Inkcazelo Yamaphupha

Iphupha: Camagu. Bendicela undichazele amaphupha amabini. Kukho iphupha endibanalo qho xa ndileli endlini yesihlobo sam. Xa ndileli phaya ndisoloko ndiphupha ndibhodla into engapheliyo.

Naxa ndifuna ukuthetha ephupheni amazwi am aphuma engumbhodlo. Naxa ndivuka, ndivuka ndibhodla into engapheliyo kwaye ingathi ikhona le nto ifuna ukuphuma.

Elesibini iphupho lenzeka endlini yam. Ndaphupha ndivuka kwabakho umoya ondityhalela ndiwele ebhedini kwakhona.

Ndalwa nalo moya ndade ndawa ebhedini. Ukuwa kwam ndabona isele elikhulu, elityebileyo elilingana nelitye elikhulu lihleli phantsi kwebhedi yam, lithule kodwa liphefumla. Elisele lalinamehlo empukane.

Ndothuka ndaphakama. Xa ndiphakama ndabheka bheka kweli gumbi ndabona ukuba akukho kwam apha, kwaye xa ndijonga phandle ndabona ayiyo nedolophu yam lena. Ingaba ungandichazela la maphupha? Ndiyabulela.

Impendulo: Amaphupha akho omabini achaza ukuba wena uyathwasa okanye unobizo lobugqirha. Camagu.

Iphupha: Camagu, ndicela ukubuza, ndimana ndiphupha umama womntu endandithandana naye wandishiya, lo mntu watshata neny’intokazi ndimthanda sineminyaka elishumi, izolo elinye ndimphuphe umama wakhe endikhwaza ndigqitha ngendlela, wandipha ibanana nelekese endibuza ukuba ndiyaphi ndigqitha kwakhe.

Impendulo: Kuyacaca ukuba unyana lowo kamfi izinto azimhambeli kakuhle apho akhoyo, oku kubangelwa kukuba inyathelo lakhe lokushiya zange lamkelwe ngabantu bakowabo. Yilindele eyokuba angabuya nanini, wena ekumele ukwenze kukumamkela.

Iphupha: Molo tata, ndinokuphupha iinyoka ezininzi izihlandlo. Elokugqibela ebendilifumene, ingathi ndihamba nodade wethu ethafeni elinentaba, xa ndijonga phantsi kuluhlaza kwaye kugcwele iinyoka ezinde kwaye siyazama ukuziphepha singazinyatheli, xa ndiphakamisa amehlo ndibona ibhodi phezu kwentaba ingathi ibhalwe MAGNUM olayitileyo, ndothuka. Ndicela undincede tata.

Impendulo: Kuyacaca ukuba zinininzi iimbopheleleko enikuzo ekhayeni lakho. Eli phupha ke liyanicebisa ukuba niye emntwini ukuya kufuna uncedo kuba amanyange angakuni kwaye kufike ixesha lokuba zisuke ezo zinto.

Iphupha: Ndavelelwa liphupha ngo1985 apho kwabonakala iinkwenkwezi ezintathu zilandelelana zisiza kum, zedlula kum zashiya umoya omkhulu, kwaze ke kwavakala izwi lomntu oyindoda phezulu esibhakabhakeni lisithi ngena kungekavalwa.

Ukusukela ngoko liphinde lavela eli phupha lezi nkwenkwezi ngo2011-2013 no2014 -2015, apho kubonakala kukrazuka isibhakabhaka kwaze kwawa iinkwenkwezi ziphuma kula ndawo ikrazukileyo, ndaye ndabala ezo zokugqibela ndaphela ku-18, ezininzi sezehlile ukuza apho ndikhona emhlabeni, yabakhona endiphandlayo ngenxa yobuqaqawuli bayo.

Ukuvuka kwam ephupheni ndaya kugqirha wasesilungwini kuba amehlo achaphazeleka bubuqaqawuli bazo. Ngo2015 ndiphuphe uYesu ubuqu enxibe izivatho ezithile ephethe nomnqamlezo wentsimbi egold eme phambi kwam.

Impendulo: Phila ngonaphakade kwaye uvuye wena ugcobe kuba ubabalwe ngesipho sikamoya nobuprofeti. Zama ke ukuzama ukuphakamisa isiphiwo eso sakho.

Umphilisi uyafumaneka nakuFacebook, khangela uMphilisi The Healer pha okanye usithumelele iphupha lakho kumnxeba kaWhatsapp wethu: 063 743 9538