Inkcazelo yamaphupha

Iphupha: Mna ndiphuphe ndidutyulwa. Bendiliphupha okwesibini ke namhlanje eli phupha.

Impendulo: Ukuphupha udutyulwa kutsho ukuthi kukho mntu othile ukuzamayo, okanye ukwigumgedle lokudodobalisa wena okanye impumelelo yakho. Eli liphupha lokuvusa emaqandeni ukuze ukwazi ukuthatha amanyathelo okuzikhusela ngokuthi unqande unongekehli. Camagu!

Iphupha: Oko kwezintsuku ndiphupha iingozi zeemoto kodwa mna azindichaphazeli. Kukathathu ngoku kwaye azenzeki kude kunendawo ebendiyibonisiwe. Ndike ndaphupha ndiphezu komlambo omkhulu, kukho ingwevu ethi, ’nasi ke esi siziba mzukulwana’, ndothuka. Khanihlambulule!

Impendulo: Ufunyenwe luhlobo lwamaphupha achaza ngoko kuza kwehla, oku akuxhapakanga kuye wonke ubani imeko enje ivelela abantu abathile nabanobizo. Lo nto ke ingqinwa liphupha lakho lesibini nalapho uboniswa khona umlambo ozakuncedwa kuwo yimfukamo leyo ngokwasemvelini yobugqirha. Camagu!

Iphupha: Ndiphupha ndibona umntu okhulelweyo kodwa akubonakali ingumntu omnye. Ngenye imini kuvela omnye; ngabantu endibaziyo.

Impendulo: Ukuphupha ukhulelwe akutsho konke konke ukuthi ukhulelwe ngokohlobo lwendalo esiyazi sonke. Koko ngumqondiso kwisiqalo esitsha kubomi bakho.

Ngokucacacileyo izicwangciso zakho ngobomi bakho zizakuphathela iziqhamo ezihle. Kungenzeka ukuba umntu lowo xa ingumntu omaziyo kukho ndawo ithile ebenze kuyo isicelo sengqesho, ngoku iminqweno yakho sele imbovu ukuzalisekiswa.

Ngamanye amaxesha iphupha elinje likwachaza kukho nto oyigcine kuwe ekudala ufuna uyenza, umzekelo ukuqala ishishini, ngoku ixesha lifikile lokuba ukwenze oko. Izihlwele zakho nomdali zingakwicala lakho. Musa ke ukulibazisa sebenzisa ithuba elo unalo.

Ukanti ke xa engaveli umntu lowo ephupheni ukhulelweyo, sukube lingqale kuwe ngqo kungako ke impendulo yam isiza kuwe. Camagu!

Iphupha: Ndicela uchazelwa xa uphupha inyoka ezingenantloko ingathi uhamba phezu kwazo okanye ngamanye amaxesha kubengathi ulele phezu kwazo.. Oko eliphupha liphinda-phinda.

Impendulo: Camagu! Asiyiyo yonke inyoka esephupheni enoburhalarhume okanye ubungozi, iba yimeko eza ngayo ephupheni eye ibonise ubungozi kwiphupha elo.

Ukhumbule ukuba sikwanazo nezihlwele zethu kweminye imizi eziye zize zikwimbonakalo yenyoka kuba isisilo sekhaya.

Kwelakho iphupha akukho bungozi koko bubungangamsha bakho kwimeko ezakuvelela nezakuzisela okuhle kodwa. Chosi!

Iphupha: Molo bhuti, mna netshomi yam ndiphuphe sitshone elwandle ingathi ndiye ndasinda yena akafumaneka inoba lithetha uthini?

Impendulo: Wena nomhlobo lowo wakho kukhona okunidibanisayo ngaphandle nje kobuhlobo. Kwaye lo nto inidibanisayi inzulu, kusenokwenzeka ukuba nobabini nizalwa ngabantu abamhlophe okanye niphuma kumnombo omnye.

Iphupha: Molweni Makhosi ndicela ukubuza ukuphupha usitya ubusi, lithetha ukuthini elo phupha. Camagu!

Impendulo: Ukuphupha ubusi kuchaza okuhle kodwa ingakumbi xa ungumntu onempilo enkenenkene oku kuchaza ukuphila. Kubuya futhi ibe yindlela apho amawenu azama ukubonisa ukuba ngoku umnwe wabo ukhombe kuwe ekukuphumeleliseni kwizinto zakho. Camagu!

Iphupha: Ndicela ukucaciselwa ngamaphupha amathathu endakhe ndawabona. Ndaphupha ingathi ndisemlanjeni kwaye ingathi ndifuna ukuwela kodwa andide ndingene yaye akukho bungozi benzekayo.

Elesibini ndaphupha ngathi ndimi ecaleni kwendlu ngathi kuza amanzi phambi kwam ingathi ngawomlambo ndikhawuleze ndingene endlini ndivale ingathi ethubeni ndikrobe ingathi le ndlu ndikuyo ngoku irhangqwe ngamanzi amdaka.

Elesithathu ndaphupha iinyoka ingathi zintathu, kuvela ibenye izihambela ndiyibethe isithele nenye njalo zide zibentathu zisithela phakathi kweemoto ezipakiweyo ingathi kukho nemoto yamapolisa kule ndawo yokupaka ndibe ndisothuka ndingazifumenanga ezinyoka. Camagu!

Impendulo: Camagu! Kuyacaca ukuba wena unobizo lobugqirha kwaye le meko yakho ingxamile. Zama ke ukuhlangana nabantu bekhaya lakho nilungise lo mba phambi kokuba konakale ebomini bakho.

Iphupha: Ndicela ubuza eliphupha. Ndiphuphe ndileqwa ngemela yindoda ndayibaleka ayandifumana ndabalekela kwabany’ omama ndifike begwada bandinika nam ndagwada.

Impendulo: Kaloku igwada yinto yoqhiya-nkulu abantu besiNtu kwaye ke ikwayanyaniswa nabantu abagula ngobugqirha. Kuyacaca ke nawe ukuba uncedo lwakho lukubo nangoko ubalekela kubo apha ephupheni. Lungisa ke izinto zakho.

Iphupha: Camagu tata! Kha undicacisele ngeli phupha, ndisoloko ndiphupha umntu endandithandaba naye sonwabile. Enkosi.

Impendulo: Kuyacaca ukuba usamthanda lo mntu kwaye akakaphumi entliziyweni yakho. Ndicebisa ukuba umxelele kunokubulaleka kuba hleze kuthi kanti naye usakufuna.

Umphilisi uyafumaneka nkuFacebook: uMphilisi The Healer okanye

usithumelele iphupha lakho kuWhatsapp wethu: 063 743 9538