Inkcazelo yamaphupha

Iphupha: Ndihlala ndiphupha izinja zindilandela okanye zilapho ndikhona, ezinye zikhonkotha ndiphupha iphupha elinye rhoqo kodwa liza ngendlela ezahlukeneyo. Ndaphinda ndaphupha ndibanjiwe ndisentolongweni, ingaba lichaza ntoni enkosi?

IMPENDULO: Camagu. Kaloku ngabantu abadala abo ubabona ethongweni, zizihlwele zakokwenu kwaye kuyabonakala ukuba zinkunye nawe kwiinzame zakho nakuyo yonke into oyenzayo, inye nje into onokuyenza ukugcina lomoya mhle phakathi kwakho nabantu bakowenu, kukusoloko ubenzela into nokuba yibhekile kuba kuyacaca ukuba bakunye nawe. Ngokwenza njalo ke uzakukhululeka nakulomatyathanga entolongo kuba kaloku elo iphupha lithetha malunga nabo bafuna ukudodobalisa kulemeko intle yenzekayo. Xa kunje kufuneka wena ulungise neminye imisebenzi yekhaya kuba umtyunjwa nguwe.

IPHUPHA: Ndiphupha ndibona abazala bam abangabafana benxibe iisuti ezimnyama, bakhona abanye abantu kuyaphithizela kodwa andibaboni ukuba bango bani, mna ingathi ndibabonela kudana okanye ingathi yinto endiyibukele ngefestile. Andiqiniseki noba bona bayandibona kodwa ingathi bayancokola bephuma esangweni lenkonzo yethu esezilalini. Ndibengafuna, ndizibuza apha ephupheni ukuba kwenzekani, andide ndibenampendulo ndade ndaqonda ukuba mandingene apha ngaphakathi, ndibone ukuba kwenzeka ntoni. Xa ndivela apha emnyango lo wecawa, nalapha kwenzeka kwa le nto inye, ndibona abazala bam abangamantombazana nabo bahombile banxibile ezabo iisuti bathwele iminqwazi. Andiqiniseki ukuba bayandibona ngoba baye baqhubeka ngencoko yabo, andiyiva noba ithini okanye kuthethwa ngantoni.

IMPENDULO: Camagu. Khumbula kaloku ukuba iimpahla emnyama ihamba nezila, ukuzila oko ke kubakho xa kuthe kwakho umntu otshabileyo ekhayeni. Iphupha lakho ke lichaza ngesehlo esikumila kunjalo. Mhlawumbi uzakuzibuza ukuba wena kumele wenze ntoni ngalonto. Ingavela kuwe kuyacaca ukuba akho amanyathelo ekufuneka uwathathile, isenokuba kukulumnkisa abazala abo – kuba kungenzeka ukuba ikho into abeyenzayo engalunganga nesele ikruqile amanyange kangangokuba azakude alinikele umva ikhaya elo, kulandele ke ngoku enkulu imbhubhane nebangelwa yingqumbo yeminyanya. Zama ke ukhe ube nodliwano ndlebe nabazala abo okanye abantu abasondele kubo ubaxelele okubonileyo. Camagu.

IPHUPHA: Camagwini Thongo, Ndicela ukubuza wethu thongo ukuba uphupha mlungu-kazi endiphangela naye uncumile ngathi uyondibonisa i-ofisi besebenza kuyo ubuhle bayo, intle thongo ndibona iivazi ezinkulu zixhonywe kwistand, ivazi ebomvu inentyatyambo ezifana nebag ebomvu ecaleni kwayo andazi ithetha ukuthini nceda thongo. Enkosi kakhulu.

IMPENDULO: Khumbula ukuba apha ekukhuleni sibe sixelelwa ukuba ukuphupha umlungu yimpundulu leyo, kodwa ngamanye amaxesha akunjalo umzekelo kweli iphupha lakho akumele uxhalabe koko kumele uvuye kuba kuwe lizisa iindaba ezimnandi. Kuyacaca ukuba kukho okuhle okuzayo emsebenzini.

