Inkcazelo yamaphupha

Iphupha: Ndicela ukucaciselwa ngephupha endimane ukuliphupha. Ndisoloko ndiphupha ndisitya inyama ebomvu?

Impendulo: Iphupha elinje linokuchaza izinto eziliqela. Kuqala makhe nje ndicacise ngamaphupha onke anenyama phakathi. Kukho ixesha apho ubani ezakuphupha inyama yangaphakathi okanye inyama evuthiweyo kumaxesha amaninzi oku sube kuchaza ukufa kulowo usondele kuwe okanye isalamane sakho.

Kodwa xa ubani ephupha esitya inyama ebomvu oku kuhlangene nesiko ekumele wena ulenzile ekhaya nasiko elo ekudala abantu bekhaya bekhunjuzwa ngalo umzekelo isiko lenkomo yezila.

Xa liquqa libuyelela lifuna ukunanzwa engekade amanyange anikhalale kuba oko kungezisa inyhikithya yokufa ekhayeni.

Iphupha: Ndisoloko ndinephupha endiliphupha njalo. Ingathi ndisesikolweni sibhala uviwo kodwa mna andazi kwanto. Ndizibone sele ndicela ukukotshiswa ngosecaleni kwam, kodwa kunjalo kufike ixesha loba athathwe amaphepha ndibe ndingabhalanga kwanto. Ndicela undichazele.

Impendulo: Eli phupha malingakukhathazi kodwa kumele ukuba uxhalabe kuba liqulathe umyalezo wobizo kuwe. Likwacacisa ukuba kumele ukuba uqalisa ngebaka le ntwaso ukuze ube nokufundiswa ngezinto zobugqirha, kuba kaloku indlela yakho iya apho kakade.

Iphupha: Ndicela ukubuza ukuba xa uphupha uhlamba impahla, kuthetha ntoni?

Impendulo: Kunzima ukunika ingcaciso egcweleyo kuba awucacisanga ukuba zimpahla zikabani ezi. Kodwa ke mandizame ndenjenje ukuhlamba okanye ukukhuculula into lowo ngumbono wesiqalo esitsha kubomi bomnikazi wempahla. Ukanti xa ezi mpahla izezomntu ongasekhoyo, oku sukube kuchaza ukuba umnikazi lowo ukhumbuza ngomsebenzi wakhe ekumele wenziwe likhaya.

Iphupha: Ndiphupha ngathi ndihamba nomama wam owaswelekayo kwindawo ebuthafa. Kodwa izindlu zikufuphi kakhulu kweli thafa. Ndimbone egoba echola iinkobe eziyimibalabala, kukho ezimthubi, ezibomvu, ezimhlophe, ezi peple, nezimnyama, uzichola kwisicithana sengca. Sihambe andikhombise indlu athi phaya kula mzi kukho inyama nam ndibe ngathi ndiyaliva eli vumba. Sinqumle indlela, ngoku sinqumlayo kube ngathi kukho iloli ezayo. Sikhawuleze ndothuke apho xa ingathi ndiyatsiba.

Impendulo: KwaNtu kukho into kwamanye amakhaya xa umntu ongumama ethe wahamba uye aphiwe inkomo. Ngokumenzela umebenzi wenkomo uhlanganisa umoya wakhe namanyange akubo. Iphupha lakho kubonakala lichaza kanye lonto.

Iphupha: Ndiphuphe kunesifihlo ekhaya, ingathi kusweleke utata ondizalayo kodwa ukhona naye xa siqhuba isifihlo. Sithe xa sisiya emadlakeni wathi utata ngaphambi koba kufakwe ibhokisi makukhutshwe ilaphu elimhlophe emngxunyeni, lakhutshwa. Lithetha ntoni eli phupha?

Impendulo: Eli phupha libhekisele kuni bantu bekhaya malunga nokuba nilungise imicimbi yekhaya. Kwalapha kwiphupha eli kuyabonaka ukuba kukho impixano ekhayeni ingakumbi kuba ongqamene nemvelaphi yenu okanye ingxaki kwisiduko eso nizibiza ngaso. Ngumba ke lo ofuna uhlalelwa likhaya ukuze nifumane isisombululo.

Iphupha: Ndiphupha ndilele notata womtwana wam owaswelekayo, ndingafuni kwabelana ngesondo naye kodwa yena endilala ngenkani de wandingcolisa. Ndiye ndabona omnye usisi wakulo mama, endithe ndiseneentloni nguye ndothuswa sisithonga esikhulu sendudumo. Kodwa xa ndivuka kwabe kungadudumi. Amaphupha am asoloko enendudumo, kwaye iyandoyikisa le nto.

Impendulo: Iphupha lakho alilihlanga kwaphela kuba lichaza uthotho lwezinto ezimbi ezizakwehlela okanye umntwana wakho. Ndikucebisa ukuba uthabathe amanyathelo ngokukhawuleza ukuzama ukuhesha lo moya. Khumbula ukuba xa uthe awayinanza le nto iyakuphuma nodlolwazana.