Inkcazelo yamaphupha

Iphupha: Ndiphuphe ndihleli netshomi yam, iphethe itswele lesiXhosa eli liluhlaza ithi ilinika mna, kusenjalo, ndalibona liphekiwe ngumfo oligqwetha sele ingumfino. Kwakule ndlu enguronta kuhleli ootata ababini omnye esisidalwa, phandle kusibekele bengafuni siphume.

Impendulo: Camagu. Iphupha lakho linzulu kwaye lizama ukutyhila imeko yekhaya engentlanga.

Uronta kaloku yindlu yamasiko ekhayeni, kodwa ke xa kunqongophele ukuba abantu bahlangane kulo ronta ngesiko okanye mandithi xa izisusa zekhaya zinqabile, indlu leyo iyaphola okanye iyabanda kuba ayisandwendwelwa ngamanyange.

Kwa iphupha eli libuya libe nesikhalazo esibhekiselwe kooSokhaya. Thabathani ke iintonga ukuyo kusabela ukuba yintoni ithanda ukungaxolisi izihlwele zekhaya.

Iphupha: Molweni kwiSolezwe. Ndinephupha, ndicela umphilisi andicacisele lona, ndiphuphe umntu ongumakhulu, ingathi undinika i2rand, emva koko kuthi gqi umama wam owaswelekayo, wandicela i5rand – ndikhangele andayifumana, ndibona engamaphepha yodwa ndancama ndamnika i20 rand. Ndicela ukwazi lithetha ukuthini?

Impendulo: Kukhangeleka ngathi umama wakho lowo ukusindisile ephupheni kwigumgedle elikutsalela phantsi iinzame zakho zokuphucula ikhaya. Khumbula, ukuphupha umntu ekunika imali eyingqekembe oko kwayanyaniswa nezibi kunye nokufa ngamanye amaxesha. Camagu!

Iphupha: Khanindincede apha, kunephupha endingalaziyo, ndaphupha ndikulo mama kufihlwa, kodwa kwabe kufihlelwa ebuhlanti ngathi kufihlwa iNkosi. Ngoko ke kuxhelwe iinkomo ezimbini, zifakwe nomzimba, ivuke enye ize kum ndibaleke, kuvele iikati zize kum zifuna ukunditya, ndanqandelwa yinja yam. Inokuba lithini eli phupha. Ndingu Ngqubati Sikelela.

Impendulo: Camagu. Iphupha lakho lichaza imeko yekhaya efuna ukulungiswa. Khumbula ukuba phambili phaya, ibe iyinto eqhelekileyo ukuba amadoda emizi azame iindlela zokuzama ukukhulisa imfuyo yekhaya nanjengoko imfuyo ibiyeyona nto ibalulekileyo.

Nangona ke le ibingeyonto ikhuthazwayo ngenxa yeziphumo zayo enganobuzaza, ibiye kengoku ifihlwe kumanye amalungu osapho.

Ikhaya elo belivele libonakale ngokwanda kwemfuyo ukuba kukho ndlela ithile ekwenziwe ngayo ekhapha. Ezo ndlela ke bezibuya zibe nesiphelo esibi kuba ngamanye amaxesha bezishiya iintlanti zekhaya zingahlambulukanga, nekuyinto ke leyo ibidala ingqumbo yezinyanya.

Iphupha lakho ke lichaza imeko ebufana nale kufuneka nihlambulule iintlanti zekhaya ukuze amanyange azokwazi ukuhlala khona, ukuze nemisebenzi eyenziwayo ihambe kakuhle. Camagu!

Iphupha: Molweni. Elam iphupha, ndisendlwini esasihlala kuyo ezifama kudala, ngathi kukho notata wam owasweleka kudala, ingathi isifuba sam ndiyasisusa apha kum kuba ndithi ndifuna ukubona lento ibuhlungu apha kuso ngaphakathi. Ingathi ndisisuse ndibone umngxuma apha ngaphakathi, ingathi ndithi kutata makandincede. Camagu!

Impendulo: Thabatha iintonga mntanasekhaya uyokusabela kuba kaloku iphupha lakho lichaza impilo enkenenkene ezayo kwelakho icala, nezakubumisa ngxi ubomi bakho.

Iphupha: Ndiphupha ndihleli nodadobawo womntana wam sisitya ulusu oluvuthiweyo.

Impendulo: Ukuphupha usitya inyama ingakumbi inyama yangaphakathi asinto ilungileyo. Ngamanye amaxesha iphupha elikumila kunje lichaza ukuba ukho umntu ozakutshaba kusapho olo.

Iphupha: Molweni, Ndiphuphe ndiselwandle, ndibona izinja zolwandle ziphuma elwandle. Ezi ntathu ziyafana zimhlophe namnyama, ziphuma ngomva emanzini. Emnyama yona imile. Phofu indijongile. Lithetha ukuthini eli phupha?

Impendulo: Camagu. Iphupha lakho kumele likuchwayitise kuba lichaza indlela abantu bakowenu abangasekhoyo abamanyene ngayo ekukhuseleni impilo yakho, kungako ndikucebisa ukuba uhlale usenza iimfuno zabo njalo, ukuze lo moya mhle phakathi kwakho nabo ungadambi.

Iphupha: Xa umntu ephupha ehamba ze phakathi kwabantu abeneentloni ngas’ke azifihle. Ingaba lithetha ntoni eloo phupha?

Impendulo: Lungisa izinto zakowenu kungekonakali. Eli lelinye lamaphupha aye avele njengesilumkiso kulowo uwatyesheleyo amasiko nezithethe zakhe. Zama ukukhangela ukuba ingaba undonakele undawoni.

Iphupha: Ndisoloko ndiphupha ndithenga iimpahla ezintsha. Lindizingile eli phupha ndincede.

Impendulo: Camagu. Bekuya kuba ngcono ukuba bendazi ukuba iimpahla ezo zezomntu wesiphi isini okanye mhlawumbi umntu onjani. Bendiyakwazi ukulihlalutya kabanzi de ndifumane ezo nkcukacha. Chosi!

KHUMBULA, ukuba unephupha orhalela ukuba lichazwe, thumela umyalezo ngombane ku: isibhalo@inl.co.za. Ungasindwendwela

kuFacebook (Ilisolezwe)okanye uTwitter (ilisolezwe usishiyele umyalezo. UMphilisi iyafumaneka nakuFacebook phantsi kwegama uMphilisi –

The Healer