Inkcazelo yamaphupha

IPHUPHA: Ndiphupha ndisehlathini ngathi kukho abantu abandibambayo bandifaka ucingo olugxwalileyo apha emqolo, ukusukela ngoko ndaqaqanjelwa ngumqolo, ibangathi ndinelahle apha phakathi kwamagxa. Enkosi.

IMPENDULO: Camagu. Asiphupha lihle noko elo, kwaye likwasisilumkiso ngemeko enokuthi ikufake kwenkulu ingozi.

IPHUPHA: Mhlekazi ndiphupha izinja ezinkulu zisiza kum, zandikhotha apha ebusweni, ngoku kuze ezimnyama zingamantshontsho zininzi, zona ke ndidlala nazo ndothuka.

IMPENDULO: Camagu. Kuyacaca ukuba wena uyavimba awusivuli isandla zibe izinyanya zakho zikujongile, khawuzame ke ukhe wenze into egameni lakho kuba iphupha libonisa ukuba izihlwele zakho zingakuwe kodwa nawe ke bonisa ukubulela kuzo.

IPHUPHA: Molo Mphilisi. Ndiphupha ndiyokwenza ivasi yasekhaya emlanjeni. Ndiyivase ndagqiba, xa ndigqibezela ndibona ilokhwe engavelanga kum ephupheni ukuba yekabani, ndifumana imali engamaphepha. Ndithe ndisekulo mlambo njalo ndibona itruck ingena kulo mlambo icoca, ikhupha yonke into engabe mhlambi iyintsalela emdaka ngaphantsi iyikhuphela ngaphandle. Ndithe ndakugqiba le mpahla ndakhe ndahamba apha phezu komlambo nentombi yam, ndibone amacici wam awalahlekayo kumhlatyana nje phezu kwalo mlambo, ndiqaphele ipere enye yendlebe zombini, emabini emhlophe njenge-pearls. Uwacholile unontombi wam ndambona ewafaka endlebeni. Amanye abemabini siwalahlile kuba ebengafani wona. Ithini yonke le nto tat’uMphilisi ?

IMPENDULO: Camagu. Kuyacaca ukuba kwikhaya elo ningabantu abakhethekileyo, bantu abo ke bagxile kumnombo wabantu ababe bengamagqirha phambili. Amaphupha ke anje avelela abo kufuneka belandele ekhondweni labo babekho kuqala okanye ukwenza umsebenzi ofana nemfukamo ukunika isidima kwizinyanya zekhaya elo.

IPHUPHA: Mphilisi ndikhe ndaphupha ndikwazi ukuzifihla ndingabonakali ebantwini. Umzekelo ndizijike ndibengangembovana xa ndifuna, abantu bandidlule ngoku ndibabonayo. Lithetha ukuthini eliphupha?

IMPENDULO: Camagu. Iphupha lakho alinantsingiselo ibhekephi kodwa ungalithatha njengelikhuthaza intobeko kuwe kuba xa wenza njalo uyakuhlonitshwa luluntu. Imbovane le sisinambuzane esincinci kodwa esiqiqayo.

IPHUPHA: Ndiphuphe ndingasemlanjeni kukho umntu ongathi akaphilanga ngokwasengqondweni wathi uza kundisa emlanjeni siyothetha. Saya xa sifika kukho ntombazana ethile ethandazayo, kodwa yasinika umtyhi ukuze senze le nto besiyizele.

IMPENDULO: Camagu. Iphupha likukhomba ngqo kule ndawo uza kufumana uncedo kuyo. Hamba ke wenze ngokomyalelo.

IPHUPHA: Ndiphuphe ndingasemthonjeni ndisikha amanzi ndilungele ukuwasela. Lithetha ukuthini?

IMPENDULO: Camagu. Amanzi la umcimbi wawo mninzi kakhulu ingakumbi kuthi mzontsundu. Iphupha lakho lisenokuba sisikhumbuzo somcimbi ekufuneka wenziwe nodibanisa umlambo okanye into esondeleyo apho.

IPHUPHA: Ndinephupha, ndibona ikhumbi emhlophe ime endleleni, ndakusondela kuyo ndifuna ukuqwalasela, ndifike kukho abantu bakuthi abangasekhoyo, ndidlule kancinci kuyo kuphume umalume wam omncinci ephethe umpu andileqe ngawo, kodwa apha ekundidubuleni undidubula phantsi konyawo kwaye uyandiphosa. Ingaba lisingisele phi camagu.

IMPENDULO: Camagu. Kukho isikhalo kubantu bakowenu abangasekhoyo, ukudutyulwa oko kuthathe njengesilumkiso sokuba ukuba aniwunanzi umyalelo wabo izinto ziza kuba mbi ngakumbi.

IPHUPHA: Ndiphupha ndisekhaya kugcwele amagqirha ngathi kuthwa ngumsebenzi wam lo wenziwa apha.

IMPENDULO: Camagu. Kengoku ufuna ntoni? Iphupha lakho licacile lingomsebenzi lowo ufuneka kuwe, wena dibana negqirha eliza kwenzela lo msebenzi, ukuba uneminye imibuzo ungandibamba ecaleni.

IPHUPHA: Molweni, kuchaza ukuthini ukuphupha ndisitya iziqhamo, bekuziiApile, amaqunube, iigrapes. Bekungathi ndizikha emthini omkhulu owileyo.

IMPENDULO: Camagu. Kukukhulelwa oko. Wena ukhulelwe okanye umntu okufutshane kuwe.

IPHUPHA: Molo Mphilisi, kuthetha ntoni ukuphupha abantu obaziyo abaswelekayo uncokola nabo kodwa ingengabo abakokwenu / bengahlobenanga nawe?

IMPENDULO: Iphupha elinjalo liyaxaka ingakumbi xa abantu abo beliqela kwaye ingengabo abakowenu. Kuza kufuneka ukhe undwendwe abanyangi besintu kuba kwelinye icala ukuphupha abantu abangasekhoyo ingengabo abakowenu kungachaza ishwangusha.

UMphilisi uyafumaneka nakuFacebook, khangela uMphilisi The Healer apho okanye usithumelele iphupha lakho kuWhatsapp: 063 743 9538

*www.umphilisi.co.za