Inkcazelo yamaphupha

Iphupha: Thokoza tata, ndicela ukubuza ukuba xa umntu ongubhuti ephupha esoluka, ithetha ukuthini lo nto?

Impendulo: Camagu. Ukoluka ephupheni kungatsho isiqalo esitsha kubomi bakho. Isenokuba yindlela entsha yokuphila okanye ukwamkela ubizo onalo.

Iphupha: Ndiphuphe ndikhonkothwa zizinja, ndifuna ukuqonda ukuba lithetha ukuthini iphupha eli?

Impendulo: Zizihlwele zakowenu ezo kuyacaca ukuba ikho le nto uyenzayo ingazixolisanga.

Iphupha: Ndifuna usizo ngiphuphe umuntu engihlekisana naye, ngabe lokho kuchaza ukuthini ngiyabonga.

Impendulo: Esenzani? Oko kubalulekile kwiphupha. Ukhumbule ukuba ngelinye ixesha ungahlekisana nomntu kanti izihlwele zakho nazo zinezinye iinjongo ngaye.

Iphupha: Ndinamaphupha mabini athetha ntoni: ndiphupha ndibuyela esikolweni ndisoloko ndifika sekufundiswa ndishiywe lixesha. Ndiphupha ndishiywe yibhasi ukuya kwamlungu, qho xa bendikhe ndatyelela ekhaya ngeholide.

Impendulo: Amaphupha akho omabini azama ukubonisa ukuba wena ungumntu onobizo ngokonyango lwesintu kwaye wena awuyiniki ngqalelo lo nto.

Iphupha: Ndiphuphe nditshayela itela yenkukhu.

Impendulo: Camagu. Iphupha lakho lingomsebenzi ekufuneka wena uwenzile ekhayeni lakho.

Iphupha: Molo Mphilisi. Ndiphuphe utata wam ongasekhoyo enxibe iimpahla zakhe owayezinxiba ekhayeni ehamba kwindlela esethafeni ekuhanjwa kuyo ngeenyawo. Ndithe ndakubona ukuba nguye, ndakhala, ndothuke ebuthongweni ndikhala.

Impendulo: Camagu. Khumbula ukuba ngokwesintu xa ethe umntu watshaba inkolelo yethu ithi umoya wakhe usekho phakathi kwekhaya elo lakhe. Yiyo lo nto kuye kwenziwe okufanelekileyo ngokwesiko, xa ingenziwa ke lo nto umntu lowo uza kuvela njalo.

Iphupha: Camagu! Bendisacela ukucaciselwa ngeli phupha. Xa uphupha usekhaya futhi uphunyelwa ngamazinyo wangaphambili kuthi kusenjalo kuwe nalawa angasentla kuye kucace ukuba aphuma onke? Kusenjalo uphuphe usendleleni ekusa endaweni, xa sele ufika ngasekhaya udutyulwe?

Impendulo: Camagu. Amaxesha amaninzi ukuphupha uphunyelwa ngamazinyo kuchaza intwaso. Elesibini lizama ukubonisa ngezinto ezimbi ezinothi zikuvelele xa uthe awawunanza umyalezo lowo.

Iphupha: Ndiphupha ndiboniswa umphantsi wenyoka enendawo emhlophe nemigca emdaka, nalo mntu undibonisayo andimboni apha ephupheni kodwa uyibambile qha ndiboniswa umphantsi wayo.

Impendulo: Camagu. Kwezinye iziduko ezinesihlwele esiyinyoka kungatsho ukundwendwelwa zizihlwele zakho, kodwa xa kungenjalo komele uxhalabe kuba kusenokuchaza ingxaki okuyo.

Iphupha: Ndinephupha elingade liphele ncam yiminyaka ndiphupha ngathi ndizobhala iimviwo ndinexhala, ibe ngathi le nto yenzeka ngoku, xa ndivukayo ndiqonde ukuba bendiphupha. Khandincede undihlalutyele.

Impendulo: Camagu, ngumshologu lowo kuwe.

Iphupha: Ndiphuphe ndibaliselwa ngumalume ukuba utatomdala womntana wam uswelekile ebekwingozi yemoto.

Impendulo: Camagu. Iphupha elinje liyaqhubekeka likhona elilandelayo neliza kutyhilela ngoyena nobangela woko ukubone kuqala.

Iphupha: Ndicela ukubuza umntwana xa ephupha inyoka isiza kuye phezu kwakhe zube lithetha ukuthini elo phupha?

Impendulo: Camagu. Asiyiyo yonke inyoka eza kakubi ephupheni. Kodwa ixhomekeke kumnombo womntwana lowo. Isenokuba yinto entle okanye embi.

Iphupha: Molo Tata! Bendicela ukubuza xa uphupha qho abantu abaswelekayo kule ndawo uhlala kuyo bemane bekuxelela ukuba abaswelekanga okanye bavele bencumile bencokola kumnandi?

Impendulo: Camagu. Banyanisile imimoya yabo isaphila ngoko ke bafuna ukukhunjulwa ngokwesiko lesintu.

Iphupha: Ndiphupha imali yamaphepha R200, R50, R20 & R100 iininzi kakhulu kwibhokisi yezihlangu, ingaba ithetha ukuthini?

Impendulo: Camagu. Yintlahla leyo. Kukho okuhle okuzayo.

Iphupha: Camagu, ndicela ukubuza ukuba xa uphupha umntakwenu edubulana nomntu ongaveliyo ukuba ngubani , kuthi xa ndicela nam abe endidubula kwalapha ephupheni, lithetha ukuthini?

Impendulo: Camagu. Umnakwenu usemngciphekweni wengozi makazame ukufuna uncedo ngokukhawuleza.

Iphupha: Ngiphuphe umama engithuma esitolo, endleleni ngibone abantu ababili engibaziyo. Uma ngifika esitolo ngikhohliwe ukuthi yini engiyoyithenga, kodwa ngibone inyama ebomvu. Ngiye kuyona ngiyibambe ivele iwe ngiyibuyisele, kodwa ngigcine ngingayithenganga.

Impendulo: Camagu. Iphupha lakho alilihlanga konke konke. Khawuzame ukhe uyokusabela kooSiyazi

UMphilisi uyafumaneka nakuFacebook, khangela uMphilisi The Healer apho okanye usithumelele iphupha lakho kuWhatsapp: 063 743 9538

*www.umphilisi.co.za