Inkcazelo yamaphupha

Iphupha: Camagu mnt’omdala. Ndiphuphe ndibona inyoka enkulu ihamba phantsi kweCoffee Table, xa ndizama ukubaleka ndisiya ngasemnyango ndikhala, ndikhwaza umama, kukho emnyama izisongile nale iya ngakhona. Khawundisombululele, lithetha ukuthini?

Impendulo: Camagu mnt’omdala. Inyoka emathongweni isenokuchaza izinto eziliqela, okokuqala: Xa ungumntu kwizihlwele zakhe onesilo esiyinyoka, ukuvela kwayo ephupheni kusenokuchaza malunga nomsebenzi ekufuneka wenziwe ekhayeni okanye umcimbi ekudala umele ikhaya nofuna ude uqatyeliswe, ukufika ke komhlekazi lowo kungathathwa njengotyelelo lwamanyange ekhayeni.

Okwesibini: Xa uzakuphupha inyoka ikuphithikeza, ikuleqa okanye ikuvalela endleleni yakho, oko kuthetha ukuthi kukho umoya omdaka nobamba impumelelo kwiinzame zakho zobomi. Omabini ke amaphupha akumila kunje afuna ukunikwa ingqalelo.

Iphupha: Camagu! Ndiyathanda ukuphupha ngomngcwabo, andithandi ukubona ibhokisi ndivele ndingalungi. Ingaba lithetha ukuthini? Camagu! Elesibini, ndiphupha ndisa umntwana oneminyaka eyi-10 esibhedlele. Xa ndibheka kwelinye igumbi kukho lo mama ndimaziyo umdala wasemsebenzini umithi uze kugqirha, ndibone umfanekiso womntwana esiswini salo mama ngathi uxinene. Aphume lo mama egumbini ecofa ifowuni. Emva koko bekuzokungena nam qha ndothuka.

Impendulo: Masiqale kwiphupha lakho lomngcwabo, ibiza kundicedisa njengomhlalutyi ukwazi ukuba ingaba umngcwabo lo ngowakho, isalamane okanye umhlobo?

Khumbula ukuphupha umngcwabo ingakumbi owomntu ongasekhoyo, kungathetha ukuthi kukho nto lowo ungasekhoyo ayinqwenelayo kwabo bazizalamane kuye, okanye umyalezo wesiko okanye isithethe angazange abe kanti uyasenzelwa okanye esenziwa ngempazamo.

Iphupha lakho lesibini liqulathe umyalezo kuwe wokuba uhlale ubaze iindlebe empangelweni, okanye mandithi uhlale uvule amehlo ukhumbule ukuba asinguye wonke ubani oneminqweno emihle ngawe. Camagu.

Iphupha: Ndiphuphe ndihamba phakathi kwamanzi, kwelinye icala kukho ulwandle nakwelinye. Xa kusiza mna uyazala umlambo kukho nemvubu yolwandle inkulu, nenja yolwandle inkulu, namaza olwandle engxamile. Xa ndizakuwela ndiyazinqula zonke iziduko endihlobene nazo. Lithetha ukuthini.

Impendulo: Camagu Shlwele. Kaloku wena ungumtyunjwa kwaye ezo zinto uzibone emathongweni awufanele ukuzibiza ngamagama kuba ngabantu abakhulu abo bakowenu nabaqulathe isipho sakho somoya.

Kuyacaca ukuba wena unobizo lokuphilisa abantu. Ukuze ke ufumane iincukacha ngobizo lwakho kuzakufuneka ukuba undwendwele izanuse zikubonise.

Iphupha: Ndiphupha ndileqwa yinyoka emnyama enkulu, ingathi ithe isandileqa yabanjwa yabulawa ngutatomncinci wesinqandamathe sam. Bangamazulu ngokohlanga, ingathi kukho ntombazana ithile emhlophe ekuthwa kumfana lo bendithandana naye makakhete phakathi kwam nayo. Suke umfana akhethe le ntombi imhlope, andifuni kuxoka, umfana lo ndohlukene naye ndisamthanda. Ndothuswa yintombi yam ndikhala, ndamlawulela eli phupha. Ingaba lithini?

Impendulo: Iphupha lakho libonisa ingxaki ozakuhlangana nayo ingakumbi ngokwayamene nobuhlobo bakho nomfana lowo. Ukhumbule ukuba ngamanye amaxesha kufuneka sazile ukuba ezinye izinto ayizozimakade nanjengoko belikho ixesha lesiqalo kukwakho nelesiphelo ngokunjalo.

Iphupha ke elo likulungiselela imeko ezakwehla ngokoyamene nobuhlobo bakho nomfana lowo.

Iphupha: Ndiphupha ndisesikolweni ndihleli nabanye, ndisuke ndibone ibhokhwe ekhaya egadini, ezi bhokhwe zimnyama, xa ndifika kuzo ndizikhupha, bese ndibona umama ongumakhelwane nomzukulwana wentombi yakhe. Lo mama wasweleka ngo2014, abesele engafuni ndizikhuphe ezi bhokhwe.

Impendulo: Isibaya kaloku yinto yokuhlala imfuyo, ngamanye amaxesha ngenxa yezinto ezininzi kuye kubenzima kwabo basondeleyo kuthi ukuthumela imiyalezo xa bethe balandulela eli ingakumbi xa singasabaphulaphuli. Bafane ke basebenzise noba ngubani osakwaziyo ukunxulumana nathi basaphilayo.

Kuyabonakala ukuba sikho isikhalo esikhona ekhayeni – ukhumbule ukuba ibhokwe yinto yesiko kwaye xa ingakhutshwa iye edlelweni sukube izakwenza umcimbi. Emnyama ke yayanyaniswa nokuhlamba inyala ekhayeni. Camagu!

Iphupha: Camagu Tata. Ndiphupha ndileqwa yinkomo nomtwanam, isileqela kwamkhuluwa katata, sabalekela phaya ayasifumana. Inoba litheth’ ukuthini tata eli phupha? Okwesibini, ndaphupha ngo-2011 ndibona imali ezingamaphepha zisuka esibhakabhakeni zininzi. Lithetha ukuthini? NdinguVuvu kwaTyutyu eBisho.

Impendulo: Camagu! Inkomo kaloku yinto yokwenza isiko kwaXhosa, xa ikuleqa ke kungenxa yesikhalo somsebenzi ofunekayo. Ukuza kwelesibini – Lo msebenzi ke uyakukunceda ukuba ube sisinhanha, izinto zakho zihambe kakuhle kuba imali leyo ihla esibhakabhakeni ichaza kanye lo nto.

Umphilisi uyafumaneka nakuFacebook, khangela uMphilisi The Healer pha okanye

usithumelele iphupha lakho kumnxeba kaWhatsapp wethu:

063 743 9538