Inkcazelo yamaphupha

IPHUPHA: Camagu, xa uthonga umama onxibe ubugqirha esithi mandivase kwesisandla sakhe sokunene, uphethe imali engamaphepha eninzi, ingaba kwenzekani?

IMPENDULO: Yenze kanye lo nto uyiyalelwayo. Kuba kuyacaca ukuba umama lowo kuninzi akuphathele kona kwaye nawe kuyacaca ukuba wosulelekile kubizo olo analo. Chosi.

IPHUPHA: Ndiphupha ngathi ndisehlathini elikhulu kodwa lona ihlathi eli ngathi lihlathi lengca yodwa, akho mithi yingca kwaye likhulu kakhulu, kwaye le ngca yingca le yokwenza imitshayelo, nalapha emitshayelweni yimitshayelo ke mifutshane yesandla, ngathi ke ndibeleke umntwana osethe ukukhula noko ongalapha kunyaka ukuya kwiminyaka emibini ubudala, qha andimazi uba ngokabani, ndiyikhile ke ingca le ndihamba ndizula ihlathi eli kwaye le ngca ifana nomtshayelo nangebala eli layo ayikho luhlaza, ndiyikhile ke ndada ndashiya isithuntu sayo esinye, ndingumntu ozokuthi xa egqibile ndidlule ngayo ndiyidibanise nenye sendigoduka ndihambe nayo, ndihambile ke ndibeleke umntwana lowo ndingumntu osindwayo ngumntwana lowo, ndithe xa ndigoduka ke ngk uba ndiggibile ukukha ingca leyo, ndithe xa ndisithi ndihamba ngendlela ezakundikhuphela kula ndawo bendishiye kuyo ingca, ndabona abafanyana abadlala ngakula ndawo bendishiye kuyo ingca ndafikelwa kukoyika ndatshintsha indlela ndahamba ngenye eye yandikhuphela emizini, ndithe apha ekuhambeni ndadibana nomntu ongusisi ekucaca ukuba ndiyamazi futhi ukuba andikhaphe, undikhaphile ke apha ekuhambeni kwethu sihambele kufutshane nendawo ebendishiye kuyo ingca yam, ndithe xa siza kudlula kuloo ndawo bendishiye kuyo ingca ndathi makabe ehamba akhabe athetha nomnye usisi endimaziyo, mna ndikhabe ndithatha ingca yam ndithe xa ndingena ehlathini kuba ndiyokuthatha ingca ndibone umntu ongutata ehamba nomfanyana, bakha ingca nabo, xa ndifika kule ndawo bendishiye kuyo ingca yam xa ndiphakamisa ingca kuvela ifowuni yam, andisayazi ukuba nantoni kodwa bezimbini ezi zinto ngongathi bendizifihlile apha ekwakheni ingca, xa ndisithi ngakule ndawo nanga namakhuko asenziwa agqitywa ade afakwa eplastikini mahle ke, ndibe buwabawela la makhukho qha ndiphinde ndizibuze ba ndizowenzani ngoba ndinalo ikhukho. Phofu ingca ke ndiyikhela unyana wam oneminyaka eyi 17 ophila nokukhubazeka kwengqondo ochamayo kakhulu apha ephupheni kwaye ndinaye manyani umntwana wam onjalo lizibulo kwaye uyachama ngokwenene. Ingaba lithetha ukuthini?

IMPENDULO: Camagu. Iphupha lakho lingemfukamo ezakuba luncedo kuwe nezakukhulula kwezo ngxaki unazo. Hamba ke uyokuyisabela kabanzi le nyewe. Chosi.

IPHUPHA: Ndicela ukuchazelwa eli phupha, ndiphupha ndiyodlula kumelwane wa xa ndifika andiyaleze….ingathi ndiphume sekumnyama, endleleni ndidibane nengonyama, ndizame ukuchwechwa ndijike ndiyokucela bandikhaphe. Xa siqala ukuphuma sidibane kwanale ngonyama kodwa kweli tyeli ize kuthi ingxamile imdlule yena yande ngam ifuna ukundiluma, ndibalekele endlwini kodwa ifuna ukundingenela endlwini, ifuna ukundiluma.

IMPENDULO: Ingonyama kwakunye nezinye izilwanyana ezinkulu ehlabathini zithathwa njengezibalulekileyo kwisintu ingakumbi xa zivela ngethongo. Ingonyama ke ngumhlekazi omkhulu ekuthi ngamaxesha athile avele emele abantu bakowenu. Xa sukuba ke umhlekazi lo evela efuna ukuqwenga kuyacaca ukuba kukho undonakele kuwe. Khawukhe ke uzibhence wenze uphendlo ngemeko yakho ubuye ulungise nalapho ugqwidize khona. Camagu!

IPHUPHA: Ndiphupha ingqekembe zemali ezimdaka neziyisilivere zisesityeni suke ngathi ziyashukunyiswa apha esityeni. Ndiphupha ndibona indoda ende kangokuba ndimela apha emadolweni kuyo, ndithi xa ndisiya ngapha iyandivalela ndingadluli, ndibaleke ndiye kwelinye icala kwesi sakhiwo suke ivele indivalele. Xa ndijonga isinxibo sayo ingathi inxibe iimpahla ezifana nezikaTata owaswelekayo. Camagu!

IMPENDULO: Camagu. Iphupha lakho lizama ukuchaza imeko yokutshaba komntu wekhaya lakho okanye isihlobo. Ndilusizi ukwazisa ukuba akukhonto unokuyenza ukuguqula lonto koko nje wena iphupha eli liyakulungisa ukuba ukwazi ukumelana nalo nto. Chosi!

IPHUPHA: Camagu tata, ngenye imini ndiphupha ndisesikolweni kodwa ndineminyaka eyi-15 ndingafundi, ndikwam, kweli phupha ndihleli nabantwana besikolo xa kuzongena utitshalakazi ndivele ndiwe ndidlalise ngokuxhuzula, njengokuba ndilele ndibone ndikuronta omkhulu kumnyama ngaphakathi, kuvele ivuleke phaya phezulu ndive kukhala inkomo ivaleke, xa ivuleka futhi kuvele isibhakabhaka esihle, sinamafu amahle amhlophe, ivaleke futhi, mayiphinda ndibone ndisihla eliweni xa ndizowa nje kuthi gqi incaza ephuma umophu omhlophe xa ndikroba ezantsi kunamanzi, ndijike ndibaleka ndibone utata endingamaziyo ekhwaza kulo ronta esithi mabaphume nantsi ibhasi xa ndizongena emnyango kule ndlu baphume oomama ababini abuze omnye kulo tata ba bazohamba njani ndifika, athi lo tata mandijike ndizophinde ndibuye, ndiphaphame, ndisoyika futhi ndinovalo, enkosi !

IMPENDULO: Camagu. Sabela uyabizwa. Iphupha lakho lichaza ukuba unobizo, ukuze wazi ke kabanzi kufuneka nilikhaya nithathe iintonga ukuyowusabela lomba. Chosi.