Inkcazelo yamaphupha

Iphupha: Ndiphupha ndiqhuba imoto nangona ndingenayo. Okwesibini, ndiphupha utatomkhulu wam ongasekoyo esithi mandimboleke imali

Impendulo: Camagu! Kuyacaca ukuba abantu bakowenu bafuna ukukuzisela indyebo namathamsanqa. Kodwa ukuze kwenzeke oku kufuneka ukuba nawe uvule esakho isandla,* ngokuthi ubenzele igogogo lotywala, bakhe batshice egameni lakho.

Iphupha: Ndinokuphupha ndisesikolweni endandiqale kuso amabanga aphantsi, kodwa ngabantu endandifunda nabo uGrade12 abavelayo kweli phupha. Nootitshala, ikwangaba-sesinaleni. Ingaba lithetha ntoni?

Impendulo: Isikolo ephupheni sibonisa inyathelo elitsha ekufuneka ulithathile ebomini. Okubalulekileyo kukuba kufuneka ukhe uzibhence uzikhangele ukuba ingaba yintoni na le ithyilwa liphupha eli.

Iphupha: Ndisoloko ndiphupha ngathi sinqunqa inyama ebomvu ekhaya, kukho isingcwabo kodwa andiboni bhokisi nangona amakhekhe edluliswa, nabantu begcwele ententeni kuculwa.

Ndiphinde ndiphuphe ndingena endlini ekhaya, xa ndingaphakathi ndibona kugcwele amasongololo enyuka ngegumbi ekhitshini nakwigumbi likatata. Ndithe xa ndizama uwasusa yangathi andiwele emqolo amanye.

Ndothuke ndikhala, kodwa ndaphinda ndabiwa bubuthongo. Ndaphupha ngathi ndiseskolweni sibhaliswa uvavanyo, kodwa kunkungu kum, andiboni kwanto ndishiyeke ndodwa abanye sebegqibile.

Impendulo: Camagu! Ukupupha inyama ebomvu kuthetha isehlo sokufa phakathi kwekhaya, kwaye le nto ingqamene nekhaya elo lakho ibangelwa kukunganaki kwenu amasiko nezithethe.

Iphupha: Ndiphuphe inyoka nabantu abaninzi abasebhasini. Ubude bale nyoka bungaphezulu kobomntu, kodwa ayityebanga, ihleli ndaweni nye.

Xa ndisohlika kule bhasi ndibone enye ende, enemibala emihle eyohlukeneyo, omhlophe, omdaka, obomvu, nomnyama. Ibibonakala indwebileyo kunaleya yakuqala, ibaleka kodwa yabethwa yenye intombi emhlophe ebiphethe ikani lotywala. Uyibethe esiqwini ndothuka.

Impendulo: Iphupha lakho libonisa igumgedle la bantu abakunqwenelela okubi. Kodwa iindaba ezimnandi zezokuba kulo meko injalo izihlwele zakho zikunye nawe kwidabi elo ulilwayo. Kufuneka usoloko uqhagamshelana nezihlwele zakho ukuze inzame zazo zingadambi.

Iphupha: Ndiphupha ngathi ndikwindawo enoombhazabhaza beevenkile, ndidibane nentombi elingana nam endandifunda nayo inxibe iyunifom yobugosa lezohlangulo. Le nto iye yandimangaza kuba akazange akufundele oku, kwaye akanayo nelayisenisi. Ndiye ndamleqa kuba ndifuna ukumbuza ukuba wenze njani yena, kuba kudala ndifaka izicelo, andibizwa, wasithela ndisamleqa.

Impendulo: Khumbula kaloku ukuba iimpahla ezo zinxitywe yintombi leyo zezabantu boncedo lokuqala. Ivela kengoku le ntombi njengomntu ekufuneka ezise uncedo lokuqala kuwe.

Kusengenzeka ukuba le yintombi yimbi hayi leyo uyibone ephupheni. kodwa kuyacaca ukuba uzakuthi ukuze uncedakale kwimbophelelo zakho kufike umntu obhinqileyo.

Ngoko ke ukuba awukathathi mfazi, eli lixesha elulingileyo lokwenza njalo.

Iphupha: Ndiphupha ndiqabe into emhlophe engathi yidawn, ndikwindawo engathi inabantu abaninzi abanxibe impahla ezinde ezimhlophe. Kuthi xa behamba kuvakale ingxolo yezizinto bazinxibileyo. Ndihleli phantsi ecaleni kukamalume, oyalelwa ukuba andixelele into.

Uthe esathetha kwaphuma utamkhulu ozala umama kumngca ekufolwe kuwo. Ndithe ndisambuza waphinda wabuyela emgceni. Ibingathi kukho nabantwana abaneshumi leminyaka.

Impendulo: Camagu! Iphupha lakho lichaza ukuba wena unengulo emhlophe (intwaso). Ngoko hlanganisa abantu bakowenu niyokuwusabela lo mcimbi.

Iphupha: Ndiphupha ndixabana nomakhulu ozala utata, endigxotha ukuba mandihambe emzini wakhe. Eli phupha landiqala esaphila, kodwa ngoku akasekho, ndihlala enxiweni likatata naye ongasekhoyo. Ndiphinde ndisoloko ndiphupha ndileqwa ziinkomo ezimdaka zifuna ukundihlaba ndibaleke.

Impendulo: Ingxaki izakuba khona kaloku sisi xa isiseko sendawo ohlala kuyo singazange senziwa kakuhle.

Kuyacaca ukuba akuzange kwenziwe iizinto ngendlela kweli nxiwa likatatakho, kuquka nokulivula ngokusesikweni.

Ukanti ukuba ngaba yonke into yayenziwe kumele ukuba lihlanjululwe inxiwa ngokwesintu, kuba kaloku ngethuba kungekho bantu apho enxiweni mininzi imimoya emdaka ebiphithizela apho. Zama ukufumana uncedo kubantu abanamava, ngakumbi abobasondeleyo nekhaya elo.

Ungathumela iphupha lakho kuWhatsapp wethu

063 743 9538

isibhalo@inl.co.za

UMphilisi ukhona kuFacebook: uMphilisi – The Healer