Inkcazelo yamaphupha

IPHUPHA: Molo mhlekaz ndicela ubuza xa uphupha ubhabha kodwa ungabhabheli phezulu kakhulu ,ingaba kuthetha ukuthini.

IMPENDULO: Camagu. Khululeka mntomdala liphupha elihle elo kuyacaca ukuba unyaka lo ungena kuye uzakuphathela okuhle kodwa kuba bubungamsha obo.

IPHUPHA: Mphilisi.Bendifake iCV kwinkampani zonogada ezimbini eMtata phambi kwekilisimesi.Ngoku ndisoloko ndiphupha ndiqashiwe,andazi uba ithethukuthini lento,okanye kukungxama apha Kum,okanye inoba kusekude,ithini nalento.

IMPENDULO: Camagu. Khumbula ukuba iphupha elI liyakwazi ukubonisa iizinto ezininzi ezizokwenzeka. Iphupha lakho ke likunika ithemba  lokuba iizinto zizohamba kakuhle. Chosi

IPHUPHA: Chosi ndiphupha ndibasa impahla yam yangezantsi ( u tight ne peyinti) ndixakwa ngamanzi la amdaka aludaka aphuma kuzo ndizivasela emlanjeni ematyeni añamazi abalekayo ukwehla kodwa mpahla eyiyeki phuma manzi amdaka.

IMPENDULO: Camagu. Konakale ukuhlala kuyacaca ukuba ingxaki ikhona ingakumbi kwimiba engqamene neezinto zomama. Funa uncedo kungekonakali

IPHUPHA: Mholweni apho, ndibhala ndiseMonti. Ndingumntu ophupha ngamanzi olwandle. Ndiphupha ingathi lamanzi ayephuma azapha azapha kum nasebantwini and ndiwaphupha qho. Ndicela unxelele ba athetha ukthini. Enkosi.

IMPENDULO: Camagu. Amanzi amaxesha amaninzi azama ukusityhilela ngathi nokuba sime kanjani ngokunxulumene neemimoya nobizo. Kungenzeka ukuba yintwaso okanye nayiphi into esondeleyo apho. Funeka nje wena uzame ukufuna ingcaciso kusiyazi.


IPHUPHA: Camagu Tata. Ndiphuphe ingathi sicimile andinanto kufike omnye usisi endimaziyo uhamba nentombi yake.ukufika kwake uvule isipaji sakhe encumile nentombi yakhe incumile akhuphe imali engangeR200 andiphe yona athi yiNew year andipha yona ndibulele.Ndifake epokothweni yelokhwe ebendiyinxibile xa ndiphinda ndiyijonga ukuba isekhona na ndithi ndakuyijonga kanti yiR100.ndothuka ndinovuyo kuba ndiphiwe imali besicimile kum ndingenanto.Lithetha ukuthini ndicela ukusombululelwa lona.

IMPENDULO: Camagu. Lo ngunyaka wakho wempumelelo indyebo iyeza kuwe kodwa nawe ungalibali ukubulela kwizinyanya zakho.

IPHUPHA: Ndiphuphe umama wam owaswelakayo ingthi ndiyangena APA kulendlu uhlamba impahla kodwa xa ndiqwalasela lamanzi ahlamba kuwo aklini futhi anogwebu oluninzi olumhlophe ingthi ndiphuma uba ndiyojonga utata wabntwana bam asisavani naye sohlukanango April last  year ingthi ndime egatin xa ndikhona lendlu ahlala kuyo ingthi kumdaka impahla zigcwele phantsi ingthi akonwabnga ujonge kude kukho lomakoti ingthi uyathutha uyahamba kodwa akathwelanga iqhiya le yomakoti imnyama ethwele nje iqhiya engomnye umbala uyathukisa kodwa Abe ephuma emnyango ingthi ndiyothuka uba haybo kuhlalwa njani knti APA kumdaka kunje

IMPENDULO: Camagu. Umama yena ufuna nje ukukhunjulwa ngokwesintu. Ngokukwamyeni kuyacaca ukuba akukuhlanga apho akhoyo kwaye ukucinga. Kodwa ndizakucebisa ukuba ukhe ulinde ukhangele okuzayo emveni kweli phupha.

IPHUPHA: Mdiphupha ndisemanzini aya esonyukela ndibalekela kwintaba. Afike ndibalekele kwenye mna ne family. kwaphela intaba xa sele ndikwe yokugqibela avele ehla amanzi and akokho mdaka.emva kwalo manzi ndiyakhala ndifuna umntwana wam. Ndafika esemzini endongawaziyo elalisiwe phantsi endlalelweni, xa ndimvusa upilile akananto.kodwa abantu ahleli nabo andibazi.

IMPENDULO: Camagu. Uyagula wena futhi uyayibaleka lengulo ngoku aba bantu ugula ngabo baza emntwanenI ke ngoku. Vuma intwaso kungekonakali.

IPHUPHA: Ndiphuphe ndibona amakrwala esukohlamba emfuleni. Ndaya phaya ndithe xa ndifika apho yangathi ndingena ehlathini.ndabona umtana oyintombazana ongumtshana wam. Ndangenaphakathi kwelihlathi ndadlula kulamakrwala ndingathethanga nawo engathethi. Nayo leNtombazana andithethanga nayo. Kuthe kusenjalo yangathi ndikwenye ilali.ndibona abantu abangoTata noBhuti. Yangathi bayaguya kukho nabantu abangoMama. Ndayakubo bephuma endlini enguRonta.
Ndithe xa ndisiya kubo yangathi kuyanetha. Kwabe kukho abantu abangoMama bahleliphantsi bajongephantsi ngathinje kukho into abayihloniphayo. Okanye singathi njengabantu abazilileyo.
Bajikele ezaqhiya zinkulu eziluhlaza ngombala ziqaqelwe ngeNtsimbi. Kukho ingoma abayculayo kodwa ayivakali ukuba ithini. Kwabe kusiza ababantu banintsi bangoTata noBhuti. Bayacula bahambakancinci bahambela leNgoma bahamba ngomva njengoba ndisiya kubo mna. Ndithe xa ndifika kwabaMama nabo babebefika. Njengoba behamba ngomvanje baye bagileka kwabaMama bahleliphantsi. Ndadlulake mna ndisiya kulandlu bebephuma kuyo. Ndangena kule ndlu ndakhulula islamba bendisnxibile kuba simanzi. Kule ndlu ndifike kukho umandlalo phantsi.bathe xa besithela yangathi kusebsuku ndathatha induku yam ndaphuma ndabalandela. Yangathi kuyiwa eMguyweni(emgubheni).ndithe ndihambanjalo.andayazi ukubandiphi. Kodwa ndabona uMtana kaTatomncinci oyileNtanga yam owasweleka 2007. Sahlala sancokola naxanje ndingasayazi into ebesiyincokola.kwabe kukho nabanye abantunje kodwa  khange ndibanake.
IMPENDULO: Camagu iphupha lakho linokuninzi elikuqulathileyo kwanokuba kumele yenziwe njani. Izakufuna into yokuba uhlale phantsi nomntu oyimboni ukuze akuthyilele kabanzi. Camagu