Inkcazelo yamaphupha

IPHUPHA: Camagu, ndiphuphe ndisendlwini, kule ndlu ndikuyo kusindiwe, pha entla kukho indawo erhidiweyo yaze yasindwa. Kukho umntu ongumama, lo mama uyayihlakula le ndawana irhidiweyo uthi uzakulima kuyo. Phofu xa ethetha, le ndawana uthi ulima qho ngonyaka kuyo. Ndothuke esafaka izityalo zakhe. Enkosi!

IMPENDULO: Camagu. Ngumsebenzi lowo omkhulu kwaye uyacaca ukuba ngowenkondekazi yekhaya elo. Khumbula ukuba bona ngabantu esiye sibaphe iinkobe xa bethe bemka kuthi, kwiphupha lakho ude abe kanti uyazilimela endaweni yokuziphiwa nini. Zamani ke nilungise nilikhaya.

IPHUPHA: Camagu mntomdala! Tata ndinephupha elisoloko lindizingile, ndiphupha ndiselwandle ndihleli kwilitye elikhulu ndinxityiswe iimfele zeHlosi, ndigqabazile umzimba wonke. Xa ndijonga kude-kufuphi nam kunezinja ezininzi ezindijongileyo. Ndiphakame, xa ndijonge kude kufuphi kum ndibone ikhaya lam ndihambe, xa ndizokufika ekhaya ndihlanganyezwe ngubhuti wam ongasekhoyo ndicule ingoma ethi ndivel’embo! ndivel’embo! ndothuke. Ndicela ukucaciselwa litheth’ukuthini?

IMPENDULO: Wena indaba yakho icace gcaa unobizo lobugqirha. Dibana nabantu bakowenu ukuze nikhangele oyena mntu uzakukwazi ukuwenza lo msebenzi. Oku kwangoku cwezela kude kwindawo enolwandle.

IPHUPHA: Nkosi yam, ndiliBhele laseSterkspruit kodwa ndilapha eKapa, amathuba amaninzi ndiphupha ndibhabha ndiwela iindonga ezinkulu, nditsiba nezindlu nemifula, ingabe yhini na Nkosi?

IMPENDULO: Leyo into ibonisa ubungangamsha onabo phezu kwezinto ezimbi ezikulandelayo neentshaba zakho, kodwa ke yonke le nto awuyenzi ngawakho amandla, yiyo le nto kufuneka umane ubulela kowenu, usile ubulele izihlwele zakho. Camagu!

IPHUPHA: Camagu bawo! Bendicela ukubuza xa utyiwa ngamalulwane emzimbeni, lithetha ukuthini?

IMPENDULO: Camagu. Ilulwane eli yintaka ehamba ngobumnyama ze emini xa kukhanya iphumle. Le ntaka ukanti idalwe ngendlela engaqhelekanga kuba ubuso bayo yimpuku, ibuye ibe namaphiko kanjalo.

Ukanti ke esintwini le ntaka ithathwa njengeyamabhadi nemimoya emdaka, ukuphupha ke ngoku utyiwa yiyo, lo nto izama ukubonisa wena ukuba izinto azimntaka Ngqika kuwe ngoko ke bhinqela phezulu unyuse umxakatho. Hamba ke ukhe uyokusabela ngemeko eqondene nawe kooSiyazi.

IPHUPHA: Ndiyabulisa ngokuzithoba okukhulu. Ndiphupha umyeni osweleke ngo-2014, kodwa ndimphupha ndilele naye kodwa kudala engekho. Ingaba kutshoni oku?

IMPENDUNDULO: Kuyacaca ukuba umoya womyeni wakho usaphila ngaphakathi kwikhaya elo. Oku ke unokubangelwa zizinto eziliqela, ukanti ke umyeni angaphinde akuphithikeze xa kungazange kube kanti zonke iimfanelo zakhe ziyenziwa ngendlela. Zama ukuhlangana nekhaya nikhangele oko kufuneka kwenziwe.

IPHUPHA: Ndicela ukubuza xa uphupha inyoka enkulu emdaka namhlophe izibhijele kuwe ikuqinisile, ezincinci ziseminweni enye encinci iza kuwe ebusweni. Kutsho ukuthini?

IMPENDULO: Imeko yakho imaxongo kakhulu, zama ukufuna uncedo ngokukhawuleza kungekonakali.

IPHUPHA: Ndiphuphe izinja ezimnyama ezingaqhelekanga, ezi phantse zifane nekati. Bezizonwabele nje ke phofu. Ndivuke ndonwabile emva kweli phupha.

IMPENDULO: Camagu. Ewe kaloku kumele uze wonwabe liphupha elinje kuba kaloku ubundwendwelwe emathongweni zizihlwele zakho kwaye kuyacaca ukuba zisakholisekile yindlela owenza ngayo izinto. Zama ke ukugxila ekukhumbuleni izinyanya zakho maxa onke ngokuthi wenze amasiko nezithethe zakowenu.

IPHUPHA: Bhotani, NdinguMfana oselula, ndicela ukuchazelwa eli phupha. Ndiphuphe ndibona inyoka apha ekhaya, kwaye ke le nyoka ithi xa imane ivela isoloko iphuma phantsi kwelokhwana ethile endingayaziyo kemna. NdinguJola kodwa andazi nto ininzi ngabo. Ndicela nindicacisele ukuba kwenzekani na okanye liphupha nje? Camagu!

IMPENDULO: Camagu Qengeba. Ewe kaloku, vuma xa ndithi eso sisihlwele sakowenu kodwa kuyacaca ukuba ikho le nto ingabaxolisiyo ingakumbi ngokungqamene nokuzalwa kwakho. Isenokuba lisiko lekhaya eliphosakeleyo kuwe yiyo ke le nto imane ivela isuka kwiimpahla zomntu ongumama. Chosi!

Umphilisi uyafumaneka nakuFacebook, khangela uMphilisi The Healer apho okanye

usithumelele iphupha lakho kuWhatsapp wethu: 063 743 9538