Inkcazelo yamaphupha

Iphupha: Ndicela ukuncedwa ….Ndiphuphe ndisiya kwatamkulu, ndithe xa ndisandongena egeyithini ndatyiwa zizinja, ndazibetha ndinganqandelwa ngumntu, abantu bekhona. Khange ndibe sangena endlini, apho ndiye ndajika ndaphuma ngegeythi..ukuphuma kwam ngegeyithi iye yandibiza enye yezi zinja, ndaya kuyo iye yathetha kodwa andiyivanga kakuhle ba ithini…Inga lithetha ukuthini elo phupha?

Impendulo: Ukufa kusembizeni atsho amaXhosa. Izinja kaloku zizinyanya ezo amanyange ekhaya. Ngokwethongo elo kuyacaca ukuba izihlwele zakho azixolanga kwaye zinomsindo ngendlela wena okanye abantu bakowenu abenza ngayo izinto.

Oku kwenzeka xa ikhaya liye lathatha isigqibo sokutyeshela okanye ukungananzi amasiko esintu ngamanye amaxesha, xa ikhaya lithe gqolo ukwenze izinto ngendlela engalunganga.

Leyo ke ibuyele kuwe yathetha yekunika ithuba lokugqibela ukuba ulungise loo meko phambi kokuba ingqumbo yabo iwele phezu kwenu. Chosi.

Iphupha: Camagu mhlekazi, ndinguBathembele, ndinephupha apha elindibhidayo, andiyazi lithetha ntoni na. Ndiphupha ndithungwa apha esihlahleni sasekunene ngumntu endingamazi, andinanxeba, kodwa undithunga ngerhali emnyama, xa egqiba apho aqalise apha kulo mlebe ungasentla womlomo, ase ngasempumlweni ayeke. Kwalapho esithubeni abophe nanjengoko enzenjalo esihlahleni, ndikhe ndeva ke ingalo le ingathi iyaphola xa ndivuka ngoMgqibelo, iphupha eli lelangoLwesihlanu.

Impendulo: Irhali emnyama esintwini ibiye isetyenziswe amatyeli amaninzi ekuthungeni izinto ezizakubonisa izila kulowo utshatyelweyo nokuba liqhosha okanye iimpahla zezila.

Nangona nje le nto ingasuki ezingcanjini zesintu, kodwa iye yaphila nathi amatyeli amaninzi, ibangele ke ukuba xa kukho into esondeleyo kuyo sixhalabe.

Ukuba ndiva kakuhle, wena uyathungwa ube ungenanxeba, lo nto ke ichazwa ukubotshelelwa kwezinto zakho ekubeni ungabi nankqubela kwaye nantoni oyenzayo ingazi naziphumo zincumisayo.

Khumbula ke ukuba eyona ndlela elula nengangenisi nzulu enxilini yakho yokulwa nemimoya enjalo, kukuthetha emaxhantini akowenu, ucele ukukhuselwa yiminyanya yakho.

Iphupha: Ndinephupha apha, ndiphupha ngathi ndixabana nomntu ophethe umtshayelo.

Impendulo: Bekumele kaloku uze uxabane nomntu ophethe umtshayelo kuba leyo yinto yokususa izinto ezimdaka okanye inkunkuma. Xa kuza kususwa ke inkunkuma kuba neenkqwithela nemimoya ingakumbi inkunkuma engcolileyo.

Umbono wokuba umtshayelo yinto yamagqwirha awunasiseko sibambekayo, ngoko ke iphupha eli lakho alibhekisele apho njengoko ucinga. Wena lungisa iimeko zekhaya uyeke iinkani kuba kuyacaca ngethongo eli ukuba umnwe ukhombe kuwe.

Iphupha: Baba xa uphupha umntu ongutata ekunika amayeza .Litsho ukuthini?

Impendulo: Lithathe ulisebenzise kule nto akunikela yona. Kufanele kwanjalo likuvuyise iphupha elinjalo kuba anqabile loo mathuba ethongweni. Ukanti ukuba akakuchazelanga lelokuthini, ligcine de kubuye elinye iphupha. Camagu.

Iphupha: Camagu, ndiphupha ndifaka umntwana wam emanzini kodwa la manzi abengathi anempunga yotywala, nale bhafu ubengathi yomele itshizi. Ndothuka emva koko, uneenyanga ezintathu umntwana.

Impendulo: Umntwana wakho ufuna ukwaziswa kumanyange ekhaya ngokwesithethe sakowabo. Dibana noyise nibonisane ngoku.

Iphupha: Camagu tata, ndinephupha liyandiphinda-phinda, ndiphupha qho ndileli nomfana endithandana naye, asihlali kunye, xa ndiphuphile ndiye ndivuke ndimanzi.

Namhlanje ndivuka ndiphuphe ndileli nehashe, ndavuka ndimanzi ngoku ndiqaqanjelwa ngamazantsi esisu, andiyazi nokuba ndimxelele na umfana kuba ungumntu ongakholelwa kakhulu emaphupheni. Ndicela uncedo, iyandihlupha le nto, ndiye ndizibone ndilila ndakuyicinga, andiyazi izophelela phi yonke le nto?

Impendulo: Iphupha lakho linobuzaza kakhulu, kwaye ngenxa yemeko eziliqela andingekwazi ukulicalula ngokucacileyo apha ephepheni, kodwa endinokutsho kukuba funa uncedo ngokukhawuleza kuba asimeko intle leyo.

Iphupha: Mholweni bethuna….ndinephupha, ndiphupha ndingumakoti omtsha, ngathi ndithe xa ndingena eyadini yalo mzi wam, kwabe kuhleli oomama befemeli yam, kukho nowam umama, xa ndigqitha kubo bandincome besithi ndimhle….ndidlulile kubo ndisiya kwindlu yabantu abadala balapha, xa ndingena emnyango ndifumanise ukuba baze bayahlamba, ngoko kwanyanzeleka ndijike kuba kusithiwa akungenwa xa behlamba…..kuthe kusenjalo kwavela unkosikazi wokuqala womyeni wam enxibe ngolunye uhlobo lwezinto zesiXhosa ezinesikhakha phakathi….kusenjalo, ngathi uyafika umyeni, ufika andincamise endicela ukuba ufuna ndimphe imali, siphumile ke apho sisiya kwindlu enale mali kodwa ndikhangele ndancama, andayazi ukuba bendiyibeke ndawoni na wathi akho ngxaki….saphuma, kodwa ngoku siphuma ndingazi ukuba siyaphi sobabini, sidibana nabanye oosisi sisendleleni njalo sihambe sonke…kuthi gqi lo mntu ndithi yinkosikazi yalo myeni wam sele nxibe ibhlukwe.

Ngoku efuna umyeni athi uyamthanda nyhani ke, aba sisi bathe khawuncame utsho utshilo ke…yhooo! indlela aye wavuya ngayo uye walala ngesisu endleleni apho wase walala ngathi yinyoka…ndicela ukuva ukuba lithetha ukuthini eli phupha kuba eneneni ndinguye umakoti, kodwa le ndoda ndinayo kweli phupha asiyiyo tu le yam ndinayo yona, intle gqithi kwaye inobubele obundoyikisayo.

Impendulo: Yhoo. Sisi qhagamshelana nomntu wesintu ngokukhawuleza. Iphupha lakho liqulathe okuninzi nokuza kuba yingozi empilweni yakho.

Umphilisi uyafumaneka nakuFacebook, khangela uMphilisi The Healer pha okanye

usithumelele iphupha lakho kumnxeba kaWhatsapp wethu:

063 743 9538