Inkcazelo yamaphupha

Iphupha: Camagu Tata! Ndicela ukulawulelwa eli phupha le number ndiyifumene kwiSolezwe. Ndiphupha ngathi kukho lo bhuti undileqayo kwaye uthi uzondifumana. Nyhani wandileqa akade andifumane kodwa wandidubula ngoku epha kude kunam. Wadubula isandla sam sasekhohlo.

Kodwa kwalapha ephupheni ndayikhupha imbumbulu ndayiphatha ngesandla sasekunene. Ingaba eli phupha linobungozi okanye liyandilumkisa tata.

Impendulo: Camagu. Kumele ze unxunguphale, liphupha elikumila kunje kuba lihamba nesilumnkiso.

Ukhumbule ukuba amaphupha amaninzi aye asebenzise kuthi imeko zelixesha ukusibonisa ngemeko esizifaka kuyo neba nobungozi kuthi, ngoko ke ingangabi kukduutyulwa njengoko ubonile ephupheni; koko wena into ozifaka kuyo nezakulandela amabhadi, amashwa okanye iingxaki ezingapheliyo.

Zama ke ukukhangela ukuba kuphi apho kunokuba uphazama khona ulungie lo meko.

Iphupha: Ndicela ukucaciselwa ngamaphupha amathathu endakhe ndawabona. Ndaphupha umama ingathi uthi ufuna lembiza ndipheke ngayo isidudu ndibe ndingekabinazo izinto ezifana nembiza futhi umama usaphila.

Elesibini ndiphuphe ingathi kunkqonkqoza umntu ndiphinde ndive ilizwi ngathi lelikatata uthi mandivule uyaleqwa ndibe ndisothuka utata akasaphili. Elesithathu ndiphupha utat’omncinci ìngathi uthi ndingumni isiduko sam ndibe ndisothuka ndingekamphenduli utat’omncinci usaphila yena. Camagu.

IMPENDULO: Camagu. Amaphupha akho onke acacile kwaye angqale nqo kule nto kufuneka yenziwe. Ndicebisa ukuba uke uhlale phantsi nomama wakho ukuze akwazi ukukuxelela iimfihlo zekhaya elo lakho ingakumbi ngokungqamene nemvelaphi yakho.

Kuyacaca kwakho ukuba kuninzi utata lowo uvelayo ephupheni akushiye engakwenzeka nanyeke ukuba kwenziwa kuba iphupha liyayacacisa ukuba apho akhoyo kuthiwa makazame ukulungisa ezo ziphoso zenzekayo esaphila.

Iphupha lesiduko lizama ukuthyila ngengxuba kaxaka ekhoyo mayela nawe, kwaye kuyacaca ukuba ukruthakruthwano lukho apho ekhayeni malunga nendaba edibanisele nawe. Chosi.

IPHUPHA: Camagu! Ndiphupha ndihamba nomntakwethu sikhwele imoto yakhe, endleni kusuka iinkomo ngaphandle kwendlela zingene zisithintele ukuba singagqithi, Ziye zalala phambi kwethu, ndimise imoto ziliqela, ingaba ithini lo nto?

IMPENDULO: Yenzani imisebenzi yekhaya. Iinkomo ezo zichaza kanye ngokuninzi ekufanele kuyenziwa. Ukhumbule ukuba inkomo le yinto ekwenziwa ngayo imicimbi yakwantu isakuma bungxe endleleni ikuvalele, kuyacaca ukuba kukho nto eniyiphosayo ngokwamasiko enu.

IPHUPHA: Camagu tata! Ndinephupha endisoloko ndisilwa kulo lithetha ukuthini?

IMPENDULO: Camagu. Masithi ngoku iizinto zakho zime ngxi okanye ubangazama izinto zakho aziphumeleli.

Khumbula ukuba ezinye izinto azidalwanga koko zenziwe yimimoya eliqela ephembelela ukuba umntu angabinankqubela ebomini bakhe.

Ukuba ke kubonisa kanye lo madabi ujongene nawo ebomini ukuze uwaphumelele ke kuxhomekeke kwakuwe ngendlela owenza ngayo iizinto. Chosi.

IPHUPHA: Molweni, ndicela ulawulelwa aph eliphupha xa inkomo ingene endlini sogqiba ikake, lithetha ukuthini eli phupha?

IMPENDULO: Lungisa ukuhlala. Le yimeko ebonisa enkulu yona ingqumbo yeminyanya nesenokuphenjelelwa ziimeko eziliqela.

Thabathani iintonga niyokuwusabela lo mcimbi okanye ukuba niyakwazi enimele nikwenze, khawulezani nenze ukunqanda ubhubhane onokwehla phakathi kwekhaya.

IPHUPHA: Ndicela ukwazi ndiphuphe ndibone iinkomo zikude kancinci apha kum zimibala ebomvu namnyama. Okwesibini ndiphuphe ndihleli endlini ndabona iinkomo zidlula apha emnyango ndavala kuba ndizoyika yangathi kuvuleke umngxuma inonge ngeliso elinye.

IMPENDULO: Unamatyala kaloku wena emisebenzi oyibalekayo okanye nilikhaya eningade niyenze. Yanzani okufanelekileyo nani ukuze uzokwazi ukulala ubuthongo obehlayo.

IPHUPHA: Camagu! kunephupha endisoloko ndiliphinda phinda, ndiphupha ndikhupha imali kwi-ATM kuvele kuze iR100 ezininzi ndincame ndoyike ndibize usisi wabhanki xa ndifika ngaphakathi ebhankini ndiphethe iitsheki ezininzi ndothuka , ingaba lithetha ukuthini elophupha?

IMPENDULO: Ukuba uyafuna ukuzibona sele ukulomeko yethamsanqa khawukhe wenze umsetyenzana nokuba ngowebhekile kukhe ekhayeni kutshicwe egameni lakho, ndiyakuxelela uyakuzuza ngoko. Camagu.

IPHUPHA: Ndicela ukubuza eliphupha. Ndiphupha umntu endandincuma naye sonwabile kumnandi sidlala sobabini ephupheni elo. Phofu ekubeni sahlukana ngendlela engacacanga.

IMPENDULO: Kuyacaca ukuba kuni nobabini kunzima ukuqhubeka ngenxa yeengcinga zezinto ezazisenzeka kuthando lwenu. Khumbula ke ukuba ngelinye ixesha siye sithathe isigqibo sikwimeko yomsindo ze sibuye sizisole. Ukuba wena usenomdla kwiqabane elo lakho lixelele okanye uqhubekeke nobomi bakho. Kusenokwenzeka ukuba le ndlela ingacacanga nohlukana ngayo naye uyayibona ngoku, ukuba uyamthanda ke tshona khona sukuchitha ixesha, mxelele. Camagu.

IPHUPHA: Ndiphupha ndiwelwa ngamazinyo, phupha eli lindihleli ayipheli inyanga ndingaliphuphanga. Ingathi ayankuphuka apha kum emlonyeni, ndiwatshice ndive kabuhlungu ndothuke ndikhubekile… ingaba lindithe ncaa ngabuni eli phupha?

IMPENDULO: Iphupha elinje livamise ukuba khona kwabo banobizo okanye banengulo yobugqirha. Ukuze wazi kabanzi zama ukuyosabela emntwini. Khumbula kwakho ukuba asinguye wonke umntu onobizo ozakuba ligqirha abanye babizelwa eminye iimisebenzi yokuphilisa isizwe. Chosi.

Umphilisi uyafumaneka nakuFacebook, khangela uMphilisi The Healer pha okanye

usithumelele iphupha lakho kumnxeba kaWhatsapp wethu:

063 743 9538