Inkcazelo yamaphupha

Iphupha: Camagu!! Ndiyacamagusha. Ndiphuphe umama wam ongasekhoyo kusithiwa usesibhedlele, unxibe ilaphu elimhlophe entloko nomsila wengwe omabala-bala, nam ndimbone ezinxibile ezi zinto. Xa ndicela ndikhatshwe, angavumi umalume wam, ndibe ndikhala. Ndothuke. Ndiye kumntakwethu ndiyokucela andikhaphe. Ndilila!

Ingaba lithetha ntoni eli phupha, lindihleli. Liyandikhathaza kakhulu, ndicela uncedo.

Yhuu! hayi, ndiphinde ndivuka nephupha elibi, ingathi apha erumini kugcwele iimbovane edongeni zijikelezile. Xa ndizisusa ngekhuni, ibengathi ziyajika zibe nkulu, zikhukhumale, ndiqhubeke ndizisusa, hey! ziwele kum emqolo. Yhuu! ndavuka ngoko nangoko. Zezi zimnyama.

Impendulo: Camagu. Iphupha lakho lithetha okuninzi kodwa ndizakuzama ukwenza isishwankathelo.

Into ekufuneka siyazi kukuba imvelaphi yethu bantu abantsundu isekelezwe kumasiko nezithethe, nekwakufudulwa elandelwa ngabo bebephila phambi kwethu.

Imimoya yabo ke iyakuhlala ikho phakathi kwethu. Umama wakho kuyacaca ukuba ibingumntu onechaphaza lobizo okanye omhlophe ngokwentetho evakalayo. Akukhathaliseki nokuba ukufa oko wakuvuma okanye hayi, kodwa ubizo lona yinto yakhe, oku kuchazwa yindlela avela ngayo apha kuwe ephupheni.

Ukuba sesibhedlele noxa engasekho nje sisikhalazo kuba kaloku kwindawo akuyo ngoku ubuthathaka kuba nina nilikhaya ningade nenze umcimbi okanye imicimbi emfaneleyo yena njengomntu owanikhulisayo.

Le micimbi ke ingaliqela kwaye izakufuna nina nilikhaya ukuyicalula. Ukudlulela kwiphupha lakho lesibini, lizama ukutyhila ngobungozi eniza kugaxeleka kubo xa nithe nina njengekhaya anakunanza okumele kwenziwe ngale misebenzi ingxangileyo. Chosi.

Iphupha: Ndiphupha utamkhulu wam ongasekhoyo ehamba nendoda endingayaziyo, uthi ulambile. Ndibuza ukuba uhlala phi kanti, athi uxhwarhe kwamakhelwane. Ndiphupha futhi umakhulu wam ongasekhoyo ehamba, ejikeleza umzi, ejajile kwaye ngamanye amaxesha ndimana ukunukelwa yimpepho nejiki lesintu.

Ingaba ezi zinto zithetha ntoni?

Impendulo: Utatomkhulu wakho wenza isicelo kuwe sokuba umenzele umsebenzi okanye imisebenzi yakhe.

Khumbula ukuba ngokwesintu kumakhaya amaninzi xa umntu ethe wasishiya kuye kwenziwe imisebenzi eliqela ukukhulula umoya wakhe uyokuhlangana namanyange.

Ukanti naxa yenziwe loo misebenzi uyakwazi ukubuya azokucela futhi kuye nokuba ngubani na owosapho. Loo misebenzi ke izisa amathamsanqa kuni sizukulwane sakhe.

Ukuxhwarha ke oko kwakhe kukuzama ukubonisa ukuba akakamkeleki kumanyange nanjengoko ningekamenzeli oku kokwakhe nomakhulu lowo naye ngokunjalo.

Impepho yona izakunukela kuba yinto esimele ukuphila ngayo kwisintu.

Iphupha: Camagu! ndinephupha apha. Ndiphuphe ndisemtshatweni wam kodwa senditshatile ngesiXhosa, ingathi kugcwele kodwa ndizibona ndingenamsesane emnweni. Xa ndiyibuza, iphendule indodakazi yam, ithi nantsi uyifake emabeleni. Ndicela undicacisele.

Impendulo: Camagu. Iphupha lakho libonisa iingxaki ozakuhlangana nazo emtshatweni kwaye ukunganxibi umsesane lowo kubonisa uqhawulo-mtshato. Chosi!

Iphupha: Camagu. Ndinephupha lindifumene kabini ngoku. Ndimana ndiphupha umntu ongumakhulu endanga, endinqwenelela imali nempumelelo, kwaye xa ndivuka andikwazi umchaza ba ungumntu onjani, ndiphelela ukubona nje ba untsundu ngebala. Asingomntu endimaziyo.

Impendulo: Camagu. Kuyacaca ukuba umntu lowo sisihlwele sakho kwaye ukuvela kwakhe emaphupheni akho kutsho ukuba kukho nto afuna ukupha yona le kusenokuba yimali, umsebenzi, ukunyuselwa namanye amathamsanqa. Ndiyakucebisa ukuba ukhe wenze ibhekile ukuthambisa lo moya walo makhulu ukuze athambe akubonelele.

Iphupha: Ndiphuphe ndisitya ikati, apha ekatini nditye intloko ndiyayihlafuna ndayigqiba, ndaphinda ndatya umkhono wangasekhohlo ngelo xesha ayifanga le kati iyaphila. Ngoku ndiyityayo ndithe xa ndivuka ekuseni la ncasa bendiyiva ephupheni, ndisayiva emlonyeni nevumba. Ingaba lithetha ntoni eli phupha?

Impendulo: Ndiyakucebisa ukuba ukhe uwusabele lo mba noko, iphupha eli alilihlanga ncam. Ukhumbule kanjalo ukuba kuyingozi ukuphupha usitya kuba maxesha amaninzi sisela imimoya emdaka ngezinto esizitya amaphupheni, silele.

Ukanti ngelinye ixesha iphupha eli lisenokuqulatha umyalezo onesilumkiso kuwe. Camagu.

Iphupha: Molweni, ndiphuphe ndilele nomntu endincuma naye, ndiye ndavuka ebusuku ndiyokuchama, ndithathe i (toilet paper) ibiphezu kwetafile, kodwa le toilet paper ibishwatyanisiwe iliqhuma elikhulu, ndithe xa ndiyivula apha ngaphakathi kukho ibhotile encinci enesiciko esimnyama enento engathi ngamanzi phakathi kwayo, kukho nento engumgubo emenyezelayo. Ndithe xa ndikhwaza lo mfana, ilizwi lam laye litshona, ndothuka. Ingaba lithetha ntoni?

Impendulo: Sisichitho eso sisi kwaye vuya wena kuba usibonisiwe singekawenzi umsebenzi waso. Phakama ke nawe.

Umphilisi uyafumaneka nakuFacebook, khangela uMphilisi The Healer phaya okanye

usithumelele iphupha lakho kumnxeba kaWhatsapp wethu:

063 743 9538