Inkcazelo yamaphupha

Iphupha: Ndiphupha engathi ndiya ekhaya, ndithe xa ndifika kukho utata wam qha wasweleka kudala yena. Kengoku engathi akandiboni uthe asokuguquka andijonge, ndime ngasemnyango, waqalisa ukundibetha engathi uyahlanya kwaye andiqali kuyiphupha le nto ingabe ichaza ntoni ngaye?

Impendulo: Camagu! Zininzi izinto ezinokuchazwa leli phupha lakho kodwa zonke zijikeleza ekubeni utata wakho akaxolanga apho akhoyo kwaye ingqumbo yakhe ijoliswe kuwe.

Oku kungabangelwa zezi zinto zilandelayo: Ukutyeshela amasiko nezithethe zakowenu, Ukungenzeli uyihlo okuzimfanelo zakhe umzekelo, ukumzilela okanye ukumkhapha ngenkomo.

Ukuze ufumane esona sizekabani kufuneka wenze uphendlo ngakuwe nosapho lwakho.

Ukanti ukuba oko akunanelisi, hambani niyokuyisabela le ndaba emntwini obonayo.

Iphupha: Camagu! Ndiphupha amaxhegokazi ama-3. Esusa ingca apho ndithe ndifumene khona indlu.

Impendulo: Camagu! Kumele ikuvuyise lo nto kuba undwendwelwe apho kulo ndawo umise kuyo inxiwa oko kukuthi iyabonwabisa abantu bakowenu.

Zama ke kungekudala uvule umzi ngokufanelekileyo. Ukhumbule ukuba lisakusuka ukhula kubakuhle kulunge kanjalo.

Iphupha: Amakhosi ndiyacàmagusha xa nditshoyo tata. Ndiphupha apho besikho besibaninzi kakhulu kukho nabantu bebala apho kuleqwe omnye umfana kuthiwa uyamosha, ndimbethe ngentonga wawa ndamyeka kukho nezinja eziliqela zasukela enye, nam ndaleqa, ndithe ndisaleqa kwathiwa ‘Radebe sashiywa yinqanawe esisebenza kuyo.’ Sàleqa yona ngoku, mna ndethuswe kuthi xa nditsibela kuyo ndatshona elwandle, ndothuka. Maninzi la màphupha anamanzi apha kum ayandoyikisa, ndisebenza elwandle ndide ndithi ekhaya xa ndinokutshona emanzini bangaze bakhale, kobe kufanelekile.

Impendulo: Khumbula kaloku ukuthi kuthi bantu bamnyama ulwandle yindawo ehloniphekileyo nexabiseke kakhulu kuba sikholelwa ekubeni kuhlala abantu nezinto eziphilayo.

Ngoko phambi kokuba usondele kulo ndawo kumele ukuba uyababikela abantu bakowenu kwaye ufumane imvume kubo ngokunjalo. Xa oku kuthe akwenziwa kuba yingxaki ethubeni ingakumbi xa ungumntu onamatyala. Chosi!

Iphupha: Camagu, ngosuku lokuqala ndiphupha ndinosana lubhubha lusezandleni zam, okwesibini ndiphupha ndinosana ndilulahla phantsi. Ingaba ithetha ukuthini lo nto?

Impendulo: Camagu! Iphupha lakho lichaza imeko embi kakhulu, ndicebisa ukuba ubonane nomnyangi wesintu ukuze ube nokuncedakala.

Umphilisi uyafumaneka nakuFacebook, khangela uMphilisi The Healer pha okanye

usithumelele iphupha lakho kumnxeba kaWhatsapp wethu:063 743 9538