Inkcazelo yamaphupha

Iphupha: Ndiphuphe ndihamba nosisi osisangoma, ndinxibe isidweshu esibomvu.

Sihambe kwangathi siseThekwini, sanyuka intatyana, sangena kwenye indlu apho bekukho abantu, ndafika ndahlala phantsi. Uthe xa ethetha nam lo mama wabuza ukuba ndikhethiwe na? Ndaphendula ndisithi andazi. Uvele wabiza igama likatamkhulu wam ongasekhoyo, ndothuka.

Impendulo: Iphupha lichaza ukuba wena unobizo lokuba ube sisangoma. Libuye lichaze kwakho ukuba intwaso yakho ivela kulo tamkhulu wakho ungasekhoyo. Kumele ukuba ubonane nesangoma ukuze sikucacisele ngokumele ukwenze. Camagu!

Iphupha: Xa uphupha uhleli ezantsi emanzini acwengileyo kuchaza ntoni? Okwesibini, xa uphupha kunomntu oliNdiya oswelekileyo, aphinde akhale kuthetha ntoni?

Impendulo: Camagu! Ukuphupha amanzi acwengileyo kudibene nobizo lokuba ngumphilisi wesiNtu. Elesibini iphupha lichaza imeko engeentlanga okanye izinto ezimdaka ezivala impumelelo ebomini bakho. Yiyo lo nto unobizo lobugqirha, ziinzame zokuzama ukulungisa ezo zinto.

Iphupha: Ndiphuphe iintyatyambo ezibomvu ezininzi zisegadini apha ekhaya. kwabakho umntu okhe yanye kuzo ndimbukele ngefestile. Ndamkhwaza ndimngxolisa, ndothuka.

Impendulo: Camagu! Iphupha lakho lichaza izinto eziliqela kodwa oku kuxhomekeke kwimeko ophila phantsi kwayo.

Okokuqala, phakathi ekhayeni lakho ukhona umntu ozakuzimanya ngeqhina lomtshato okanye uzakufumana isicelo soko kwiqabane lakhe kuquka nawe. Okwesibini ngumyalezo ozayo kwikhaya lenu nozakuguqula indlela yenu yokuphila. Camagu!

Iphupha: Ndinephupha likasisi wam omncinci usandul’ ukwenda aliphuphe esemzini.

Uthi ubona iinkomo zingena endlini enkulu emzini wakhe, emva koba sisandula ukubuyisa uyise omzalayo kowabo. UnguMamlambo yena, wendele kwaRhadebe, lifutshane ithuba endile.

Impendulo: Camagu! Umntu ongumakoti esakwamkelwa emathileni, enzelwe nezinwe okanye isiko lelo khaya, lo nto ibonisa ukuba ngoku ungowelakhaya, akukhathaliseki nokuba lixesha elingakanani oko kwenziwe. Kungenzeka kube kanti ubukho bakhe kwikhaya elo kuzakuguqula iimeko ezibangela ukuba unxibelelwano lekhaya namanyange lungabikho luqilima.

Iphupha lichaza ukuba abantu basemzini wakhe kufanele ukuba baqoshelise imisebenzi yekhaya elo. Chosi!

Iphupha: Ndiphuphe umama wam ongasekhoyo endileqa ngebhozo enomsindo endibuza ukuba kutheni ndingaphekanga. Kuphendule omnye kwalapha ephupheni esithi bendiphekile ngeCawa. Uthe xa ekufutshane kum ngebhozo ndalibamba ndamxelela ukuba bendiphekile emva koko ndothuka.

Impendulo: Camagu! Iphupha lakho lichaza ukuba ikhona into umama wakho ayifunayo kuwe. Isenokuba ngumsebenzi wesiNtu.

Qaphela ukuba kubalulekile ukunanza iimfuno zezalamane zethu esele zalandulela eli, ingakumbi xa singabantu abakhuliswe phantsi kwesi sekelo samasiko nezithethe zakwaNtu. Akukhathaliseki nokuba sithathe isigqibo sokwamnkela inkolo yasemzini.

Iphupha: Camagu! Ndiphuphe ndisitya inyama yenkukhu, xa ndiqala uluma gqi iimpethu ndayithifa, ndabe ndisiva ukuba ayinancasa, imuncwana. Ingaba bendidliswa?

Impendulo: Ukuphupha usitya ephupheni asiyonto ifanele ukuba iyenzeka, ingakumbi kuthi thina bantsundu abasiseko sabo sikumasiko nezithethe zakwaNtu. Iphupha elinje lichaza izinto eziliqela – ezifana nokufakwa imimoya emdaka. Zama ke indlela yokunzinceda ukukhucula lo moya.

Iphupha: Umama undiphuphe ndiphethe imali eninzi engamaphepha, ingathi le mali siyiphethe sobabini kodwa eyam ininzi kunale yakhe.

Kwelinye iphupha ndiqabe mhlophe ebusweni bam okungathi ndiligqirha.

Impendulo: Camagu! Wena ungumtyunjwa, abantu bakokwenu bakuchongile ukuba ube ngumntu ozakuba nesandla sokuphilisa abanye abantu.

Kodwa ukuba wena uyala ukuthunywa ngoku, bade bathatha isigqibo sokuba isipho eso basinikikele kunyana wakho. Iphupha elo lemali engamaphepha ngamathamsanqa lawo aza kuwe.

Kodwa yonke le nto ihamba nokuba uvume ukufa okumhlophe okunikwa ngabantu bakokwenu.