Iphupha: Ndiphuphe ndikwaBishop Tutu endincamisa ezandleni kunye namaxhegokazi amabini, bonke benezisini.
Impendulo: Eli phupha lelinye la maphupha aphenjelelwa kokubonileyo wena mphuphi okanye okusematheni nokungundaba mlonyeni.
Uyakukhumbula ukuba unyawontle lo impilo yakhe inkenenkene. Ngoko ukuncedisana nephupha eli lakho zama nawe ukubeka unyawontle lo emithandazweni njengoko abaninzi besenza.
Iphupha: Ndiphuphe ndikwi-ofisi esentabeni nonobhala weANC uGwede Mantashe ehlalutya iziphumo zonyulo, bekugqalwa nendlela ephumela kule ntaba.
Impendulo: Ukuba ungumthandi wombutho lowo. Mhlawumbi eli likhwelo kuwe lokuba uthabathe amanyathelo okujongana nemiceli mngeni – kumbutho lowo.
Iphupha: Ndiphuphe sizama ukukha iiwatermelons kunye nomkhuluwa wam emthini ohlabayo. Lithetha ukuthini?
Impendulo: Eli phupha lizama ukuchaza ukuba wena nomkhuluwa ninezinto enibambene ngazo nezibangela ukuba kungabikho nkqubela phakathi kwenu.
Lo nto ke ikwavala ukuba kungabikho bambiswano phakathi kwakho nobhuti wakho malunga nemiba yekhaya. Ngowuzama ukuthethana nomkhuluwa wakho nibone ukuba ningalungisa phi na ukubheka phambili. Camagu!
Iphupha: Ndiphuphe sikhetha inkomo yomnye umzi ebibhitye kakhulu phakathi komhlambi wakuthi ebuhlanti
Impendulo: Camagu. Kuzakufuneka nenze umsebenzi wokuhlambulula ubuhlanti ukuze nizokwazi ukwenza imisebenzi yenu kakuhle, iphupha eli lizama ukubona ukuba kukho iizinto ezingumngenela ekhayeni lenu nezinokubangela umsantsa phakathi kwekhaya xa zithe azananzwa.
Ngoku kufuneka nenze uphendlo ukuzama ukukhangela ukuba kumele nenze kanjani na.
Iphupha: Ndiphinde ndaphupha kuthewuka inqwelomoya encinane, yaza yatsha yaphela naboo bantu balishumi bebekuyo.
Impendulo: Iphupha eli alinantsingiselo ibheke phi kuba kwalona alivezi noba abantu abo bebekulonqwelo moya ngabantu obaziyo kusini. Kuzakufuneka ucele amawenu aye akucacisele kwakho ngephupha eli alikhanyise kwanjalo. Chosi!
Iphupha: Camagu mphilisi! Ndiphuphe ndisekhaya, kukho umsebenzi obukhona. Ndibone intombi ebendikade ndincuma nayo nesele sinexeshana sohlukene phakathi kwekhaya likhona ekunye noodadethu, namalungu osapho abhinqileyo.
Lo nto iwuvuyisile umoya wam ephupheni, kodwa khange sikwazi side sithethe. Naxa ndihleli kwenye indlu bendinethemba lokuba uzakungena athethe nam kodwa akwabinjalo. Uthe xa ehamba wakhatshwa ngoodadethu nabantakwethu begcwelise iimoto ezimbini.
Kuthe sebemkile unyana womkhuluwa wathi mandihambe naye ngenye imoto andise kubo. Siye sihamba ngenye indlela athi yi shortcut kodwa ndothuka singekade sifike kubo.
Impendulo: Camagu kuyacaca ukuba intombi leyo ubuyithanda kakhulu. Ndikucebisa ukhe uzame ukuqhagamshelana naye hleze kuthi kanti kukho nto imxakileyo naye nenokuthi wena umncede kuyo.
Kwaye isenokuba lithuba elihle eli lokubuyelana xa kanti nisancwasene. Camagu!
Iphupha: Camagu mphilisi, ndiphupha ndikunye nootata abalishumi, omnye wabo exelela abanye ukuba ndinelitye legolide elisesuswini, kufuneka ndibe nomncedisi.
Ndaphinda ndaphupha ndisemyezweni kukho, imifuno neziqhamo, abantwana abangamantombi bezidlalela. Okwesithathu ndaphupha ndibhabhatizwa elwandle, nasemlanjeni.
Impendulo: Le ngqokelela yamaphupha akho ichaza ubizo onalo, bizo elo linobuthandazeli. Wena kumele usabele ubizo olo ukuze uzokwazi ukuncedakala. Chosi!
* KHUMBULA ukuba unephupha orhalela ukuba lichazwe, thumela umyalezo ngombane ku: isibhalo@inl.co.za okanye ngeposi ku45 Devereux Avenue, Vincent, East London, 5247 okanye ngefeksi ku: 043 721 1564.
Ungasindwendwela kuFacebook (Ilisolezwe) okanye uTwitter (@ilisolezwe) usishiyele umyalezo. UMphilisi uyafumaneka nakuFacebook phantsi kwegama uMphilisi – The Healer
Ukuwa kwaMapolisa, kuvula indlela yeWSU All Blacks!