Inkcazelo yamaphupha

IPHUPHA: Ndiphupha ndisedolophini ndiyokukhwela imoto egodukayo, kushota umntu omnye, ndingene, kodwa ndingazi kwamntu aph’emotweni, banxibe iimpahla zabo nje. Xa ihamba imoto batshintshe bonke banxibe mhlophe, baqabe, ndothuke. Okwesibini, ndiphuphe ndisedolophini futhi, ndihamba nomheza wam, siyokukhwela, kushota abantu ababini emotweni, nathi sibabini, kodwa mna ndihamba phambili, yena usemva kwam, ndingene kuqala, yena avalelwe ngaphandle, ndibuze ‘bekuthwe kushota abantu ababini ngoku kutheni evalelwa ngaphandle?’- Kuthiwe sifuna wena, athi umntu ongumakhulu usilibaziselani ud’uvume nini, kunini sikulindile, ndithi mna ungubani, angazixeli, ihambe imoto ndiyibone ayiyi kweli cala ndihamba kulo xa ndigoduka, andiyazi le ndawo, ndibuze iyaphi le moto, kuthiwe siyokwenza indlu yakho, ndibe sendibona ulwandle kengoku, ndothuke! Okwesithathu, ndiphuphe ndileqa inkomo enamagqabaza anje ngaweNgwe. Okwesine, ndiphuphe ndinikwa iqhiya ekwanje ngala nkomo. Ndicela undixelele athetha ntoni la maphupha wam ngoba andonwabanga mna ngoku, ingathi ndingazivalela endaweni ndibe ndodwa, ndikhale kakhulu, ndinomsindo omkhulu endingawaziyo.

IMPENDULO: Camagu! Le ntlanganisela yamaphupha akho ikhomba kwicala elinye lokuba wena unobizo lobugqirha, kwalapha ephupheni iyacaciswa eyokuba hlobo luni lobugqirha. Dibana nabantu bekhaya lakho nifune umkhombandlela.

IPHUPHA: Molweni, ndicela ukubuza ukuba kuxela ukuthini ukuphupha uqhuba imoto endleleni embi, imoto imhlophe. Enkosi.

IMPENDULO: Ziingxaki okuzo ezibangela ukuxinga kwezinto kubomi bakho. Zama ukufuna uncedo.

IPHUPHA: Camagu tata, ndicela ukubuza ukuba eli phupha lichaza ukuthini? Ndiphupha ngathi ndiserent office, ndiyokukhalaza okanye ndithi ndiyokubuza ngetyala lendlu yasekhaya endihlala kuyo, ngathi ndihamba nomntwana kadade wethu ongasekhoyo. Xa sifika erent office sifika kukho nabanye abantu abayokukhalazela umbane nabo, kwaba bantu kukho abantwana ababini balapha ekuhlaleni. Xa sibuya, sibuye sonke, sithe sisahamba endleleni, abantwana bagibisele ngomhlaba lo mntwana kadade wethu endihamba naye, kodwa umhlaba uzokubetha mna, xa singena endlwini ndifike ngaphakathi kukho umama wam ongasekhoyo, ehleli noosisana ababini endibaziyo, ndifike ndibabalisele ngaba bantwana bandigibisele ngomhlaba, ndisuke ndiyokungena kwindlu yangasese ngeliyokukhupha lo mhlaba, uphume umhlaba ngaphakathi emzimbeni, ude uyokuphuma nasezitekini, ndiphume ndiwugalele apha esandleni ngeliyokubonisa umama wam naba sisi. Aphendule ngelithi umama wam mandibabethe bayageza. Xa ndiphuma endlwini ngeliyokubetha abantwana, xa ndivula emnyango ba ndiza kuphuma ndidibane nomntwana wam omncinci emhlophe ngumhlaba, eze egruzukuile ecaleni kwemehlo ngathi ebexhuzula.

IMPENDULO: Kufuneka nilungise imeko yekhaya livulwe ukuze izinyanya zomzi zikwazi ukungena zizokuzisa amathamsanqa nokunikhusela. Vulani umzi lowo ke ngokwesintu.

IPHUPHA: Camagu bawo. Ndiphupha utamkhulu ozala utata owaswelekayo endibetha, uyanqanda yena umakhulu. Ndike ndathetha edlakeni lakhe ndiyowalungisa, kodwa ke ngoku andikawagqibi ngokushota kwematerial. Uthi ke xa endibetha, yenziwe na la nto bemke ethe ze yenziwe. Ngathi xa ndibona ebemke nje ngempelaveki.

IMPENDULO: Utatomkhulu lowo unesikhalazo kwaye kuyacaca ukuba kunemisebenzi eqondene naye eningade niyenze. Lungisani ke ukunqanda ingqumbo ezayo.

IPHUPHA: NdinguSinothando, singcwabe umakhulu wam nge10 ka February osweleke ngokungaqondakali. Ngoku ndimphuphe esithi akafanga yena uhleli, bendicela undicacisele elo phupha. Enkosi.

IMPENDULO: Iphupha lakho liqulathe umyalezo nofuna ikhaya lakho kuphela, lo myalezo uza kunika umkhombandlela kwindlela umakhulu lowo atshabe ngayo. Khanizame ke nidibane noSiyazi ngalo mba.

IPHUPHA: Molo Tata, ndicela ukuchazelwa ngeli phupha. Ndisoloko ndiphupha ndifunda ndiphindaphinda uGrade 12, kodwa ndampasa kudala, kuye kuthi xa kuza kubhalwa iimviwo zokuphela konyaka, mna ndingafuni ukubhala kuba ndizixelela ukuba ndandise ndimpasile.

IMPENDULO: Wena uyabizwa kodwa uyala. Vuma intwaso.

IPHUPHA: Molweni nonke ngelihle igama, ndinephupha elindidubayo, ndimane ndiphupha ndinomntwana oyintombi, andiyazi lithetha ukuthini liyandihlupha. Ngamanye amaxesha lo mntwana uyajika, ndimgqibele emnyama, aphinde abemhlophe, kufumaniseke mhle lo mntwana. Ndicela nindincede ngeli phupha!

IMPENDULO: Usengxakini. Imeko yakho ifuna intlambululo emandla. Zama ukufuna uncedo.

UMphilisi uyafumaneka nakuFacebook, khangela uMphilisi The Healer apho okanye usithumelele iphupha lakho kuWhatsapp: 063 743 9538