Inkcazelo yamaphupha

IPHUPHA: Ndicela inkcazelo ngesi sehlo, ndithe ndilele kumqamelo womyeni wam yangathi ndiyaphupha kodwa kweli phupha okanye lo mbono, ndibona into eyenziwa kuye xa elele. Ndibona efakwa umgubo esandleni kuvalwe isandla sakhe, ukanti lo mgubo ufakelwa ukwenzela angayikhumbuli le nto bayenza kuye, bakugqiba uwufaka lo mgubo babelane naye ngesondo. Kwalapha kweli phupha siye kumthandazeli athethe kuye le nto mna bendiyibona, ingabe lithetha ntoni?

IMPENDULO: Vuka ke nangoko kuba kuyacaca ukuba nawe usalele. Iphupha lakho likucacisela gcaa ukuba kukho undonakele kumtshato wakho, hamba ke nomyeni niyokufuna uncedo.

IPHUPHA: Molo mhlekazi, ndiphuphe utata wam owasweleka kwiminyaka engamashumi amabini anesine eyadlulayo ehleli kunye nomnye utatomkhulu okhangeleka ngokungathi ngowalapha ekhaya naye . Ingathi kukho nomqombothi kwalapha . Ingathi ndibuze apha kumnakwethu uba xa ndichaza lo msebenzi funeke ndithi ngowantoni athi yena yithi ngowokukhulula indlela, bonke abanezifo nabagulayo bakhululeke, ndicela ukubuza eli phupha lithetha ntoni na. Camagu! ndinguVuyani Bangela eSeyisi KwaZakhele.

IMPENDULO: Yenza kaloku njengoko uyalewa. Kuba iphupha eli likucacisela ngqo ngekumele ukwenze.

IPHUPHA: Chosi! ndinamaphupha xa ndilele, ndothuka kukho inyoka phezu kwam ikhamisile yaye kusa iziphondo zam zikhululekile kum xa ndiphupha oko.

IMPENDULO: Ngumoya omdaka lowo kwaye kufuneka ususiwe kuwe. Funa uncedo ngokukhawuleza.

IPHUPHA: Camagu tata, ndiphupha isthandwa sam esasweleka nge-5 Disemba 2011 sisithi hayi xa ndilele nomnye umntu, ndiphuphe amanzi amaninzi agqumayo ayandileqa kukho nenyoka, kuthi gqi inja zijike, khawundilawulele.

IMPENDULO: La maphupha akho afuna ukhangele ithuba uhlale phantsi nomhlalutyi okanye igqirha elinamava kuba aqulathe umyalezo ekungamele ubhengezwe esidlangalaleni.

IPHUPHA: Camagu kukuthini ukuphupha uhamba edakeni?

IMPENDULO: Camagu. Iphupha elo libonisa ingxaki okanye ubunzima ozakuhlangabezana nabo. Ngoko nokuba yintoni leyo uyicebayo yazi ukuba akuzobalula.

IPHUPHA: Ngicela ukubuza ngabe kuchazani ukuphupha umnakwenu nihlezi naye embhedeni wesoka lakho nesoka mukhona kodwa liphethe ingane ekungesiyona eyenu bese umnakwethu athi kumina ucela ngipheke kodwa ngangavuma ngamphilisa.

IMPENDULO: Kutsho ukuthi isoka linezimfihlelo elinazo kuninzi elikufihlayo kuwe.

IPHUPHA: Camagu tata, ndisandula ukuphupha ndingenwa yinyoka emlonyeni, ndilale ngathi ndiyibamba ngomsila umzimba sowungaphakathi emlonyeni, ingathi ndiyayitsala iqhawuke phakathi ndothuke, emveni koko izinto ekhaya khange kuphinde kubemnandi kum kusoloko kuxatyanwa. Ingaba yintoni tata?

IMPENDULO: Ewe kaloku ingxaki ikhona, kukho isivuthuvuthu somoya ozakucitha ikhaya elo kwaye lomoya uza ngawe. Zamani ke ukuhlala ninqanda lo nto kwaye nesisombululo sayo sikuwe.

IPHUPHA: Molweni tata, ndicela ukubuza lithetha ukuthini iphupha lamaqanda.

IMPENDULO: Amaphupho ngamaqanda. Xa uphupha usitya amaqanda kutsho ukuthi uzoba nempumelelo emsebenzini okanye ezifundweni zakho ukanti xa uphupha usitya amaqanda abolileyo kutsho ukuthi kuzoba nenkathazo empilweni yakho.

IPHUPHA: Camagu, ndicela ukubuza xa uphupha uleqwa lirhamba uze ulishiye, emva koko uzibone sowusilwa nomntu ophangela naye kwakweli phupha linye kodwa umoyise, lithetha ukuthini?

IMPENDULO: Ngumoya omdaka lowo okanye into embi ezakwehlela ngelinye ixesha kusenokuba yingxaki yokuphelelwa ngumsebenzi.

Umphilisi uyafumaneka nakuFacebook, khangela uMphilisi The Healer pha okanye

usithumelele iphupha lakho kumnxeba kaWhatsapp wethu:

063 743 9538