Inkcazelo yamaphupha

IPHUPHA: Molo tata, ndicel’ubuza ngephupha, xa uphupha umntu ethutha zobe kutheni, kuba ndiphupha udade wethu ethutha, phofu andimazi uyaphi, qha uyapakisha lo mntu unendlu yakhe ayishiye nabantwana watshata, ngoku inokuba ithini le nto?

IMPENDULO: Yimeko ebuhlungu ke le kuba ichaza ngelungu losapho eliza kutshaba.

IPHUPHA: Molo tata, ndicela ukubuza xa uphupha kukho umntu ekunika imela eshayinayo kodwa zange uke uthethe naye. Camagu.

IMPENDULO: Kukufa kufunjiwe oko. Lungisa ukuhlala.

IPHUPHA: Camagu tata, ndibona le nombolo yamaphupha ephepheni, ndineli phupha tata lindizingayo, ndiphupha ndiwela umlambo omkhulu onamanzi agcweleyo qha abantu endihamba nabo bayawela mna andide ndiphumele, xa ndisephakathi ndothuke. Ndicela undichazele lona. Camagu.

IMPENDULO: Iphupha lakho libonisa ukuba kunabantu abangcolileyo ababambezela inkqubela kubomi bakho.

IPHUPHA: Ndicela undincede apha, andiyazi le nto,ndiphupha ndisezilalini apho ndizalwa khona, ingathi ndiya komnye umzi qha xa ndifika kukho izinja ezintathu ezime ngakuronta, kulo ronta kukho umntana oyinkwenkwe olele ebhedini phofu uyadlala ulele nenye intombi endiyaziyo, xa ndiyikhwaza le ntombi ayindiva mna ndiyoyika usondela kule ndlu, ndoyika eza zinja kodwa zona zindijonga nje ziphinde zijonge kulo mntwana usendlini, inoba lithini ?

IMPENDULO: Camagu, kaloku izinja ezo ngabahlekazi izinyanya ke ukutsho kwaye kuyacaca ukuba ukho lo myalezo uqulathwe lithongo kodwa uza kufuna ukuvunyiselwa egqirheni kuba ufihlakele. Chosi!

IPHUPHA: Camagu Makhosi..Ndinamaphupha andihleliyo..ndisoloko nduphupha ngomlambo ugubungela abantu, amanzi amdaka..Maxa wambi ndibanabantu endibasindisayo. Bayemka abantu kodwa MNA ndisoloko ndifumana umhlaba ophakamileyo ndisinde.Ndiphupha ndisilwa nezinja amaxesha amaninzi, kungenjalo ndilwa nabantu, abanye kuba ndibazi ebusweni..khawundichazele kula maphupha andihleliyo.

IMPENDULO: Wena wonyuliwe zizinyanya zakho ukuba ube ngumncedi wabantu kwimiba yonyango lwesintu. Kwawona la maphupha akho abonisa ukuba xa uthe awalusabela ubizo olo uza kuzibona ukwenkulu yona intsokolo. Zama ukulungisa le meko. Chosi!

IPHUPHA: Camagu, ndicela ukubuza ithetha ukuthini xa uphupha kusithiwa uzathi kuze kulunge kule ntloko unxibe le ntambo ndiyinikwe le ntambo inemibala eOrange le ntambo, naYellow, ithetha kuthini le mibala neli phupha.

IMPENDULO: Zama ukudibana nomntu ongumthandazeli ukuze akuncede kuba iphupha likukhomba kwelo cala nangokwemibala leyo.

IPHUPHA: Molweni. Ndicela ukubuza kuthetha ukuthini uphupha ulalwa?

IMPENDULO: Asinto intle leyo oku kusenokuba yindlela yokunwenisela kuwe imimoya emdaka. Funa uncedo.

IPHUPHA: Namhlanje ndiphuphe ndikwindawo endingayaziyo kodwa kule ndawo kukho abantu abaninzi; ndakujonga apha ngabantu abanobugqwirha ngoba kukho indawo eli ziko enkulu kuyaphekwa into endingayaziyo ;ngamagumbi mabini ke funeka kuqala phambi kokuba siyokungena kweli holo; funeka singene kule nto ibilayo ngathi sisibhedlele le ndawo ndithi kule ntombi ndihamba nayo masibaleke apha, yena oyike sesiphumile kule ndawo, ajike yena abuyele pha mna ngathi amadoda apha ayandileqa ndibaleke bangandifumani, ekubalekeni kwam ndidibene nesithuthuthu esi ndibaleke ngaso.

IMPENDULO: Zama ukwenza umcimbi wokuzihlambulula ngokwesintu kuba kuyacaca ukuba zininzi izinto ezikulandelayo.

IPHUPHA: Molo bawo, ndinengxaki apha, ngoku ebudaleni bam ndiphupha ndichama kanti ndichama nyani ndiwuva xa uphuma andiyazi kwenzeka ntoni bawo, ndicela undiphendule.

IMPENDULO: Xa kunje sukuba iyimeko engqamene nesiphene kwisiko lakho okanye ingxubakaxaka ngemvela phi yakho. Khawukhe uthethe emaxhantini akowenu ukuze kuzophuma isisombululo kule meko ukuyo.

IPHUPHA: Ndicela ukubuza eli phupha lindiphindaphindayo, ndiphupha ndiphangela kwisebe endandikhe ndaya kulo kwi interview. Kwenye imini ndaphupha ndikhona phaya ndiphethe amaphepha nje amaninzi kwaza kwathiwa mandize nestatement sasebank. Ngoku ndixakwa kukuba andide ndibizwe ingaba kwenzekani, ayandiqhatha okanye ndiyangxama, ndicela undiweze apho.

IMPENDULO: Yiba nomonde sele kumbovu ukuphumelela.

IPHUPHA: Camagu tata, ndiphupha ndiphuma endlini ndihamba nefriend yam. Xa ndiphandle ebaleni kunenginginya yabantu xa ndijonga ndihamba ze ndanentloni, ndabona ibhayi elisongiweyo elimhlophe ndazombathisa.

IMPENDULO: Kukho nto ungayenzi kakuhle ngokwamasiko nezithethe zakowenu. Oku kusenokuba kukubangcathu ekupheni izinyanya zakho impungo (umqombothi), isisombululo ke kukwenza kanye oko ukuze ungaziboni uze oko kukuthi ulahlekwe zizinto ezininzi onazo.

Umphilisi uyafumaneka nakuFacebook, khangela uMphilisi The Healer apho okanye usithumelele iphupha lakho kuWhatsapp: 063 743 9538