kukho amathambo alele apho kungafanalekanga khona okanye ukunganakwa kwamangcwaba akwakhayakhulu okanye uzwedala apho kungasahlali bantu khona.

IPHUPHA: Camagu tata. NdinguMamNtshilibe mna ndilapha eBhayi. Tata ndifuna ukwazi ngephupha ekusoloko ndivuka nalo, ingathi ndiphantsi kwamanzi elwandle kukho nezilo zamanzi kodwa ndiyakwazi ukuphefumla ndiyathetha, enyanisweni kemna ndingumntu oloyikayo ulwandle, eli phupha liyandixaka kuba soloko ndiphupha into enye.

IMPENDULO: Camagu. Amaxesha amaniniz iphupha elinje livela kulowo uthwasayo ngenjongo zokumnika umkhombandlela ngekumele kwenziwe.

IPHUPHA: Ndiphuphe ngengxowa yemali eziten cents ezininzi.

IMPENDULO: Isenzani le ngxowa? Uphi wena? Ngamanye amaxesha ukuphupha imali ezingqekembe kuchaza ngeshwangusha elizayo.

IPHUPHA: Camagu mathongo amahle! Ndiphuphe ndinxityiswa ubuhlali obumhlophe apha emqaleni nasemzimbeni, babese bathi amaxhegwazana mandifukanywe. Indaba kuthetha ntoni kuyintoni nenjongo yabantu abadala. Enkosi .

IMPENDULO: Camagu, unenyhweba wena kuba iphupha lakho ligqale nqo. Uyathwasa kwaye liyachaza ngekumele kwenziwe.

IPHUPHA: Camagu Mphilisi, ndingumfana ndiphuphe ndihleli nabanye abafana ehlathini sisoja inyama emlilweni kwabe kukho nembiza yomngqusho.

IMPENDULO: Camagu iphupha lakho lichaza ngesiko ekufuneka lenziwe nalapho wena ungoyena uchaphazelekayo.

IPHUPHA: Camagu ndinephupha, ndiphupha apha ndisekhaya KwaRobots kule ndlu senza kuyo imisebenzi uphupha umama owaswekayo emnika iglass yeold buck, xa evuka uvuka ebhodla yona.

IMPENDULO: Camagu. Iphupha elo lichaza ngomsebenzi ekufuneka niwenzile nilikhaya.

IPHUPHA: Sawubona. Ngiphuphe engithandana naye engiziba uma sengihlangana naye emuva kwesikhathi engathi ubegula kakhulu ngimubona ezacile, ngabe kuchazani?

IMPENDULO: Camagu. Kukhona isehlo esiza kubangela ukuba nohlukane unomphelo. Imeko leyo ayozokuba yinto enokuphinda ilungiseke koko into edaliweyo.

IPHUPHA: Camagu tata, ndithe ndigqitha engcwabeni likatamkhulu wam kwaphuma ilizwi elithi “ndilambile” kwaphuma umsi ongathi yinkungu apha entlokweni yengcwaba wenyuka. Ingaba lithetha uthini? Camagu

IMPENDULO: Camagu. Ukulamba, okanye ukugodola kwalowo ungasekhoyo ingakumbi usokhaya kutsho isikhalo sokungenzelwa komsebenzi wakhe nokuba kukumkhapha okanye ukumbuyisa.

IPHUPHA: Thokoza Mkhulu. Ngisacela ukubuza leli phupho, ngiphuphe ngiphahla ekhaya emthangaleni, ngageza nebhodwe ngamanzi anempepho yona le ebengiphahlangayo, ngicela ukukhanya nezinhlanhla kumha.

IMPENDULO: Iphupha lakho lichaza ukuvuselela kwesihlwele (idlozi) lakho kukhona ukwehla komoya okubangelwa kukuvalwa kwawo ngabenzi bobubi. Iphupha ke elo livela njengentlambululo khona ukuze amandla akho azobuya onke uvuseleleke emoyeni. Yenza njengoko iphupha likuyalela.

IPHUPHA: Ndiphupha umakhulu wam owasweleka 2009 endinika into ingathi yibunch yamazinki amafutshane esithi mandiwele nawo kulo mlambo, ingathi lulwandle makhulu ndizohamba kwibhuloro kagetyezayo. Ndiwathathe ndiwele yho esiphakathini walwa umlambo waphaphatheka ugetyezayo, ndafunukuwa ndabambelela xa ndijonga ezantsi emanzini ndibona oononkala namasele ayaphithizela ndiyoyika awa amazinki kodwa ndayofika ekuphumeni, xa ndifika kukho abany’ oomama nomnye endimaziyo oligqirha kuyaculwa kubethwa igubu, nam ndicule, lo mama uligqirha amise asithuthe, sonke mntu ngamnye isiduko sakho nesikamamakho mntu ngamnye, ndothuka.

IMPENDULO: Camagu. Amacangci lawo athetha ukwakha, sisiqalo esitsha sobomi ukwakha ikamva lakho ngokuthi wamkele isipho eso usinikwayo kuba wena unobizo.

UMphilisi uyafumaneka nakuFacebook, khangela uMphilisi The Healer apho okanye usithumelele iphupha lakho kuWhatsapp: 063 743 9538

*www.umphilisi.co.za