Inkcazelo yamaphupha

Iphupha: Ndiphuphe ingathi utata kabhabha undibonisa imali engene efowunini yakhe, ingaba elo phupha lithetha ukuthini tata?

Impendulo: Camagu, malikuvuyise kakhulu elo phupha kuba libonisa ukuba utata womntwana ufuna ukuthatha uthando lwenu alise kwisigaba esilandelayo. Iinkomo zivele ngeempondo.

Iphupha: Camagu Tata, ndivuke nephupha, ingathi ndisesibhedlele, jikijiki ingathi futhi ndikukhayakhulu ngoku ingathi siyadutyulwa kwaye yonke le nto iqalwa ngutata wam, mna bandidubula emilenzeni qha ingangeni kum igqobhoza itracksuit le bendiyinxibile.

Impendulo: Camagu. Ukhayakhulu ngundlunkulu wamasiko kumakhaya athile. Amaxesha amaninzi isizukulwana esiphuma apho sinokulibala ukusoloko sikhumbula apho sisuka khona ngokwesiko. Xa kunjalo ke kuye kumane kuvela amaphupha akumila kunje.

Iphupha: Ngiphuphe tinyoka letimhlophe letiningi.

Impendulo: Kukhona umyalezo othunyelwa zizihlwele zakho malunga nesiko ekufuneka wena ulenzile.

Iphupha: Camagu Tata. Ndiphupha ndisilwa nabantu bendihlaba, kukho nomkhuluwa wam owasishiya kudala kodwa akandincedisi kulo mlo, lithetha ukuthini bawo?

Impendulo: Camagu. Iphupha lakho liqulethe umyalezo osuka kumkhuluwa wakho malunga nomsebenzi wakhe eningazange niwenze.

Iphupha: Ndiphupha ngathi ndiza kufumana umntwana kodwa andinampawu zokubeleka ndinazo, ndimanzi apha ngaphantsi futhi ndiphumele, kukho lo sisi endimaziyo uthi mandilale ngomqolo, siye saphazanyiswa ngabantu becawe bengena. Ndothuka!

Impendulo: Ukukhulelwa kuthetha ukuphumelela kwento ekudala uyizama nokuba lushishino okanye ukwakha indlu, abo ke bavela bekuphazamisa basenokuba ngunobangela wokungaphumeleli kwemigudu leyo yakho.

Iphupha: . Tata ndicela ukubuza ndikhule ndihlala kulo tata, umalume wam wabe efuna ndingoduke ndiyokuhlala kulomama wade wasweleka, ngoku ndimphuphe kwakhe kukho utywala kukho neenkukhu ezimhlophe, ndithe xa ndijikela emva kwendlu ndafika ekhala emva koko ndiphuphe ndisemlanjeni ndileqwa yinyoka ndazibona sendingaphakathi emlanjeni kukho amagqirha.

Impendulo: Camagu. Hamba uyokuyivumisela le meko yakho kuba kuninzi iphupha lakho elikuchazayo nelifuna ukwenzile, impendulo yam ayizokwazi ukunaba.

Iphupha: Camagu Makhosi, nginenkinga yephupha elilodwa ngiliphupha kabili, ndiphupha ndizele umntwana enyinto ndikhulelwe.

Impendulo: Camagu. Kukho okuhle okuzayo, yimpumelelo leyo.

Iphupha: Camagu tata, bendinephupha izolo, ndiphuphe ndihamba nomhlobo wam sisiya etown ngeenyawo kwathi gqi inja asayihoya, le nja le yandijamela ndabaleka, ndathi ndisokubaleka ndabona enye phambi kwam ndaphuma kwelinye icala ndaqhubeleka ndabaleka kwavele kwamnyama, yangathi kusebusuku ndama, zavele eza zinja zandirhangqela zabe sele zizininzi ndabe sendisothuka, ingaba lithetha ukuthin?

Impendulo: Camagu. Zizihlwele zakho ezo, into emayikuvuyise yeyokuba zikhona ecaleni kwakho qha wena unokuphazama njengomntwama ungaphulaphuli xa zizama ukubonisa indlela.

Iphupha: Camagu . Ndiphuphe ingathi ndimithi kuthe kusenjalo nomakazi wam wavuka nelo phupha. Bendicela ukucaciselwa ukuba lithetha ukuthini?

Impendulo: Camagu. Kokuhle kodwa oko, ikhona into ezayo kuwe neza kuncumisa.

Iphupha: Ndicela ukubuza lithetha ntoni eli phupha lam, ndiziphuphe ndilila kakhulu ndithuthuzelwa ngumntu endingamaziyo.

Impendulo: Camagu. Kwiingxaki zakho uncedo kulufutshane kakhulu kuza kulunga.

Iphupha: Camagu Mphilisi. Ndicela undilawulele eli phupha lingezantsi. Ndiphupha ndidibana nawe wena Mphilisi ngenkqu kwindawo ephithizelayo kodwa andikwazanga kuyibona ncam eyona nto ibisenzeka apho. Ingathi unxibe isintu. Kuthe kusenjalo ekuncokoleni kwam nawe ukhuphe ibhotile kwinxili yakho, ibhotile le ayinambala (icikwe ngecork screw) into engaphakathi iyabonakala ingathi uthi kum ndiza kunika le nto ukhothe kuyo, uyigalele esandleni kum intwanana yayo. Le nto ikhangeleka ngathi bubusi kodwa abunambala (clear)… Xa ndiyifaka emlonyeni inobuswiti njengobusi kodwa ayibubo. Mhlawumbi ndingathi yisyrup. Akutshongo ba yeyantoni okanye iza ndinceda entweni.

IMPENDULO: Camagu. Ubusi bubutyebi obo, kodwa ke iphupha eli lifuna uphendlo olumandla malunga nokuba igalelo lam okanye umntu ofana nam kwiphupha elo angakunceda njani. Ungandikrweca ecaleni.

UMphilisi uyafumaneka nakuFacebook, khangela uMphilisi The Healer apho okanye usithumelele iphupha lakho kuWhatsapp: 063 743 9538

*www.umphilisi.co.za