Inkcazelo yamaphupha

Iphupha: Ndinephupha la elingikhathazayo ngiloko ngiphupha ubhuti wam osowashona ephethe izikhali esilwa nami.

Impendulo: Camagu. Ewe kaloku kumele alwe nawe xa ungenzi izinto ngendlela, khumbula ukuba elowo nalowo unoxanduva lokuphakamisa ikhaya lakhe kwanokuqhubeka ngemisebenzi besakubhubha abo bebephambili kunaye. Khawukhe uziphendle wena wandule wenze okufanelekileyo.

Iphupha: Camagu Tata. Ndiphupha ndichola amalongwe omile ade amhlophe. Elinye ndiphupha ndisesikolweni ndifunda kodwa ndayeka kudala ukufunda.

Impendulo: Camagu, uyakukhumbula ukuba amalongwe la yinto yokuphemba kwaXhosa kwaye kude nakweminye imisebenzi yekhaya kunyanzeleke ukuba makuyokuthezwa amalongwe ukuze umsebenzi lowo ugqibelele.

Ngoko ke zama ukuthetha nabantu bekhaya kuzokwenziwa lo msebenzi, isikolo sona esi lubizo ekufuneka ulwamkele ilixa lifikile lokuba uyokufunda iindlela zokuphila.

Iphupha: Camagu Bawo, ndicela ukubuza xa uleqwa ngumzala wakho owaswelekayo kodwa angade akufumane suba lisithini elo phupha?

Impendulo: Camagu. Nawe zama ukukhangela ukuba kumele nilikhaya nenze ntoni xa umntu ethe wasweleka nokuba kungengozi. Emveni koko zibuzeni ukuba umzala lowo nimenzele na ezo zinto zizimfanelo zakhe ngokwamasiko nezithethe zekhaya. Camagu.

Iphupha: Ndisoloko ndiphupha ngathi kukho indlu entsha eyakhiwayo ekhaya enamagumbi amaninzi, kodwa andide ndiyibone igqitywa, akuhlali mntu ekhaya kuvaliwe, kuvula thina xa sigodukile, abazali babhubha.

Impendulo: Camagu. Lungisani ikhaya nenze zonke izinto ezifanelekileyo. Ikhaya liba linxiwa xa kungenziwa amasiko, kufana nje nendawo ekwampenge-mpenge xa kungasenziwa misebenzi. Chosi.

Iphupha: Molweni, ndiphupha kukho abantu ababini baguqile ngathi bayafutha, mna ngathi ndibagalele umgubo opurple phezu kwabo, lithetha ukuthini?

Impendulo: Khawukhe uyokusabela emntwini lo mcimbi. Iphupha elikumila kunje sukube linqamleke phakathi, kusekho apho lizivalela khona. Ungalinda elilandelayo okanye uye emntwini omhlophe akuhlalutyele ngokomoya.

Iphupha: MOLO BHUTI NDICEL’UBUZA XA NDIPHUPHE NDINGENA EMHADINI WOMLILO, XA NDIPHAKATHI WAMKHULU kodwa NDANAYO INDLELA YOkuPHUMA, EMVENI KOBA NDIPHUMILE NDANETHELWA YIMVULA.

Impendulo: Zizinto ezininzi ophakathi kwazo ezo nezibamba impumelelo kwiinzame zakho. Xa ukulo meko kufuneka uzame indlela yokuzilungisa. Chosi.

Iphupha: Ndicela ukubuza xa uphuphe ubulala umntu, umxangxatha ngomkhonto, ithini lo nto?

Impendulo: Yenza amasiko akowenu kungekade kuphalale igazi ngenxa yengqumbo yezinyanya.

Iphupha: Ngibingelele. Ngokuzithoba bengicela ukubuza ngamaphupho ami.

Ngiphupha njalo. Ngitshelwe ngobonayo ukuthi ngazalwa ngembethe abantu abadala. Ngiphupha izinyoka eziluhlaza, izinyoni eziphecelezi ezimibala-bala (like fairies) ngiphupha izilwane ezingajwayelekile.

Ngiphupha isalukazi esihamba nenyoka eluhlaza, asisho lutho siyamamatheka. Ngiphupha umuntu osemdala athi angihambe naye. Ngiphupha ngenganyana esenzane yentombazane.

Ngizojabula uma kukhona ongangikhanyisela kona noma ungiphe iqhinga lendlela engingasizakala ngayo. Ngiyabonga.

Impendulo: Kusobala ukuthi wena unomoya okuholela ebunyangani. Umama nenyoka leyo kusho amadlozi akini nekungawo afuna ukuthi uthwase ukuze ube yiSangoma esiphelele. Ukuze wazi kahle ngesimo sakho kumele uyobhula kwiSangoma ukuze sikhangele lokho ekufunwa ngamadlozi kuwe.

Iphupha: Iphupha endiliphuphileyo, ndiphupha ndisekhaya ndidliwa zizinja kanobom, kuthe kusenjalo ngosuku olulandelayo ndaphupha ndisekhaya ngathi kukho umsebenzi okhoyo, suka ndaleqwa yinkomo indikhupha ebuhlanti indileqa uyokutsho egadini yasekhaya, yandileqa indibuyisela kwakhona ebuhlanti apho…apha ebuhlanti bakhona abantu abakhoyo kodwa ileqa mna ndodwa le nkomo imbala ubomvu. Ncedani ngaba athetha ukuthini lamaphupha?

Impendulo: Yimbambano leyo yesiko Mhlekazi. Kwaye lenkomo ileqa wena wedwa lo nto ithi ingxaki ikuwe, khawukhe uzikhangele, ukhe uqwalasele kakuhle nangemvelaphi yakho le kuba ukufa kusembizeni. Camagu

Umphilisi uyafumaneka nakuFacebook, khangela uMphilisi The Healer pha okanye

usithumelele iphupha lakho kumnxeba kaWhatsapp wethu:

063 743 9538