Inkcazelo yamaphupha

IPHUPHA: Camagu. Tata ndiphupha kungena inyoka ezingubeni. Nali elinye, ndiphupha ndinyuka intaba koko andide ndiyiwele suka ndibone ndingena emanzini acocekileyo. Ingaba yintoni?

Impendulo: Amaphupha akho afuna ukuhlalutyelwa wena ekhusini kuba aqondene nemeko yakho ekungafuneki yaziwe ngomnye umntu ongenguwe. Xa kukho imeko enjalo kufuneka uhlale phantsi nemboni ukuze nikwazi ukufumana isisombululo.

Iphupha: Tata ndiseMonti, ndisoloko ndiphupha ndilele emlanjeni, ibhedi yam isemlanjeni yondluliwe neempahla zam. Namhlanje ndiphuphe ndijongwe ngumntu ongutata osemlanjeni.

Impendulo: Kaloku emlanjeni kulapho siphila khona singabantu besintu, inkolo yethu isekubeni izinto ezingaphakathi apho zilulutho kuthi kwaye zizisa impilo kuthi. Ngoko kuza kufuneka uzame ukundwendwela umntu oligqirha nonolwazi ngemiba yasemlanjeni enze oko kuchazwa liphupha elo.

Iphupha:

Mhlekazi, ndiphuphe umkhuluwa womyeni wam osele wasweleka umkhuluwa lowo. Akathethi kodwa ndimenzele iti aphunge kusuke kube mnyama ngathi kusebusuku kwaye nendlu yethu isentabeni. Ingathi ngoku ndibeleke lo mntwana wam uyintombi una-21 years kuthi shwaka emva koko. Sakhe saxabana nobhuti. Ingaba ithini le nto?

Impendulo: Zama ukubonisana nabantu bomzi wakho ngephupha elo. Ukuba umyeni wakho usaphila yena mlawulele ithongo elo ukuze ahlanganise abantu bekhaya ze kwenzelwe umkhuluwa wakhe lowo loo ti ebeyiphunga ephupheni kuba ilapho indaba.

Iphupha:

Camagu, ndiphuphe umntu ongubhuti wam namhlanje, ndithe kuye eyi bhuti khandinike imali ndithenge ukutya akukho kutya apha endlini, ubhuti wam akhuphe i-10 rand eziyi 4, iyonke loo mali yi40 rand, athi kum ‘jonga eninzi ndizakunika ngomso ungakhathazeki uyeva?’ Ndifuna ukuqonda ukuba lithetha ukuthini eli phupha?

Impendulo: Eli phupha lingathetha izinto eziliqela. Mna ndicebisa ukuba ukhe uzame ukuqhagamshelana nobhuti wakho umkhangele ukuba unjani kuba kungenzeka ukuba izinto azimntaka-Ngqika kuye.

Ukanti ukuba ubhuti lowo akasekho kuyakufuneka ulawulele ikhaya ukuze lenze ekufanele kuyenziwa kumntu ongasekhoyo ngokwesiko okanye isithethe sekhaya elo. Isakube yonke loo nto yenziwe, umthombo wamathamsanqa uzakumpompoza kuwe. Camagu!

Iphupha:

Ndinqwenela ukwazi eli phupha, ephupheni ndibona ixhego lingena ekamereni endilele kuyo lingena lihamba nomntu ongumama, kweli phupha ndiqaphele beza nkqo apha kum ebhedini, ndivuke ndimi ngenyawo, ndibalinde beze bame apha phambi kwam, umama lo, akhombe mna ngentloko ebonisa eli xhego, ndithe ndisajonge leyo eli xhego guquququ lajika lanje ngomsi okanye umphunga, le nto yenyuka ngaphantsi kweenyawo zam ukuzokuma ngesinqe ibanda ceke.

Kuba ndingumntu okhonzayo, ndothuka ndathandaza, ngelam ndilwa nedemoni, ndabuyela ebhedini, ndabuyela kwasephupheni, kwangena umntu emnyango lo wekamile, waqonda ngqo kum aphe bhedini, ngeli xesha ndileli ngomqolo, wandithi hlasi, wandigoba wadibanisa inkqentsu lam nezithende, wandilahlela ebhedini, ukothuka kwam, ndeva ukuba sikhona isiqu ngaphakathi kum esikumila kumntu ingathi sindinxibile ndiva ingalo ingathi zinxibeke kwezam, ndeva ingathi ngoku izandla zesi siqu singaphakathi kum, sindicubha iziphakathi zam, ndothuka!

Impendulo: Camagu eli phupha libandakanya izinto eziliqela ezihlangene nawe. Ndingabalula ezi zilandelayo: Ubizo namasiko ekhaya angenziwayo. Zama ke ukhe uthabathe iintonga ukuya kumamela kakuhle kooSiyazi. Kuba lo myalezo ukwelithongo ungqale nqo kuwe.

Iphupha: Ndiphuphe umakhulu womyeni wam osengcwatyiwe kudala, kushukuma ingcwaba lakhe kubengathi wonke umntu endihleli naye akaliboni libonwa ndim kuphela.

Ndiphakame ndisondele kuba ndifuna ukubona lishukunyiswa yintoni xa ndisondela ndibone nguye osengcwabeni uyakhala, labe ingcwaba lishukunyiswa kukukhala kwakhe, ngabe lithetha ukuthini eli phupha. Ndibe ndingumntu okhathazwa ngamaphupha ixesha elininzi, ndiphupha into ezokwenziwa kum okanye kwabasondele kum kodwa ndibe ndingayazi ukuba ndithini ukunceda nokubavikela.

Impendulo: Xa kushukuma ingcwaba sukube lowo ulele ukuthula engaxolanga ngenxa yezinto ezizimfanelo kuye ezingekenziwa. Xa ke evela elo hlobo sukuba equmbile ngenxa yokurhuqa kwenu unyawo nilikhaya.

Iphupha: Mna ndiphuphe ingcwaba likamama wam livulekile kuthiwa mandithathe into ngaphakathi kulo, xa ndikroba kukho iimpahla namaphepha kulo. Elesibini, ndiphuphe inja enamantshontsho ehleli emngxunyeni onamanzi, xa ndizama ukukhupha la mantshontsho umama lo wamantshontsho wafuna ukundiluma. Elogqibela, ndiphuphe ingathi ndifumana ingozi ndihamba nomntwana wam, xa ndizama ukuphepha kule ngozi ndaphumelela, kodwa umntwana wam akasinda yena ndimbona eswelekile kweli phupha. Ingaba athetha ukuthini la maphupha?

Impendulo: Camagu. Nceda lungisa iimeko zekhaya. Amasiko ekhaya angxangile kwaye wena utyunjwe njengomthunywa ozakwazi ukugqithisa umyalezo wamanyange kwikhaya elo. Ukanti khanikhe nilungise nemeko kamama lowo kuba kuyacaca ukuba oko wahamba zange enzelwe nenye into. Yiyo ke lo nto uneliphupha linjalo ngaye.