Inkcazelo yamaphupha

IPHUPHA: Ndiphupha ndinyukwa yinyoka emlenzeni wasekhohlo, ifike engalweni indibhijele, kube khona abantu abafuna ukuyibulala suke bahlabe kum amanxeba amathathu angophiyo , umbala wenyoka uluhlaza namhlophe.

IMPENDULO: Zama ukulungisa ukuhlala kuba kukho izinto ezikujikelezayo ezingentlanga.

IPHUPHA: Ndiphupha ndikulomama kuphithizelwa, ekhona umama nomama wakhe abangasekho, kubekho lo tata uhleli ecaleni kwendlu uthi asondibona afune imali yakhe ndibe ndingamazi. Ndichole uswazi nentsimbi ndithi ndizombetha ke mna andazi mali yakhe.

IMPENDULO: Kufuneka wenze ibhekile uphe abantu bakowenu utywala besintu ukuze wena uzokufumana ezi ntsikelelo abantu bakowenu bafuna ukunika zona. Uhlobo iphupha elivela ngalo licacise mhlophe ukuba kwawena ungumntu onenkani ongazinakanga izinto zakowabo.

IPHUPHA: Xa uphupha usimkelwa ziinwele?

IMPENDULO: Kuza kuba kubi kuwe mpela ikho lento ikhalazelwayo kuwe.

IPHUPHA: Mna tata ndicela undicacisele, ndithanda ukuphupha ndingakwazi ukuwela umfula, futhi ndide ndivuke ndikhathazekile. Elinye iphupha ndithanda ukuphupha ndisesikolweni oko kodwa ndapasa.

IMPENDULO: Omabini amaphupha akho abonisa ukuba unobizo kodwa nangona kunjalo kukho intandabuzo emandla kuwe.

IPHUPHA: Molo tata, ndizingwa leli phupha, ingathi ndivela ecaweni suka kuthi gqi ootata ababini bathi kum nantsi inkonzo endifaneleyo, suka bolathe izambatho zeZion, athi omnye utata hamba uye kwaKokoyi uyokuthenga umOak, ndiye, xa ndifika ndiwubize nyhani uze, kodwa xa ndiqala ukuwubamba suka ujike ube yintonga eSilver, ingaba lithetha ukuthini eli phupha.

IMPENDULO: Lubizo lwakho olo. Yenza ke ngokomyalelo.

IPHUPHA: Camagu Tata, Ndicela undicacisele; utata wam uphupha ingathi mna ndixhelelwa ingwe. Ngoku uthi ingathi mna ndithi kwaba bantu bandixhelela le ngwe mabalixhele kakuhle ifele lentloko ngokuba ndiza kulinxiba. Ingaba lithetha ukuthini tatam?

IMPENDULO: Bubungangamsha obuzayo kuwe uzakuba yinto enkulu ekuhlaleni, emsebenzini okanye kwezoshishino.

IPHUPHA: Ngiphuphe inyoka enkulu ensundu engathi ibihlala endlini ngase ngiyovula mina lana ibihlala khona, yathi iyeza kimina ngolaka kwaqhamuka umama wami ngingamlindele wayibamba. Ngiphushwe ngomunye umuntu ngilwa nabanye abantu. Ngiphuphe ngigibela ibhasi kodwa ngazithola sengehlile kulona ngoba kukhona lana bengizodlula khona umshayeli webhasi wangifonela wangazisa kuthi sebefikile, leli bhasi belinezingane zesikole.

IMPENDULO: Oku kutsho ukuthi kunezinto zekhaya ekumele uzilungise ukuze kuzokwazi ukuba indlela yakho ibentle. Konke kufuna ukuba wena nabantu bekhaya lakho kuba ininzi ingxaki esekhayeni lakho malunga namasiko ekhaya.

IPHUPHA: Molweni, ndiphuphe ndivuthulula impethu bezindihamba emzimbeni phezu kwempahla bendiyinxibile, like all over the body…. ngaba kutsho ntoni oko?

IMPENDULO: Kufuneka zivuthululwe kengoku ngokwenene, iphupha eli lizama ukubonisa ngemeko yakho engentlanga ukuzivuthulula ke kukuzikhucula wena ngokwendlela zesintu.

IPHUPHA: Ndicela ukucaciselwa tata eli phupha lithetha ntoni. Ndingena ebhedini ngelithi ndiyalala, buze msinya ubuthongo ndive ukuba ndiyavuthelwa apha ngemva ezindlebeni zombini qha andivanga kakuhle kunelizwi elithetha ngokuba makuthethwe nomama othile ndiphelelwa ngumphefumlo ngathi ndiyafa. Ndiye ndakhwaza ndibuza ukuba ndivuthelelwa ntoni kanti ndithetha nyani wakhathazeka umyeni kuba nguye ebendinaye ebhedini. Camagu.

IMPENDULO: Iphupha lakho liqulathe umyalezo ngenyathelo ekufuneka ulithathile ngobomi bakho kwaye alingekwazi ukubhengezwa esidlangalaleni ungandibamba ecaleni okanye uthabathe iintonga ukuya kusabela kooSiyazi.

IPHUPHA: Camagu Tata, ndicela ukubuza, ndihlutshwa liphupha elindikhathazileyo, ndisoloko ndiphupha utata wam exabana nam de ngamanye amaxesha andilimaze kabuhlungu okanye abe ephethe isikhali iyandihlukumeza lo nto kodwa usaphila.

IMPENDULO: Kukhona impixano ekufuneka niyilungisile nobabini okanye yena ihlebo leminyaka ekufuneka elidizile kuwe. Zama ke ukuthethisana naye nizokufumana isisombululo.