IPHUPHA: Ndiphuphe ndisekhaya, kwabe kwiveki edlulileyo bekungcwatywa usisi omdala wase bumelwaneni base khaya, mna andizange ndiphumelele esi ngcwabeni. Ndithe ke xa ndikhona , mandiye kuvela kwela khaya. Xa ndingena kulo mzi, kukho lo mama undi bunguzelela ngobu belekazi obukhulu, akhawuleze enze ukutya, ndale ndisatya, athi kukho impahla andibekele yona esekhalibhothini, kuse njalo kufika isijoli esithi ndiyafuneka endlini, ndikhawuleze kenam ndiyoku vela, xa ndibuya, sele yabile lempahla phakathi kwam nentwazana yam eneshumi elinesixhenxe leminyaka, endingazi ukuba yona ize nini apha kulo mzi, kuba bendinga hambanga nayo. Kwaye ufumene eyona mpahla ininzi yona. Ndothuka kweso sithuba.

IMPENDULO: Camagu: Iimpahla yomntu ongasekhoyo yabiwa ngokwesithethe sekhaya okanye umyolelo wakhe. Xa kengoku wena uzakwabelwa iimpahla yomntu oswelekileyo wekhaya elingasonelanga kuwe. Eli phupha lisenokuchaza iizinto ezimbini: Ukuba kukho ubuhlobo phakathi kwenu nomzi lowo kuswelekwe kuwo okanye mandithi imeko apho nawe ungowakhona. Okwesibini: Ukufa okuzayo kwelakho icala.

IPHUPHA: Ndicela ukulawulelwa. Ndiphuphe ndicola imali eyisilvere iR1 neR2 kodwa ibinye iR5 ne50c

IMPENDULO: Camagu. Iphupha elinje lichaza intlungu ozakudibana nayo, ngamanye amaxesha ingade ibe kukufa.

IPHUPHA: Tata ndicela undincede ndihlutshwa liphupha minyaka le, ndiphupha ndingumntwana wesikolo onxibe Iuniform kodwa ndapasa ibanga leshumi ngo2004.

IMPENDULO: Ukuphupha usesikolweni kutsho imeko ekufuneka udlule kuyo ingakumbi ngokobizo, umzekelo xa kufuneka ube ligqirha okanye umthandazeli.

IPHUPHA: Iphupha.ndicela ukucaciselwa ngamaphupha amathathu endakhe ndawabona, ndaphupha ingathi ndisemlanjeni, ingathi ndifuna ukuwela kodwa andide ndingene akukho bungozi benzekayo. Elesibini ndaphupha ngathi ndimi ecaleni kwendlu ngathi kuza amanzi phambi kwam ingathi ngawomlambo ndikhawuleze ndingene endlini ndivale, ingathi ethubeni ndikrobe ingathi le ndlu ndikuyo ngoku ingqongwe ngamanzi amdaka. Elesithathu ndiphupha ìinyoka ingathi zintathu ingathi kuvela ibenye izihambela ndiyibethe isithele nenye njalo,zide zibentathu zisithela phakathi kweemoto ezipakiweyo ingathi kukho nemoto yamapolisa kulendawo ndibe ndisothuka ndingazifumenanga ezinyoka. Camagu.

IMPENDULO: Camagu. Kuyacaca ukuba wena unobizo lobugqirha kwaye lemeko yakho ingxamile. Zama ke ukuhlangana nabantu bekhaya lakho nilungise lomba phambi kokuba konakale ebomini bakho.

IPHUPHA: Ndicela ubuza eliphupha ndiphuphe ndileqwa ngemela yindoda ndayibaleka ayandifumana ndabalekela kwabanyomama ndifike begwada bandinika nam ndagwada.

IMPENDULO: Kaloku igwada yinto yoqhiya nkulu abantu besintu kwaye ke ikwayanyaniswa nabantu abagula ngobugqirha. Kuyacaca ke nawe ukuba uncedo lakho lukubo nangoko ubalekela kubo apha ephupheni. Lungisa ke iizinto zakho.

IPHUPHA: Tata ndicela undicacisele ngeliphupha ndisoloko ndiliphupha, umntu endithandana naye sonwabile enkosi.

IMPENDULO: Camagu: Kuyacaca ukuba usamthanda lomntu kwaye akakaphumi entliziyweni yakho. Ndicebisa ukuba umnxelele kunokubulaleka kuba hleze kuthi kanti naye usakufuna.

Umphilisi uyafumaneka nakuFacebook, khangela uMphilisi – The Healer pha okanye

usithumelele iphupha lakho kumnxeba kaWhatsapp wethu:

063 743 9538