Inkcazelo yamaphupha

IPHUPHA: Ndiphupha umama wam osekhoyo endinika igolide ingathi uyandinxibisa yona esandleni. Ndiphinde ingathi ndisemlanjeni ndibona ubuso bomntu oqabe into emhlophe ebusweni bakhe buvele emanzini. Camagu tata.

IMPENDULO: Camagu. Yingulo kaloku leyo, kuyacaca ukuthi uphuma kwikhaya labantu abanomshologu. Le nto inyangwa ngokuyivuma uyamkele kanjalo.

IPHUPHA: Camagu, ndiphupha umama wam qho akasekho, ndimphupha siphithizela sibaninzi ngathi kunomfihlo kwaye ibayifemeli yakhe kakhulu kule nto yenzekayo, yena nguMamCube, mna ndinguMamGcina, ndaphinda ndaphupha ndigajiswa ngumthandazeli kuphuma amanzi acocekileyo qha adeki okwexakaxa, aphinde andinike iyeza likwibhadi athi mandivase ngaphantsi ndivase nam ndothuka.

IMPENDULO: Khumbula, isintu sithi esalele nje usathetha, kwaye abantu abangasekhoyo bazizinyanya kuthi ezijongene nemeko yethu, yiyo le nto kufuneka singabalahleli kude. Okwesibini yenze njengoko iphupha lichaza, funa kanye umntu onjengalowo uchaziweyo ephupheni ukuze akukhutyule loo mabala abangela ukuba izinto zakho zingahambeli phambili. Chosi!

IPHUPHA: Camagu, ndiphupha singena elwandle nonyana ka tata omncinci, sibambene, apha phakathi kwethu emanzini ndibone igqirha.

IMPENDULO: Yintlambululo leyo ngokwesintu, izakufuna ke ukwenziwa ligqirha elinamava kwimicimbi yamanzi.

IPHUPHA: Molo, ndicela ukubuza xa ndiphupha ngathi ndinxibe iyunifom yobupolisa sifolile sibaninzi, siphethe nemela, lithetha ukuthini ?

IMPENDULO: Sisiphithiphithi eso sengozi echwechwayo nesondela ngakwicala lakho nezakuba neziphumo ezibi. Yilwe ke ngokukhawuleza.

IPHUPHA: Makhosi, phezolo ndiphupha ndisilwa kubafan’ ababini ndabagrogrisa ngompu endingazi noba ndidibene nawo phi bendiphaka inkunzi, ukuphuncuka kwam kubo ibe ngabathathu ndothuka xa omnye wabo efuna siye kwindlu yangasese efuna undidlwengula.

IMPENDULO: Ewe kumele uze ube novalo kwaye ukhwankqiswe yile meko kuba ayimnandanga konke konke kuba ibonisa iintshaba ezikongameleyo. Zama ke indlela yokulwisana nalo moya.

IPHUPHA: Camagu, ndiphupha ndinikwa imali ngumyeni, enye itshile ezikoneni.

IMPENDULO: Yingxaki enkulu leyo kwaye ingakhokelela ekupatyalakeni kwezinto phakathi kwakho nomyeni. Hlalani phantsi nibonisane ngendlela zokufuna amancedo kusengethuba. Camagu!

IPHUPHA: Mandibulise, Ndicela ukubuza xa uphupha inja imane ituwa kweli phupha, xa uvuka ubone ituwa yenja kube kusenzekani?

IMPENDULO: Khumbula kaloku mntomdala ukuba inja ephupheni sisihlwele kubuye futhi inja le ikhuphe ilindle apha ephupheni. Oko kubonisa ukuba kukho nto ingahambi kakuhle ekhayeni ngomcimbi wamasiko nezithethe zekhaya. Ukuze ufumane inqontsonqa ke funeka ube kanti uya emntwini obonayo ozakwazi ukutyhilela.

IPHUPHA: Molo bhuti, bendicela ukubuza lithetha ukuthini iphupha loba uphuphe kowenu kukho umntwana omncinci kodwa akangowakho wena ube uvuzelwa ngamabele apha ephupheni. Ndiphuphe ndibaleka nodade wethu kwindawo enamanzi kwaye la manzi akufuneka uwaselile okanye uwanyathele.

IMPENDULO: Uyagula wena kwaye ingulo yakho yayamene nesintu oku kubhekisele kwiphupha lakho lesibini. Elokuqala lihamba nemimoya emibi ekwambetheyo ezi zinto ke zombini zifuna wena ukuba uzilungise ngokwesintu.

IPHUPHA: Molo Tata. Ndinqwena undazise ngeli phupha, ingaba xa uphupha ukhokela iigusha edlelweni zigoduka inoba ithetha ukuthini lo nto?

IMPENDULO: Zininzi izinto zekhaya ezifuna ukulungiswa inguwe, goduka ke kuyonakala ekhaya.

IPHUPHA: Camagu Tata, ndicela ukubuza ndiphupha kunomtu obotshwayo ngumntu kufutshane nam.

IMPENDULO: Iphupha eli limalunga nento ezayo kuwe engentlanga. Zama ukufuna uncedo ngokukhawuleza.

IPHUPHA: Ndiphupha ndinemali eninzi engamaphepha kwakubusuku bunye ndiphuphe ndisemadlakeni sisomba caba ndithathe zisoyi ndizise kwidlaka lika tata wam zange ndambona ke mna, wasweleka semncinci, ngaba lithetha kuthini? Camagu. Mna ke ndiyakuthanda nogembula I-lotto power ball nezinye ke.

IMPENDULO: Intlahla zakho zibanjwe kukunganaki imisebenzi yakowenu ingakumbi ngokungqamene noyihlo. Lungisa imisebenzi kayihlo ukuze ube nokubuyekezwa.

Umphilisi uyafumaneka nakuFacebook, khangela uMphilisi The Healer pha okanye

usithumelele iphupha lakho kumnxeba kaWhatsapp wethu:

063 743 9538