Inkcazelo yamaphupha

Iphupha: Ndiphupha ndigabha into engathi yi-oats, kwaphinda kwaphuma into endlebeni engathi yiplastiki ende. Enye into ebendifuna ukuyazi, xa kuthiwa uvaliwe esikolweni nasemsebenzini kodwa kubonwa ubutyebi kum?

Impendulo: Camagu! Zonke ezi zinto uzibalayo kuquka nephupha elo zizinto ezenzeka kumntu othiwe mbhe yimimoya emdaka nebangela ukuba izinto zakho zingahambeli phambili.

Xa uzibona ukule meko okubalulekileyo kukuzama iindlela zokuzikhucula kwezo zinto ukuze uzokufumana inkqubela phabili ebomini bakho.

Ndingakucebisa ukuba uzame ukudibana noosiyazi bemveli ukuze bakuxelele ngokumele ukwenze ukususa kule meko. Chosi!

Iphupha: Ndiphupha ndihambha nomalume wam omdala nomnye umalume wam owaswelekayo. Ingathi ndizokhwela ibhaki kamalume omdala, kodwa kwanzima ukukhwela, de umalume webhaki wandibhebhetha wandisusa ebhakini yakhe esithi ndizakuyimosha, mandihambhe ngenyawo. Ndiye ndakhathazeka kakhulu kuba siya ndawonye, ikude le ndawo kwaye andiyaz noba indawoni. Ndithe ndisabhidekile ndingayazi ukuba ndizobheka ngaphi ndadibana umalume owaswelekayo, ndabuza kuye ukuba ndiye ekhohlo na okanye ekunene? Wathi ekunene, ndalandela icebiso lakhe, ndenyuka iqhina elakhe lalide. Kuthe kusenjalo ndabona ukuba le ndlela indisa ehlathini elimnyama ndoyika kuba ndihambha ndedwa. Ndihambe ndadibana namantombazana amabini, ndacela ukuhamba nawo, avuma sahamba sonke. Kwelo hlathi bekugcwele iinyoka emithini ezinye ziphantsi. Kubekho enye ethe yasoyikisa kuba inkulu kakhulu, kwaye iyabhabha. Sihambile, sibambene, saqgiba kwelokuba sibaleke, noxa bendingafuni ndisoyika le nyoka ibhabhayo. Sithe sisabaleka ndajonga ngasemva, yeqgi le nyoka ibhabhayo isilandela sabaleka ndabona sendingena kwiyadi enoronta omhlophe, ndangena endlini ndayozivalela ekamireni. Ndiye ndakroba ngefestile ndabona la mantombi bendihamba nawo esabaleka, ndawabhabhayisa ndabulela ngokundikhusela.

Impendulo: Camagu! Iphupha lakho lijikeleza kwinto enye emalunga nokwenziwa kwemicimbi yekhaya.

Ingxaki yoninzi lwethu siyalibala ukuba kunabantu bethu abangasekhoyo nemimoya yabo ephilayo phakathi kwethu.

Ngelinye ixesha side silibale neenzame abazenzayo ekubeni zesifumane imisebenzi esikuyo.

Ngoko ke ndiyacela ukhe uzame ukwenzela into abantu bakowenu ubulele futhi ngayo yonke into abakwenzele yona. Khumbula ukuba awukwenzi oku iintshaba ziza kusolo zisemva kwakho. Camagu!

Iphupha: Ndiphupha ndise bhomeni ekhaya-khulu, kwaye ingathi kukho nomsebenzi kwalapha. Umnqa kukuba ndoluka kudala, kwaye singamahlubi ekhaya. Ingaba ithetha ukuthini yonke le nto?

Impendulo: Camagu! Yimfukamo yekhaya leyo equka bonke abantu bakowenu. Ukuze ufumane iinkcukacha ezigcweleyo ndwendwela usiyazi wesintu ukuze akuncede. Camagu!

Iphupha: Ndiphuphe ndisegumbini elithile, ndibona utata nomama endiphangela nabo, ndibamamele bencokola kukho ibhokisi ehleli kwicala lasekunene ngakutata.

Utata lo ndiphangela naye ubuza kulo mama ukuba imeko yam yomtshato ide yathini. Athi xa umama lo esamphendula isuke ityibilike ibhokisi ingawi phantsi kodwa ibe buvuleka, ngaphakathi ndibone isidumbu somphathi wethu.

Into ebengumnqa kukuba akukho wothukileyo phakathi kwesi sibini. Ndothuka apho ndavuka. Lithetha ntoni eli phupha?

Impendulo: Camagu! Eli phupha lakho likhulu kwaye linesilumkiso phakathi. Isilumkiso singqale nqgo kuwe. Kufuneka uzikhusele phantsi kweemeko ezingentlanga ozakuhlangana nazo.

Xa ufuna iinkcukacha ezithe vetshe ungandiphendla kwezi nkcukacha zingezantsi. Camagu!

KHUMBULA, ukuba unephupha orhalela ukuba lichazwe, thumela umyalezo ngombane ku: isibhalo@inl.co.za. Ungasindwendwela kuFacebook (ilisolezwe) okanye uTwitter (@ilisolezwe) usishiyele umyalezo. UMphilisi iyafumaneka nakuFacebook phantsi kwegama “uMphilisi – The Healer”