Inkcazelo yamaphupha

Iphupha: Ndiphupha ndihamba ehlathini nomninawa wam. Yena uphethe ibhola yomhlaba eneembovane ulandela emva kwam sikwindawo eyehlayo. Ndibone isigodo somthi oxabileyo uzele ziinyosi kodwa sidlule zingasenzanga nto siphumele.

Xa singezantsi sikhwazwe ngudade wethu omdala ukuba masingamshiyi yena ngeloxesha usengasentla kuthi.

Impendulo: Camagu Mhlekazi! Lungisani izinto zekhaya imisebenzi ixabile kwaye iluthotho ifuna nina ukuba niyenze.

Iphupha eli lisisilumnkiso kuni kwaye kuyacaca ukuba sekulithuba ninganyenzi imisebenzi.

Hlanganisani ke ikhaya ebhungeni nizame umkhomba ndlela. Camagu!

Iphupha: Ndiphuphe ndibona imali enintsi emhlophe, ndaqonda mandiyicholachole. Enye yale mali ibihleli phezu kwenye iphinda-phindene ininzi.

Impendulo: Camagu! Isintu nendlela thina bantu bantsundu esiphila ngayo siyasixelela ukuba asinto intle ukuphupha imali eziingqekembe, ingakumbi emenyezelayo kuba lonto ichaza ukutshaba komntu omaziyo okanye ohlobene naye.

Iphupha elinjalo liza kuwe ngendlela yokulungiselela ukuze ukwazi ukuyamnkela loo meko kuba kaloku asinto imnandi into yokutshaba ba komntu.

Ukanti ke xa uthe waphupha imali engamaphepha, oko kuchaza ukuthi kukho okuhle okuzayo kwicala lakho nokuba yimpumelelo emsebenzini, ingqesho, imali ezayo nantonina ezakonwabisa. Camagu!

Iphupha: Ndisoloko ndiphupha umlambo oku ityhume ndiwela okanye ndiqubha emanzini amaninzi, ndineminyaka ndisoloko ndiphupha ndisemanzini ufike emaninzi okanye kubekho inkomo ecaleni kwala manzi.

Impendulo: Camagu Mhlekazi! Amanzi ephupheni angqamane nobuwena kuquka amasiko nezithethe zakowenu.

Kukho nkolo ethi sonke singabantu nje umnombo wethu usuka khona emanzini. Ngokwephupha lakho kuyacaca ukuthi wena ungumntu onokugula okumhlophe.

Ukuba ke sele wayamnkela ingulo leyo ziyakukhweba izihlwele zakho kwimfukamo ezakuphilisa wena nosapho lwakho.

Eli phupha ke lizakuzingisa de ube kanti uyayenza lento ifunekayo kuba nawe uyayazi. Camagu!

Iphupha: Ndihlutshwa liphupha lelindle, endide ndilibambe nangezandla kuba ndizama ukulisusa.

Impendulo: Camagu! Asiphupha lihle ke noko eli. Wena unenkunzi yomgqwaliso nemimoya yobumnyama ekongameleyo. Zama ukufuna uncedo ngokukhawuleza. Camagu!

Iphupha: Ndiphuphe ndihamba nabantu abaninzi, sisemlanjeni omkhulu owawukade ugcwala amanzi, kodwa ngoku utshile, iintlanzi zingaphandle.

Sifike saxakeka apha sifota kwade kwangokuhlwa, kwafika umntu ogadayo othi izilwane zomlambo ziyakhweleta masihambeni.

Kweza esinye esingathi lufudo kum lithi nca esifubeni. Ndikhale ndilisuse, kodwa ndifike endlini lindilandele, kodwa ndothuka.

Impendulo: Camagu sisi! Wena sabela uyabizwa, zama ukucezela kude kwindawo enamanzi, nokuba lulwandle okanye idama de ube kanti uyenzile le nto ifunekayo. Camagu!

* KHUMBULA ukuba unephupha orhalela ukuba lichazwe, thumela umyalezo ngombane ku: isibhalo@inl.co.za okanye ngeposi ku45 Devereux Avenue, Vincent, East London, 5247 okanye ngefeksi ku: 043 721 1564.

Ungasindwendwela kuFacebook (Ilisolezwe) okanye uTwitter (@ilisolezwe) usishiyele umyalezo. UMphilisi uyafumaneka nakuFacebook phantsi kwegama uMphilisi – The Healer