Inkcazelo yamaphupha

Iphupha: Mhlekazi othandekayo ndicela ukucaciselwa ngeli phupha: Ndiphuphe inyoka enkulu eneentloko ezintlanu, ntloko nganye inombala wayo, 1 umnyama namhlophe, 2 obrown 3 eluhlaza 4 ebomvu 5 no-light brown, kuvele umntu endimaziyo qha andiyazi ndingathi ngubani, uthi yinkanyamba leyo zezakowenu ezinye le iluhlaza nale iLight brown kunye nale imnyama namhlophe ndaske ndothuka. Ndicela ukucaciselwa ngeli phupha.

Impendulo: Kuyacaca ukuba iphupha lakho aliqulethanga nto imbi njengoko ubani anokucinga.

Ukhumbule ukuba singabantu abantsundu abaphila nemimoya yabantu abalele ukuthula, nabathi amaxesha athile bazibonakalise kuthi ngeendlela eziliqela kuquka ezinye ezingaqhelakanga, kuthi kuba kaloku kwele mimoya kuye kuthathwe naluphi uhlobo lonxibelelwano oluza kufika lukugungqise usakubona isijoli eso.

Iphupha lakho ke lifuna wena uhlale phantsi nanjengoko kuthiwa ezinye kwelo phupha zezakowenu, nikhe nikhangele ukuba zinto zini okanye misebenzi mini esafuna ukwenziwa.

Iphupha: Ndiphuphe ndihamna elwandle ndigudla unxweme, ndinxibe amaquza kwavele kwabuya amanzi andithela ezinyaweni ajika aphinda umva. Ngoku andilazi lithetha ukuthini futhi ndiyanqwenela ukulazi

Impendulo: Amanzi ayintlambululo abuye futhi abe yimpilo kuthi. Inyawo zethu ke zihamba zinyathela yonke indawo nalapho kungamelanga zifikelele khona, zide ngamanye amaxesha zisifake engozini.

Zama ke ukukhangela le nto abantu bakowenu abafuna ubuyise unyawo lwakho kuyo, kungenzeka ukuba sisimbo esibi okanye umkhuba okanye umbulo owenziwa nguwe.

Iphupha: Ndinephupha elisoloko lindizingile, ndimane ndiphupha qho ingathi kuyankqonkqozwa apha emnyango ekuseni, maxa wambi indincede lo nto nditsho ndivuke ukulungiselela ukuphangela.

Impendulo: UNkqo lowo unokuba zindidi ezimbini. Ukhona owokuvuswa kuba ukhuselwa ezintweni ezimdaka, ubekhona lowo wabenzi bobubi. Ukuze ufumane iinkcukacha ezigcweleyo hamba uyo kuwusabela lo mba koosiyazi.

Iphupha: Camagu mdala, ndiphupha ndiselunxwemeni lomlambo ndimi phantsi kwebhulorho, njengoko amanzi esehla kusuke kuthi thu ibhafu le yokuhlamba iimpahla ivela ngasentla yogqunywe ngelaphu elimthubi. Xa ifika le bhafu phambi kwam ime, kubekho umntu othatha eli laphu lithungwe lenziwe ilokhwe yecawe enemikhono emide ndiyinxityiswe, ngoko nangoko le bhafu iphinde inyuke lo mlambo apho ibivela khona. Ndikhonza kwicawe yaseZion.

Impendulo: Vuya wena mtyunjwa kuba wonyuliwe phakathi kwabantu abaninzi ukuze ube nokuphilisa isizwe. Iphupha lakho libuya linike lowo uza kuthi enze lo msebenzi wokuthwasa ulwazi lokuba yinto ekumele yenziwe kuwe.

Umnyangi okanye umthandazeli onamava uza kukwazi ekumele akwenze ukuncedisana nawe kulo meko. Ukhumbule ukuba ukutshikilela esi siphiwo kuse nokuzisa iziphumo ezibi kuwe.

Iphupha: Xa uphupha ubona idama elinamanzi amdaka, uthi xa usondela kuwo asuke aye ebamancinci.

Impendulo: Ngumyalezo lowo oza kuwe malunga nemeko-bume bakho. Kuyacaca ukuba akho amaphupha aliqela aye avela ngaphambili akumila kunje waze wena awawanaka okanye awawathathela ngqalelo.

Kukho umyalezo kulo manzi oqulathe ubizo, kwaye sele befuna ukukhalala abo bakutyumbileyo. Hamba ke uyokusabela emntwini.

Iphupha: Molo Mphilisi, ndinephupha laminyaka le lithe gqolo. Ndiphupha nditshona kumngxunya wendlu yangasese nditshona kwilindle elo. Ngamanye amaxesha de ndibone nemveku zam ezintathu ziseyela nazo kwindlu yangasese leyo.

Impendulo: Yimeko embi leyo kakhulu kuba iphupha lakho libonisa ukuba izinto ezikwehleleyo okwangoku asizinto ezidaliweyo koko zezangabom.

Kufuneka ke uzame indlela yokuzikhupha kulo mngxunya weyela kuwo nosapho lwakho. Iindlela ke zininzi kwaye zixhomekeke kuwe ngokohlobo okholelwa kulo.

Umphilisi uyafumaneka nakuFacebook, khangela uMphilisi The Healer pha okanye usithumelele iphupha lakho kumnxeba kaWhatsapp wethu.