Inkcazelo yamaphupha

IPHUPHA: Molo mhlekazi, ndicela ukubuza xa uphupha ubhabha kodwa ungabhabheli phezulu kakhulu, ingaba kuthetha ukuthini?

IMPENDULO: Camagu. Khululeka mntomdala, liphupha elihle elo kuyacaca ukuba unyaka lo ungena kuye uzakuphathela okuhle kodwa kuba bubungamsha obo.

IPHUPHA: Mphilisi. Bendifake iCV kwinkampani zonogada ezimbini eMtata phambi kweklisimesi. Ngoku ndisoloko ndiphupha ndiqashiwe, andazi uba itheth’ukuthini le nto, okanye kukungxama apha kum, okanye inoba kusekude, ithini na le nto?

IMPENDULO: Camagu. Khumbula ukuba iphupha eli liyakwazi ukubonisa izinto ezininzi ezizokwenzeka. Iphupha lakho ke likunika ithemba lokuba izinto zizokuhamba kakuhle. Chosi!

IPHUPHA: Chosi, ndiphupha ndivasa impahla yam yangezantsi ( utight nepeyinti) ndixakwa ngamanzi la amdaka aludaka aphuma kuzo, ndizivasela emlanjeni, ematyeni anamanzi abalekayo ukwehla, kodwa impahla ayiyeki ukuphuma amanzi amdaka.

IMPENDULO: Camagu. Konakele ukuhlala, kuyacaca ukuba ingxaki ikhona ingakumbi kwimiba engqamene nezinto zoomama. Funa uncedo kungekonakali!

IPHUPHA: Molweni apho, ndibhala ndiseMonti. Ndingumntu ophupha ngamanzi olwandle. Ndiphupha ingathi la manzi ayephuma aza apha kum nasebantwini kwaye ndiwaphupha qho.

IMPENDULO: Camagu. Amanzi amaxesha amaninzi azama ukusityhilela ngathi nokuba sime kanjani ngokunxulumene nemimoya nobizo. Kungenzeka ukuba yintwaso okanye nayiphi into esondeleyo apho. Funeka nje wena uzame ukufuna ingcaciso kusiyazi.

IPHUPHA: Camagu Tata. Ndiphuphe ingathi sicimile andinanto, kufike omnye usisi endimaziyo uhamba nentombi yakhe. Ukufika kwakhe uvule isipaji sakhe encumile, nentombi yakhe incumile, akhuphe imali engange R200 andiphe yona athi yiNew Year andipha yona ndibulele. Ndifake epokothweni yelokhwe ebendiyinxibile, xa ndiphinda ndiyijonga ukuba isekhona na ndithi ndakuyijonga kanti yiR100. Ndothuka ndinovuyo kuba ndiphiwe imali besicimile kum ndingenanto. Lithetha ukuthini? IMPENDULO: Camagu. Lo ngunyaka wakho wempumelelo, indyebo iyeza kuwe kodwa nawe ungalibali ukubulela kwizinyanya zakho.

IPHUPHA: Ndiphuphe umama wam owaswelekayo ingathi ndiyangena apha kule ndlu uhlamba iimpahla, kodwa xa ndiqwalasela la manzi ahlamba kuwo acocekile futhi anogwebu oluninzi olumhlophe, ingathi ndiphuma kuba ndiyokujonga utata wabantwana bam, asisavani naye sohlukana, ingathi ndime ehekeni, xa ndikhona le ndlu ahlala kuyo ingathi kumdaka, iimpahla zigcwele phantsi, ingathi akonwabanga ujonge kude, kukho lo makoti ingathi uyathutha uyahamba kodwa akathwelanga iqhiya le yomakoti imnyama ethwele nje iqhiya engomnye umbala uyathukisa kodwa abe ephuma emnyango, ingathi ndiyothuka ukuba ‘hay’bo kuhlalwa njani kanti apha kumdaka kunje!

IMPENDULO: Camagu. Umama yena ufuna nje ukukhunjulwa ngokwesintu. Ngokukwamyeni kuyacaca ukuba akukuhlanga apho akhoyo kwaye uyakucinga. Kodwa ndizakucebisa ukuba ukhe ulinde ukhangele okuzayo emveni kweli phupha.

IPHUPHA: Ndiphupha ndisemanzini aya esonyukela ndibalekela kwintaba. Afike, ndibalekele kwenye mna nefemeli. Kwaphela intaba xa sele ndikweyokugqibela avele ehla amanzi kwaye akekho mdaka. Emva kwaloo manzi ndiyakhala ndifuna umntwana wam. Ndafika esemzini endingawaziyo elalisiwe phantsi emandlalweni, xa ndimvusa uphilile akana nto, kodwa abantu ahleli nabo andibazi.

IMPENDULO: Camagu. Uyagula wena futhi uyayibaleka le ngulo ngoku aba bantu ugula ngabo baza emntwaneni ke ngoku. Vuma intwaso kungekonakali.

IPHUPHA: Ndiphuphe ndibona amakrwala esukohlamba emfuleni. Ndaya phaya, ndithe xa ndifika apho yangathi ndingena ehlathini. Ndabona umntwana oyintombazana ongumtshana wam. Ndangena phakathi kweli hlathi ndadlula kula makrwala ndingathethanga, nawo engathethi. Nayo le ntombazana andithethanga nayo. Kuthe kusenjalo, yangathi ndikwenye ilali. Ndibona abantu abangooTata nooBhuti. Yangathi bayaguya kukho nabantu abangooMama. Ndaya kubo bephuma endlini enguRonta. Ndithe xa ndisiya kubo yangathi kuyanetha. Kwabe kukho abantu abangooMama bahleli phantsi bajonge phantsi ngathi nje kukho into abayihloniphayo. Okanye singathi njengabantu abazilileyo. Bajikele ezaqhiya zinkulu eziluhlaza ngombala ziqaqelwe ngeNtsimbi. Kukho ingoma abayiculayo kodwa ayivakali ukuba ithini. Kwabe kusiza aba bantu baninzi bangooTata nooBhuti. Bayacula bahamba kancinci, bahambela le ngoma, bahamba ngomva njengoba ndisiya kubo mna. Ndithe xa ndifika kwaba mama nabo babe befika. Njengoba behamba ngomva nje baye bagileka kwaba mama bahleli phantsi. Ndadlula ke mna ndisiya kula ndlu bebephuma kuyo. Ndangena kule ndlu ndakhulula isilamba bendisinxibile kuba simanzi. Kule ndlu ndifike kukho umandlalo phantsi. Bathe xa besithela yangathi kusebusuku, ndathatha induku yam ndaphuma ndabalandela. Yangathi kuyiwa eMguyweni (emgubheni). Ndithe ndihamba njalo, andayazi ukuba ndiphi. Kodwa ndabona umntwana katatomncinci oyile ntanga yam owasweleka ngo2007. Sahlala sancokola noxa nje ndingasayazi into ebesiyincokola. Kwabe kukho nabanye abantu nje kodwa, khange ndibanake.

IMPENDULO: Camagu, iphupha lakho linokuninzi elikuqulathileyo kwanokuba kumele yenziwe njani. Izakufuna into yokuba uhlale phantsi nomntu oyimboni ukuze akutyhilele kabanzi. Camagu!

Umphilisi uyafumaneka nakuFacebook, khangela uMphilisi The Healer okanye usithumelele iphupha lakho kumnxeba kaWhatsapp:

063 743 9538