Inkcazelo yamaphupha

Iphupha: Molweni tata, ndicela ukubuza. Ndivuke nephupha ingathi umama wam uthi kum’ mandingaze nditshatele kubo loo mfana endibonana naye. kutsho ukuthini ?

Impendulo: Enkosi, elo liphupha lesilumnkiso kwaye ukungawunanzi umyalelo walo ungazisa iingxaki kuwe. Wena yenza njengoko iphupha likuyalela, kuba kukho isizathu sokuba unqandwe xa uneminqweno efana naleyo.

Iphupha: Ndikhathazwa kuphupha ngabantu abasweleka kudala, ndiphuphe tata wam elapha endlini phambi komnyango esithi mandingaxhalabi usekhona qha ikhona into ayilungisayo. Ndiphupha ndisemfuleni kulo mfula ndikuwo kumane kudibana amadama onke anga andigqongileyo kusenjalo ndiphupha ndikhonkothwa yinja igqale kum ayide iye kwababantu ndihamba nabo.

Impendulo: Khumbula ukuba kwisintu sethu umntu esakutshaba uba sisihlwele kuthi yiyo lo nto kufuneka sihlale simana sibakhumbula njalo ngokwenza ngendlela ababefudula bephila ngayo kudala. Okwesibini kuyacaca ukuba wena unalo nechapohaza lobizo kodwa kunezinto wena ongafuni ukuzinika ingqalelelo okanye izinto wena ongafuni ukuzenza nezingumyalelo ovela kumanyange. Zama ke ukulungisa ezo ziphoso.

Iphupha: Ngiyabibingelela, ngiphuphe ngingibele imoto ithe isendleleni yamiswa ngumntu wesilisa ongumntu omhlophe isiphiwo efake amazinyo aligolide yamumela imoto yamthatha yabe isigijima kakhulu imoto ngaphaphama.

Impendulo: Iphupha lakho lichaza ukuthi kukho apho abantu bakuni abakusindise khona nokuba yingozi okanye nantoni embi. Kumele uphahle ubulele abantu abadala bakowenu.

Iphupha: Xa uphupha usitya ipesika emithini kuthetha ntoni? Xa wehlukana nomyeni/mkhwenyana wako umphuphe ngathi ufuna uzozithoba abe esoyika, naxa uphupha ukulomyeni wakho kodwa wehlukana naye? Xa uphupha usesingcwabeni ongasaziyo ba sesikabani? Enkosi!

Impendulo: Amaphupha akho onke ahlangane nawe nesimo okuso, kuba wena ubeka ubuwena phambili hayi okufunwa zizihlwele zakho. Zama ke uke uzigocagoce kuba ingxaki ikhona kuwe.

Iphupha: Ndicela ukucaciselwa ngamaphupha endikhe ndawaphupha. Ndiphuphe ingathi sibathathu kule ndawo sihleli kuyo ingathi ndikhuphe isikhafustina sine rayisi nenyama ingathi ndithi masityeni ingathi besatya kumise ibhaki kude kufuphi nathi ingathi kohlike umfana endimaziyo abulise abe ehamba. Ingathi umkhuluwa abuze lebhaki ukuba yeyakhe na ingathi ndithi mna hayi yeyakulafem yekhalibhothi ingathi kudlule umntu ongumama endingamaziyo abuze kundawoni kwaNomadrin ingathi akhombiswe ngomnye umfana ahambe.

Elesibini ndiphuphe ingathi kungena umntu oyintombazana endimaziyo ebeleke umntana ingathi imothule lo mntana unedredz nayo inedredz zibotshiwe ndingazi ukuba imothule yamthini na ingathi ithi lentombazana ibuzile kunesi,ukuba unini umsebenzi wokuhlamba izandla kuba ibimncedisa ekumkhululeni ledredz lomntana,

Ithi amthi,amthi itsho ikhulula le dredz yayo ichophe esitulweni ndisothuka. Elinye ndiphuphe ingathi ndihleli nabanye abafana ababini endingabaziyo ecaleni kwendlela and kukho nomnye ozihleleleyo ecaleni kwethu.

Endingamaziyo ingathi kudlule iibhaki ezimbini zikhwele amagqirha,kwale ethubeni ngathi kukho umntu oligqirha othetha nala mfana and andimbonanga ukufika kwakhe and andimva uba uthini kula mfana ndibone ngathi umnika imali and ahambe angathethi nathi ingathi ndithi mna

Kwabafana babini masimkhuthuzeni lomfana lamali,siphakame siye kuye qha ndingazi umpu ndiwufumenephi ndidubule lamfana emilenzeni awe ndithathe lamali sibaleke and ingathi siselalini endingayaziyo and sileqwa yiveni ndingafunyanwa mna ndingene ethweyilethi endala ndizimele.

Impendulo: Camagu. Yenza amasiko akowenu, kuba iphupha lakho lingesikhalazo kwimisebenzi yekhaya eliqela engade yenziwe kuquka naleyo yabantu bekhaya abangasekhoyo.

Iphupha: Camagu Tata!! Ndiphupha kusitsha emzini wam uronta , Xa sivuka kusasa inthyo-nthyombe lendodakazi yam litshile yiflame .

Impendulo: Camagu Ukusukela ngoku ukubheka phambili wathathele inqalelo onke amaphupha akho kuba wena uphiwe ngamawenu ngohlobo lokuba uyiphuphe into ibenjalo.

Zama ke ukudibana nengcali yonyango lwesintu izokuncedisa ekubeni ungasiphuhlisa njani isiphiwo eso unaso.

Iphupha: Camagu, ndiphupha ndiphezu kweliwa; into engase ndiwe okanye ndisentabeni kungekho kuyamva okanye phambili. Lithini?

Impendulo: Usengxakini wena. Iphupha elo libonisa ukuba iingxaki ohlangabezana nazo azidalwangwa koko zibangelwa yimimoya engendawo. Chosi.

*Umphilisi uyafumaneka nakuFacebook, khangela uMphilisi The Healer