Inkcazelo yamaphupha

Iphupha: Ndisoloko ndiphupha ndiqhuba imoto kodwa andina moto. Elesibini ndiphupha utatomkhulu wam ongasekhoyo esithi mandimboleke imali. Athetha ukuthini?

Impendulo: Camagu. Ukuba nemoto kuzisa isidima emntwini kwaye kubeka ubani lowo kwimeko yokwenza ubomi lula. Uninzi luthatha ukuba nemoto njengesiqalo esihle kuba akulula ukufikelela ekuthengeni imoto kula maxesha sikuwo ngenxa yezinto eziliqela nezingumcelimngeni kwimeko-ntlalo yabantu.

Iphupha lakho lizama ukubonisa ukuba usenokukhululeka nakuyiphi imeko obopheleleke kuyo kodwa into ekufuneka uyenzile kukunanza iimfuno zabantu okanye izalamane zakho ezingekhoyo ingakumbi utatomkhulu wakho lowo uvele kuwe kwiphupha lesibini kuba xa esithi mboleke imali uzama ukubonakalisa ukuba xa unothi umlungiselele kwizinto zakhe indlela yakho ingantle kwaye nemali ingathi tata kuwe. Chosi.

Iphupha: Ndiphuphe kukho ikati ezantsi kwebhedi kunye nenkukhu ebotshwe imilenze ebomvu. Ingathi le kati inemehlo elilayitileyo elinondiphanyaza. Xa ndithandaza ilizwi aliphumi.

Impendulo: Ziimbophelelo zemisebenzi yobumnyama ezo kwakunye nemimoya engendawo. Iphupha eli lizama ukukutyhilela ngemeko apho inzame zakho zizama ukusengelwa phantsi ngabo basebenzisa imimoya engendawo.

Xa ukule meko kufanele utshintshe indlela owenza ngayo izinto, kwaye uqinise nonxibelelwano kwindlela oyisebenzisa rhoqo ukulwa nezinto ezinje.

Ukuba le meko yakho awuyiseli ‘so ingaphuma nodlolwazana kwaye ngelo xesha kuyobe kungasekho ndlela yakuza nasi sombululo.

Iphupha: Ndibiwa bubuthongo ndihleli esitulweni phofu ndisemsebenzini, ndiphupha kunetha imvula enkulu eneendudumo ezingamandla, ndizokothuswa ngumbane omkhulu udlula phambi kwam.

Impendulo: Camagu! Leyo yimeko engentlanga ozakuhlangana nayo nezakuba ngumceli mngeni omkhulu kuwe.

Le meko izakukuvavanya kakhulu kwaye izakufuna ukuba ujongane nayo nqgo.

Iphupha lakho liyakulumnkisa ukuba uzilungiselele ungabi nobubhetyebhetye. Khumbula ukuba imeko enje iza ngeenjongo zokukulungisa ukuze ukwazi ukuhlangabezana nayo nayiphi na into enzima onokuhlangana nayo ebomini.

Ukunetha kwemvula – zizinto ezintle ezizayo, ze umbane lowo ubonise ukuba akuzukuba lula ukuzonwabela ezo zinto kuba ziza nemicelimngeni.

Iphupha: Ngo-2014 ndaphupha umntu othi uzakundibonisa apho akhoyo utata wam. Nyhani wandithatha wandisa ngqo kule ndlu. Xa ndikroba nanku nyhani uphopho, uhlala yedwa kule ndlu. Into endixakayo kukuba utata wasweleka ngo-1996.

Impendulo: Ndicebisa ukuba uthabathe iintonga ukuyokuwusabela lo mba kuba asakuhamba emhlabeni umntu ongutata ngokwesiNtu siye simenzele isiko lokuhlanganisa umoya wakho kunye nemimoya yezalamane zakhe esele zalandulela eli.

Emva koko siphinda simbuyise ngelinye isiko elizakubangela ukuba umoya wakhe uhlale uphakathi kwekhaya ukhusele abo basaphilayo. Amaphupha akumila kunje avela xa kubekho isiphoso kule ndlela ngelizama ukubonisa abasaphilayo ukuba kukho into abayilibalayo.

Kwiphupha lakho uvela ehleli yedwa utatakho, kungekho bantu bakunye naye. Oko kuthetha ukuthi akakahlanganiswa nezinye izihlwele zakhe okanye kukho nto yaphosakalayo.

Iphupha: Ndikhathazwa ngamaphupha, endisoloko ndilahlekelwa zizihlangu kuwo, iyandikhathaza le nto.

Impendulo: Eli liphupha sisilumkiso, kwaye lithanda ukuvela emveni kwamaphupha aliqela athe umphuphi lowo akawananza. Umntu ongenazihlangu lowo uthathwa njengomntu ophaleleyo nokhandwe zimeko zelizwe. Kuyayacaca ukuba kukho isikhalo kubantu bakowenu abalele ukuthula ngokunxulumene namasiko nezithethe zakowenu.

Iphupha: Ndiphuphe ndikwindlu egcwele zimpangele ezinamantshontso. Xa ndisiya kula mantshontsho ezi mpangele zifuna ukunditya. Kuthe kusenjalo kwangena umama wathatha la maqanda ezi mpangele waphuma nawo.

Impendulo: Impangele asintaka nje iqhelekileyo kwaye amaxesha amaninzi ibuya ibe sisihlwele kumakhaya amaninzi.

Ngoko ke zama ukulungisa izinto zekhaya lakho, kuba iphupha elibonisa utyiwa zimpangele lithetha nqgo nawe nangendlela ozikhwebula ngayo kwimiba yekhaya lakho efuna wena kakhulu.

Lungisa ke apho kumele ulungise khona kungekade konakele ebomini bakho.

KHUMBULA, ukuba unephupha orhalela ukuba lichazwe, thumela umyalezo ngombane ku: isibhalo@inl.co.za. Ungasindwendwela kuFacebook (ilisolezwe) okanye uTwitter (@ilisolezwe) usishiyele umyalezo.

* UMphilisi uyafumaneka nakuFacebook phantsi kwegama uMphilisi – The Healer