Inkcazelo Yamaphupha

Iphupha: Camagu, ndiphupha ndisekhayeni kumzi wakwaJola, ngathi xa ndingena ifemeli yonke yaphaya iza kuhlamba indoda, nentombi ngeyeza. Kuthiwe wonke olapha umntu nokuba uzokuzimasa makahlambe, ndingayingeni, kodwa ndingalwi. Suke ndizimele ndiye ekhaya, xa ndisehla eqaqeni kuzaba nomfihlo, funeka ndiye edolophini ndiyothenga ngemoto nditshibilike ndizibone ndikwiyadi yasebumelwaneni nomfana owaswelekayo ejele. Kukho izinja zalapha kodwa zingandilumi, abaleke aphume yena, kushiyeke mna, umama walapha uyashawutisa, ungenephi eyadini kodwa ndimile ndiphethe intonga. Oodade bam babukele ba uzakuthetha athini lo mama nabo basweleka basekhaya kulo mfihlo ndothuke.

Impendulo: Kuyacaca ukuba kukho umsebenzi wokususwa kwezila ekufanele ukuba wenziwe ekhayeni apho. Khumbula kumanye amakhaya xa kuthe kwehla ukufa ingakumbi ngendlela engaqondakaliyo, bekubuye kuhlanjululwe umzi lowo ukuze ukufa kuthi qelele kwikhaya elo. Camagu!

Iphupha: Ndicela ukubuza, xa ndiphupha amaqanda..ndiwajongile njee.

Impendulo: Kuzakufuneka ube nomonde ulinde, kuba iphupha elinje sukuba lisandulela elo lizakuza liqulathe umyalezo ogcweleyo. Ngoko ndizama ukuthi iphupha lakho lesibini emva kweli – lilo eliza kuza nomkhamba-ndlela kuneli.

Iphupha: Molo Mphilisi: Ndivuka ndineli phupha, ndiphupha ndilele kwindlu ekhaya, kukho nomama wam ongasekhoyo, ingathi kunkqonkqoza abantu emnyango, phofu umnyango wona sowuvulekile, kukhangeleka kusekuzeni kusa phandle, ndivusa umama wam kodwa ulele obentlombe ngathi ndimhlalise, ndikhe amanzi ngepayinti ndimtshive, avuke, ndimxelele naba abantu emnyango, athathe ityali ombathe, angene amandwendwe ngootata ababini futhi siyabazi. Umama wam ngathi ayokubabulisa kodwa ngendlela engaqhelekanga yesiVenda engqengqe phambi kwabo. Ngathi bamnike into bayibeke apha phezu kwakhe, atsho aphakame, bathi bazokucela intombi le indim, bacele ukuyishiya inkomo yokucela eyimali engamaphepha eninzi apha kumama, bathi bazawubuya xa kuhlanganiswe ootata bekhaya bahambe. Ngathi ndonwabile ndivuyela le mali ngathi ndinomsebenzi wesintu endivuyela ba ndizawukwazi ukuwenza ngoku. Eneneni ke ukhona wona umsebenzi olapha engqondweni endizama ukuwenza wokupha umama lo wam iinkobe, ingaba litsho ntoni?

Kwakhona, ndithe xa ndiphinda ndilala ndabona iinyoka ezine ingathi zimithi, zingena kwindawo enengca. Ndisothukile suke kuvele amantshontsho amaninzi wenyoka azalise indlu, ingathi ndiwakhupha nalapha kum ezimpahleni, ngathi kubasiwe kunembiza enamanzi emlilweni, ndithi kumntwana wam oyinkwenkwe makathathe intonga akhombe kule ndawo maninzi kuyo la mantshontsho azawubhijeleka kule ntonga ayifake kula manzi ashushu, nyhani kwenzeke njalo, ngathi nam ndiyawachola ndiwaphosa kule mbiza isemlilweni suke ndothuka. Camagu!

Impendulo: Ukwenzela umama wakho umsebenzi kuyacaca ukuba kuzakuzisa kuwe indyebo. Ukanti ke zama ukukhucula ikhaya lakho elo kuba kuyacaca ukuba ikhaya likwagcwele imimoya emibi.

Iphupha: Ndinomfo wethu osweleke ngo-2016 ngeyeNovemba, ngoDisemba ndiphupha kuthiwa mandiyomthatha uyaphila. Xa ndiya apho ndidibane nabantu bathi ibifanuba ndiye ngoLwesine sendileyithi njengokuba ndiya ngeCawa. Ekubeni ndimphuphe ehleli estadium ebukele ibhola nomfana wakwamakhelwana, xa ndiqhamka waphakama esitulweni ndakhala. Mna ndaxelela omnye usisi endiphangela naye apha ephupheni ukuba kutheni ndizobona umntana wasekhaya ekubeni wasweleka, impendulo yakhe ithe hayi uyaphila ubhuti wam nanku ndimbona. Andilazi andiwazi la maphupha athetha ukuthini futhi ayandihlukumeza.

Impendulo: Ngamanye amaxesha kuye kubekho iimeko eziye zibangele umphefumlo walowo ungasekhoyo ungaphumli ngoxolo, oku kusenokuba zizinto ezenzekayo umfi lowo angahambisaniyo nazo okanye ikhaya elo zange limenzele imisebenzi yakhe ngendlela. Le meko ke ifuna ikhaya ukuba lithathe iintonga liyokuwamamela lo mba kooSiyazi. Camagu.

Iphupha: Camagu! ndiphuphe ndilele ebhedini, ndivuswe kuthwe mandiyothenga ityuwa, xa ndisehlika, andinawo umzantsi wonke kodwa ndihambe, ndileqwe zizinja ndibaleke. Ingaba lithetha uthini.

Elesibini, ndicel’ubuza, ndiphuphe ndisekhaya ezilalini, xa ndingena endlini kukho iqhiya kamakhulu wam phandle, ndiyithathe ndiyiphose endlini, nam ndingene, xa ndingenayo ndibone inyoka kule qhiya, ndiyikhabe iphume phandle, athi umakhulu wam izokuleqa le nyoka. Nyani ndilwe nayo, ndide ndibaleke ndijikeleze uronta, ingapheli mandla, emva koko xa ndisiya kwezinye izindlu kugcwele nje ziinyoka apha phandle, ndiphume ngegeyithi, nalapha endleleni ndihamba ndizitsiba, zigcwele nasetheni. Ingaba lithetha ukuthini?

Impendulo: Khumbula ukuba ityuwa yinto esetyenziswa kumakhaya amaninzi ukugxotha imimoya emdaka. Iphupha libonisa ukuba ikhaya lakho lithiwe mbe yimimoya yobumnyama. Zama ke ukufuna indlela ezakulikhucula kuloo mimoya.

Umphilisi uyafumaneka nakuFacebook, khangela uMphilisi The Healer pha okanye usithumelele iphupha lakho kumnxeba ka

Whatsapp wethu: 063 743 9538