Inkcazelo yamaphupha

Iphupha: Tata uMpahla ndiphupha iinkukhu ezimhlophe nebomvu. Ndiye ndayixhela andiyonyanga, ngoku ndamoshwa kodwa andika ngwenywa yile nto indixakayo tata ndiseMbizana from Andile Tshaka?

Impendulo: Camagu! Mhlekazi ndicela ukuba uzame indlela yokuya kubonana nooSiyazi nalapo bazakuhlala phantsi nawe bakusombululele le nyewe yakho. Ewe iphupha lakho libonisa ubizo ekufuneka ululandele, kodwa lo nto kumele uyenze ngokubonisana nabantu abanamava kulo nto.

Iphupha: Ndinephupha, uMntu ebendithandana naye iminyaka eli-15 ndafumanisa unenye indoda sohlukana 29/10/2015. Ngentsasa ye-12 kweyoMdumba 2017, ndiya kuye ndifike igumbi lakhe liqhekeziwe, ndifike elele xa ndimvusa angavuki, ndimtyhile iingubo, emilenzeni ndifike ebolile, ndithi ngokothuka ndimke ndiphinde ndibuye ndimbize ngegama lakhe asabele, ndithi xa ndiphinda ndimbiza athi cwaka, ndimbone inene akasaphili ndothuke. Lithetha ntoni?

Impendulo: Kuyacaca ukuba lowo wayesakuba sisinqandamathe sakho uyabulaleka apho akhoyo kwaye kukho nokuzisola ngesenzo sakhe. Iphupha ke eli lisenokubonisa ukuba nawe awukaxoli ngalo nto yenzekayo kwaye ukungaxoli kwakho kubamba inkqubela phambili kuye, futhi kusenokwenzeka ukuba yena uyafuna ukuzithoba kuwe.

Ndiyakucebisa ke ukuba wena uthathe isigqibo sokufuna kwenzeka ngalo mba, ukuba nawe usamthanda zama ukwakha uxolo ukanti ukuba awusamfuni khulula intliziyo yakho umxolele ukuze naye abe nakho ukuqhubekeka nobomi bakhe ngaphandle kwamagingxi-ginxi.

Iphupha: Ndicela ukucacelwa ngephupha laphezolo, ndiphuphe ndikhwele uloliwe ingathi ndiya endaweni, kodwa ithe inqwelo endiyikhweleyo xa imisa yandohlisa kwilizwe elihle endingalaziyo ndothuka, kwaye ingathi ndiyalisinga-singa ukulibuka kwaye ndimangalisekile yile ndawo.

Impendulo: Iphupha lakho lichaza indima ozakuyi gangatha neza kuguqula ubomi bakho ngeendlela eziliqela, kuseno kwenzika ukuba indlela leyo uzakuyihamba inamaqhina namaxethuka okanye imthebelele. Zilungiselele ke nantoni ezakwehla kwesi sihlandlo. Isizathu sephupha lakho kukulungiselela loo meko uzakuhlangana nayo.

Iphupha: Molweni, ndiphuphe ndibona irhamba kwindlela ebendihamba kuyo, kodwa ndilibone msinya ndaze ndalosela ndalibulala, bendihamba nabantakwethu, ingaba lichaza ntoni eli phupha?

Impendulo: Iphupha alimele ukuxhalabisa kuba lisabonisa ukhuseleko lwakho kumanyange akowenu.

Iphupha: Ndiyazibulisela. Ndiphupha ndime enyeleni yomlambo, ingathi ndime nabantwana bam kodwa obonakala gca ngulo uneminyaka eyi-5, kubonakala ingathi sifuna ukuwelela ngaphesheya kodwa sixakiwe kuba umkhulu lo mlambo, kukho umfana walapha ekuhlaleni asinike into engathi nguzenzele wekari, kodwa ayinamavili, yintsimbi yokubamba neplanga elimdaka oko ingathi lelefenitshala, hayi ke sibambelele kule ntsimbi, singene sibheke phambili xa sifika enzulwini itshone le kari yethu kodwa thina siqhubeke sifike ekupheleni komlambo.

Xa sifika ibe ngathi kuthiwa buyelani umva, siqubhe kodwa ndinexhala ndicinga la ndawo inzulu, kodwa ke side siphumele. Xa sifika nanku la mfana kodwa ngoku ubuxhegwarha akanxibanga kulo mzimba ungentla. Ingathi ancothule amagqabi akhangeleka njengomhlavuthwa andinike wona, kubekho umntu obuzayo ukuba wenza ntoni ngoku, athi uyasibika kumanyange akhe. Ndiyaxolisa ukubamde.

Impendulo: Camagu. Kuyacaca ukuba ikhaya elo lithwe mbe ngumshologu, kwaye kwalapha ephupheni kukho isiphakamiso semfukamo yekhaya. Zamani ke ukuwuthathela ingqalelo lo mba kuselithuba kungekonakali ukuze nizokwazi ukufumana umkhomba-ndlela.

Ipupha: Ndiphupha ndiseyadini ekhaya kukho amadoda aphethe amabhoso ndilwa nawo, kodwa bendilwela intombi endala kadade wam. Ndibone enye indoda igqushalaza phantsi andayenza nto ndayisizela, kodwa mna ndibone sele ndinegazi esandleni ndothuka ndingena nto.

Impendulo: Camagu. Kukho umsebenzi wekhaya nekusele kulithuba kufuneka wenziwe, lo msebenzi uquka inkomo njengedini lamanyange. Khumbula ke ukuba xa kungoku izihlwele zenu zinomsindo kwaye ukuqhubekeka nokungawenzi lo msebenzi kuzakuphuma nodlolwazana.

Iphupha: Molo Tata, Ndingumfundi-maphepha, ndifumanise uluncedo kumaphupha. Ndinephupha ndisile utywala kwaye , BUYABILA.

Impendulo: Tshona khona. Didiyela utywala obo ububone emaphupheni ukuze uzokuvuzwa kuninzi okuzayo kuwe.