Inkcazelo yamaphupha

Iphupha: Camagu mhle, ndicela ukuncedwa ngephupha ukuba lithetha ukuthini na mhlekazi wam. Ndiphupha ingathi ndihamba notat’omncinci wam ongasekhoyo, ingathi ndiyombonisa inxiwa lam. Ingathi uhamba phambili. Ingathi liphakathi edolophini, libiywe oku kwasedolophini qha ingathi kukhona abantu abangaphakathi kulo abenza iinwele abangamantombazana, abanye babo ingathi bayandazi bayacela ndingabakhupheli ngaphandle. Ingathi ndithi kuzokufuneka niphume apha xa sendihlala, ndiyalibuka likhulu mntwana wamathongo, ndethuke ndisalibuka.Camagu!

IMPENDULO: Ukuba awunalo inxiwa lithuba lokuzifunela ngoku. Ukanti ukuba unalo livule ngokusesikweni.

IPHUPHA: Camagu! Ndiphupha ndihamba phezu kwebhlorho, ndifike endaweni enengca etshazileyo, ndidibane nomfana, abuze ndiyaphi, ndithi ekhaya, andolathise umzi onoronta wezinti, ndithi akukho sekhaya phaya, athi kudala ndilindiwe, ndihambe. Xa ndifika ehekeni kukho izinja ezinkulu ezimbini ngaphakathi, ndide ndingene ndisoyika ezi zinja, ndikhwazwe ngegama kulo ronta ndingene, ndifike kukho utamkhulu nomakhulu endingabaziyo, athi utamkhulu, bani kudala sikulindile kukowenu apha, athi umakhulu kunzima ukuphumla oko sikulindile singakwazi ukuba uphi mntwanam kukokwenu apha, suka baphuma bahamba. Ndothuka.

Elesibini: Ndiphupha ndihleli phambi kobuhlanti ekhaya ndiyalila, kufika utamkhulu wam owaswelekayo uyabuza ndililela ntoni, ndithi kemna andiqinisekanga ukuba kuphi ekhaya ndifuna ukwazi ukuba kuphi, athi yena jonga pha ngasendlini enkulu kwabe kukho iibhokhwe ezimbini, enye imhlophe yonke enye inentloko ebomvu, athi le imhlophe izakusebenza kuqala ilandele enye, athi uze uxelele ubani abize igama likatata ukuba kuzakude konakale engade athethe nje. Ndincede tata kuba imbeleko ndandiyenzelwe.

IMPENDULO: Amaphupha akho omabini anika ingcaciso ngale misebenzi ekufuneka yenziwe, ayina nto nambeleko le nto. Wena funa umntu oligqirha ozakunika isikhokelo ngekumele ukwenze.

IPHUPHA: Ndiphupha ndilele nomntwana omncinci womzala wam. Kuthi gqi ibhokhwe, bhokhwe le inentshebe, ibe ihamba apha ezantsi kwebhedi le yam ndilele kuyo. Indlela besisoyika ngayo kuba umntwana lo ndilele naye angakhatywa yile bhokhwe. Ndizamile ukufuna into yoyibetha andayifumana.Ndothuka!

IMPENDULO: Ibhokhwe kaloku yeyokwenza imisebenzi yesintu, xa kukho umsebenzi ofuna yona izokuvela rhoqo kuwe.

IPHUPHA: Molo Mphilisi, ndinephupha elindityayo, kwiveki eziphelileyo ndiphuphe sihambele indim noobhuti bam ababini. Apho ke bekukho umntu ongutata, sithe ke sihleli njalo waphuma lo tata, xa ndithi ukuqwalasela kwesi situlo ebehleli kuso kukho intambo le yenziwa ngofele lwebhokhwe, ndithi ngaphakathi oh! ligqirha eli. Kuthe kusenjalo wangena, xa ndiqwalasela apha ecaleni kwakhe kukho imbiza emnyama, inamatye amnyama ngaphakathi awazamise, wandibiza ndasondela, wabe ephethe ilitye elirhanga-rhanga kodwa lona alimnyamanga liyakhanya, wathi yintoni le, ndathi lilitye laselwandle ndabe ndidlikidla iingalo ndisithi lelaselwandle ngongathi ndakhe ndalibona. Kuthe kusenjalo ndeva isandi samanzi olwandle apha kum ezindlebeni yangathi lilapha endlwini, ndazama ukuvala indlebe hayi akwabikho mehluko kwangona ngathi ndiyoyika, ndithe xa ndijonga umntakwethu lo umncinci ndabona ucimele ingathi naye uva lo mgqumo wolwadle, kuthe ke kusenjalo wathi lotata uyabona ke, uzawutshona, kulapho ke ndivele ndoyika kakhulu ndothuka emveni koko. Ndicela ke Mphilisi undicacisele, liyandikhathaza eli phupha. Enkosi.

IMPENDULO: Iphupha lakho lingawe nokubizwa kwakho ukuba ube ligqirha. Likwacacisa nendlela ekumele kwenziwe ngayo oku. Lifuna ke umntu onamava ebugqirheni akunike isikhokelo.

UMphilisi uyafumaneka nakuFacebook, khangela uMphilisi The Healer okanye

usithumelele iphupha lakho kumnxeba kaWhatsapp wethu:

063 743 9538