Inkcazelo yamaphupha

Iphupha: Camagu tata. Ndinethongo endifuna undilawulele lona, ndithonga ndibona inyoka, le nyoka ndiyijonge ndifike iyeyasekhaya.

Mna ndinguJola, uMphankomo, Qengeba, Thole loMthwakazi. Sijongene nenkwakhwa ixesha elide, ndajika ndakhangela umyeni wam besiza emva kwam, ndimnqande angangeni, ndimchazele kukho undwendwe lwam.

Xa ndijonga gqi enye engeyiyo le yasekhaya ingxamile ifuna undikho, ndavala ucango. Ngezolo besisenza iinkobe zikamazala wam. Khandilawulele lona tata.

Impendulo: Camagu. Khumbula ukuba amaxesha amaninzi izilo zasemakhaya zikho ukusikhusela nokuqinisekisa ukuba izinto zethu zihamba ngendlela kwanokuba thina asiyityesheli indlela yamanyange. Kuyacaca ukuba emveni komsebenzi lowo kuza kubakho iintetha eziliqela zimbi ziza kudodobalisa, kaloku kukhona imimoya engayifuniyo into entle.

Kuyacaca ukuba kukho igumgedle eliphekwayo ngento edibene nawe. Ubukho ke besihlwele sekhaya ephupheni lakho kukuza kunqanda kanye loo moya, yiyo lento kwiphupha elo uye inyoka leyo ingaqhelekanga wayivalela ngaphandle.

Lo nto ke ithi nalapha ebomini bakho ziza kwenzeka izinto, ziza kubakho neentetha ezimbi nezintle ngawe, wena ke uzungazinaki, uzivalele ngaphandle zonke ezimbi. Chosi!

Iphupha: Camagu. Ndiphupha ngathi nditshona eludakeni kwabe kusiza iinkomo ezininzi ndingakwazi kubaleka kodwa ziphethe zingandihlabanga, ndaphuma eludakeni ndahlamba udaka olo ndahamba, ndidibene nomlanjana ndawela, ndithe xa ndiphakathi ndabona iinyoka ezimfutshane eziluhlaza, xa ndikhala zisukile kule ndawo ndikuyo, kodwa kuba amanzi ebecocekile ndizibonile xa zihamba ngabe lichaza ntoni eli phupha?

Impendulo: Camagu. Iphupha elinje lithanda ukuvela kwimeko apho ikhaya lalowo ungumphuphi lisengxakini ngenxa yokutyeshela amasiko angundoqo ekhaya. Ukutshona edakeni kubonisa imeko embi enothi yehle xa ninganiki ngqalelo loo micimbi ingxangileyo ifuna ukwenziwa. Kuyacaca kwakho ukuba ikhaya elo linamatyala amaninzi kubantu basemlanjeni, oko kusenokubangelwa yinto eninzi, ingakumbi umcimbi ohlangene nokufa okumhlophe. Chosi.

Iphupha: Tat’ uMphilisi, ndicela ukubuza xa ngaba uphuphe abantu abane abangasekhoyo kusube kutheni, omnye wayengumhlobo wam, ababini sihlobene nabo ngoomakhulu babo bazalwa notatomkhulu wam, omnye lo ngutata nje waselalini kamama ebeye andibize ngomtshana, umhlobo lo wam siye sancokola naye de ndamncedisa ekutshayeleni, abanye ababini bebekude nam besesikolweni, utata lo yena ude wafuna ukundibamba isandla ndala. Ndicela ukucaciselwa ndisuke ndanoloyiko!

Impendulo: Camagu. Ukuphupha umntu okanye abantu abangasekhoyo kungaphenjelelwa zizinto ezininzi iinkumbulo yenye yazo. Ngelinye ixesha uphupha umntu ongasekhoyo kuba efuna ukudlulisela umyalezo, omnye ufuna ukwenzela amathamsanqa.

Isiduko ke ngasinye sinayo indlela ethile ehleliweyo yokukhumbula abo basele belele ukuthula.

Yiyo ke lonto kufanele sizenze zonke iimfanelo zalowo ungasekho ukuze abe sisinyanya esiphilileyo nesinamandla.

Ndicebisa ukuba ungangxami ngokuthatha amanyathelo ngeli phupha de ube kanti umyalezo walo utyhiliwe kuwe ngelinye iphupha kuba lona lisaqhubekeka. Chosi.

Iphupha: Camagu, ndinento yokulahlekwa ngamaphupha. Ukutsho ke ndiyalala ndiphuphe, kodwa ndithi xa ndilicinga iphupha, ndisuke ndingalazi ukuba lidukiswa yintoni na.

Lo nto ayindiphathi kakuhle kwaphela ngoba ndingumntu owaxabisileyo nowalandelelayo amaphupha. Ndisuke ndikhumbule nje indawana encinane.

Impendulo: Camagu. Zininzi ke izizathu zoku. Ngelinye ixesha le meko iye ibangelwe kukungahlanzeki kwendawo le ulala kuyo ngenxa yemimoya engendawo.

Okunye kukho loo meko ithile igwenxa uye wagaxeleka kuyo neye ibangele ukuba unxibelelwano lwakho nabalele ukuthula libe yekeyeke. Ndikucebisa ukuba ukhe unyuse ibhekile yesilawu sakowenu, ucelele amaphupha acacileyo emveni koko wandule uphalaze ngaso. Chosi!

Iphupha: Ndiphupha ndisesikolweni oko.

Impendulo: Camagu. Iphupha elinje amaxesha amaninzi liye livele kumntu onobizo ingakumbi lowo ulubaleka ngeenyawo zakhe zombini.

Iphupha: Molweni. Mna ndinguSiziphiwe, ndisoloko ndiphupha nditshon’emanzini, ndihleli nabantu abaswelekayo okanye ndilele nabantu endingabaziyo.

Impendulo: Chosi. Amaphupha akho lawo asenokuphenjelelwa ziimeko ezininzi, kodwa ke loo meko ingasombululeka xa unokuthi uthabathe iintonga uye kuSiyazi ukuze akutyebisele kabanzi ngemeko kwakunye nokulindeleke ukwenze. Camagu.

Umphilisi uyafumaneka nakuFacebook, khangela uMphilisi The Healer okanye usithumelele iphupha lakho kuWhatsapp: 063 743 9538