Inkcazelo yamaphupha

IPHUPHA: Xa uphupha ngathi usezulwini, kunedama elikhulu, kuze abantu bephethe iimpahla zakho bezozivasa, bakunike ityuwa ugalele la manzi uwathandazele, uthandazele nabo, ithini lo nto? Xa uphupha kusina imvula, amatye?

IMPENDULO: Camagu! Izulu ke andilazi nokuba linjani okanye limiswe kwindawo enjani. Kodwa endikufumanayo apha ephupheni lakho kukuba wena ungumntu onobizo lobuphilisi, kodwa ke yonke le nto ifuna kwawena ukuba uyisabele kakuhle. Chosi!

IPHUPHA: Camagu! Ndifuna ukubuza: ndiphuphe kukho omnye umakhulu ohlala ecaleni kwasekhaya. Ingathi unditshiza ngeyeza, ingathi nam ndiyalwa ndimgibisela ngamatye, ndibiza igama lenkosi uYesu, ingathi uyatsha wabaleka. Waphinda wajika kwayena lo gogo wangumntu ongubhuti, esenza le nto inye etshiza eli yeza kum!

IMPENDULO: Camagu mnt’omdala! Iphupha eli lizama ukulumkisa ngezinto ezininzi ezikungqongileyo nezidodobalisa inkqubela yakho. Iphupha eli lizama ukuthi zama ukufuna uncedo ngokukhawuleza.

IPHUPHA: Ndiphupha amanzi qho ndoyike, kangangokuba andingeni emanzini.

IMPENDULO: Amanzi ephupheni asenokuqulatha imiyalezo eliqela kodwa okuxhaphakileyo kuxa ubani lowo uphupha amanzi abe enobizo lobugqirha ukanti ngelinye ixesha isenokuba ngumyalezo womsebenzi ofunekayo phakathi ekhayeni.

IPHUPHA: Camagu! ndinephupha elibi futhi liyandikhathaza, ndiphupha udade wethu owaswelekayo ekrobe efestileni yekhitshi esithi uzondithatha, apho akhoyo kuthwa makaze nam ukuba akazanga nam uzakubulawa apho ahleli khona, ingathi ndithatha ityuwa yasecaweni ndamtshiza ngayo ebusweni nasentloko wajika wabangomnye usisi endimaziyo. Ingaba lithetha ukuthini eli phupha?

IMPENDULO: Impendulo yam iza kuba mfutshane kakhulu. Zama ukufuna uncedo ngokukhawuleza kuba asiphupha lihle ncam.

IPHUPHA: Ndimana ukuphupha umntu ongasekhoyo, uyagula kwaye uzosweleka, ndibone ukuba ubamnyama. Ingaba lithetha ntoni tata?

IMPENDULO: Ingxaki yethu bantu kukubaphosa kwelokulibala abo bebephila nathi ngexesha besadla ubomi, kanti ngokwesintu babuya babe zizinyanya kuthi, yiyo lo nto kumele sibakhumbule njalo. Umntu lowo kungenzeka ukuba kukho amathamsanqa akuphathele wona, koko wena umlibele, yenza ke ngokwesiko lekhaya ukukhumbula abenu abasele bengasekho. Camagu!

IPHUPHA: Ndicela inkcazelo ngeli phupha. Ndiphupha ngathi ndisekhaya ndigutyungelwe ziinyosi ngongathi zinganditya kodwa zingandityi, zihlale apha kum, enye ihlale entloko, eny’ ingene esihlangwini kodwa zingandityi. Ibengathi kengoku mna ndithe sendizisusa ndacinga ukuba inyosi ezi ngabantu bakuthi ndasuka ndazithutha (ukuzinqula). Emveni koko yangathi ndisegadini phambi kwamadlaka wootatomkhulu bam, ecaleni kwam ngathi kume utatomkhulu wam, ecaleni kwakhe ibengumzala wam osaphilayo. Ngathi kuvele inyoka ngakula madlaka izame ukutya utamkhulu kodwa yamphosa yatsho yabaleka, yaphinda yeza kum yazama ukunditya nam yandiphosa kwamna. Xa ke ibaleka wazama ukuyibetha umzala, wayiphosa, yabalekela ngakula madlaka.

IMPENDULO: Iphupha lakho licace gcaa. Yenzani lo msebenzi ufunekayo phakathi kwekhaya nekudala nisenza izithembiso zokuba nizakuwenza. Chosi!

IPHUPHA: Camagu Tata. Ndicela undicacisele eli phupha, xa uphupha izihlangu ezininzi ezidala ingathi ndiyazilinganisa, esinye sindilingane, ezinye zingandilingani.

IMPENDULO: Yimpalalo leyo. Lungisa ukuhlala, kungenzeka ukuba ikho le nto ungayenzi ngendlela nezakukhokelela ekuphalaleni. Zama ke ukulungisa ukuhlala, ingakumbi izinto ezingamasiko ekhaya.

IPHUPHA: Camagu Tata! Ndicela ukubuza, xa uphupha amafudo amancinci engena endlwini ubengawatshayela awapheli.

IMPENDULO: Ufudo lumele abantu abadala okanye izinyanya xa evela olo hlobo ngumsebenzi lowo ofunekayo.

IPHUPHA: Ndiyaphila. Ndiphuphe iimpondo zebhokwe kusithiwa mandiyozithatha. Nantso qha into endiyikhumbulayo.

IMPENDULO: Kengoku wena ulinde ntoni? Kuba kaloku ngumsebenzi lowo webhokwe nawe owaziyo ekudala uwubaleka. Iindaba ezimnandi zezokuba kuzakuvuleka izinto zakho ukwenza kwakho lo msebenzi.

IPHUPHA: Ukuphupha uhleli nabantu abaswelekayo kulungile? Andizokufa nam?

IMPENDULO: Hayi. Kodwa ingxaki ikhona. Ukuze ufumane iincukacha hamba uyokusabela kooSiyazi.

Umphilisi uyafumaneka nakuFacebook, khangela uMphilisi The Healer pha okanye

usithumelele iphupha lakho kumnxeba kaWhatsapp wethu:

063 743 9538