Inkcazelo yamaphupha

IPHUPHA: Camagu! Ndathi ndilele kwenye indlu bendihlala kuyo kulo nyaka uphelileyo, ndaphupha lo tata ndiphangela naye ekwifestile yale room ndilala kuyo, kuphinde kwenzeka kulo Mgqibelo sisuka kuye, umama womntwana wam wandiphupha ndixhuzula kwaye ndigabha negazi ngomlomo, xa esothuka wabona lo tata kwakhona kule festile yegumbi eli silala kulo, ndicela uncedo.

IMPENDULO: Inye indlela onokufumana ngayo impendulo ecacileyo kweli phupha kuxa uthabatha iintonga uyokusabela. Umbuzo usekubeni ingaba kumele uxhalabe na ngalo? Ewe, kufanele kungcangcazele ingwatyu xa kukho iphupha elinje kuba aliphethanga myalezo mhle konke-konke.

IPHUPHA: Ndiphupha umthandazo ndithandaziswa ekufumaneni umsebenzi, kuphinde kubesekhaya kubekho nomama ongasekhoyo. Elesibini, xa ndiphupha imbovane, ndiba ingathi ndiyalala libuye eli phupha. Athetha ukuthini?

IMPENDULO: Ukuba awuphangeli lifikile ilixa lokuba usukume wenze into ngalo nto kwaye ke elo nyathelo lizakuthathwa nguwe hayi omnye umntu. Kuba iphupha eli lakho liyakuchazela ukuba imeko yakho asinto idaliweyo koko inesandla sobumdaka. Vuka ke emaqandeni.

IPHUPHA: Camagu, ndinephupha elindikhathazayo, ubhuti wam wayengusomashishini, wasweleka ngo-2010 ngokunjalo ndiphupha ngathi ubuyile kwaye ulungisa ivenkile yakhe kodwa akaye athethe nto uyalungisa qha, andazi lithetha ntoni?

IMPENDULO: Ewe kaloku. Oko kulungiswa kokumele kwenziwe nini, umntu ongasekhoyo uba sisinyanya kwabaphilayo ngoko ke akaphoswa kwelokulibala. Yiyo ke lento ekhatshwa aphinde abuyiswe kanjalo. Xa ke ezi zinto zingenziwanga zibuya zibe yingxaki kuni basaphilayo ukanti nalowo ungasekhoyo umoya wakhe awuxoli ncam. Chosi.

IPHUPHA: Camagu! Bawo ndihlutshwa ngamaphupha, ndiphupha umama wam osebhubhile ngathi undijongile, uqumbile, ndasuka ndothuka, kudlule iveki ndamphupha edlula encumile .

Kule veki ndiphupha endiphakela inyama, kukho abantakwethu ababini, uhleli apha phambi kwam, ndimbuze ba ikhona na enye inyama avume atsho ekhomba , ndiyibone ikhona imbiza yesiXhosa izele kodwa uphakela mna ndedwa , ndothuka.

Liyandihlupha, ndichazele lithetha ntoni?

IMPENDULO: Khumbula kaloku ukuba apha kuthi esiXhoseni umntu akafi koko sithi uyokuba sisinyanya uya kwelemimoya apha ayokuhlangana nabanye abantu bakubo abasele bengaphambili.

Apha esintwini kengoku sinendlela esiye sizenze ukukhulula umoya womntu lowo ukuze uhambe kakuhle ungabhaduli.

Kumakhaya ngamakhaya ke umntu esongabikho kubakho imicimbi eyenziwayo umzekelo, isiko lokukhapha njalo-njalo.

Xa ithe ke ayenzeka le nto abonwabi abo bethu bangekhoyo benze kengoku izinto kuthi ukuzama ukutsala umdla wethu kulo nto bayifunayo, oku ke amaxesha amaninzi kuquka iphupha. Hlala phantsi ke nabantu bakowenu nilungise zonke izinto zikamama wakho. Camagu!

IPHUPHA: Ndinephupha elisoloko lindifumene oko ndiphupha kukho utywala apha ekhaya, qha ukuba bobantoni andibazi futhi bunegqirha phakathi kodwa lona alide livele ukuba lingubani.

IMPENDULO: Hamba kaloku uyokuyivumisela imeko leyo, kuyaba kona kuyacaca ukuba butywala obo bufunekayo ukwazi igqirha elo, akukhonto iza kuncedisa kuyo lo nto. Kodwa ke uba ufuna njalo thabatha iintonga uye emntwini.

IPHUPHA: Sawubona mhlekazi, ndicela undilawulele nali iphupha, xa uphupha umntu owaswelekayo ekupha imali?

IMPENDULO: Kuyaxhomekeka ukuba yimali enjani leyo. Kwaye kusenokuthetha izinto eziliqela. Ndicebisa uye emntwini umnike iinkcukacha ezigcweleyo ngethongo eli lakho. Kubalulekile futhi ukwazi ukuba ngubani lo ukunika le mali.

IPHUPHA: Ndiyabulisa kwiSolezwe, ndingumlandeli wephepha ndaba lenu, kunengxaki nephupha lam, ndaphupha ndiginya into ngathi yimpuku ndothuka ebuthongweni, ndavuka, emva koko yangathi ihleli entanyeni ayihli tuu, ndazama ukuphalaza andancedakala, yiminyaka mibini ngoku, ndithi xa ndithetha ilizwi aliphumi ngoku xa ndithetha, andiyazi yintoni ndinalo ngxaki, ndicela ukucaciselwa, ingaba yintoni?

IMPENDULO: Funa uncedo ngokukhawuleza kuyacaca ukuba yayi yinto emdaka leyo. Zama nakanjani ukuqhagamshelana nomnyangi wesintu.

IPHUPHA: Nkosi yam, ndiliBhele laseSterkspruit kodwa ndilapha eKapa, amathuba amaninzi ndiphupha ndibhabha ndiwela iindonga ezinkulu, nditsiba nezindlu nemifula, ingabe yhini na Nkosi?

IMPENDULO: Leyo into ibonisa ubungangamsha onabo phezu kwezinto ezimbi ezikulandelayo neentshaba zakho kodwa ke yonke le nto awuyenzi ngawakho amandla; yiyo le nto kufuneka umane ubulela kowenu, usile, ubulele izihlwele zakho. Camagu!

– Umphilisi uyafumaneka nakuFacebook, khangela * “Mphilisi The Healer” pha.